Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

I-JW BROADCASTING

Bukela Oovimba Beevidiyo kwiRoku

Bukela Oovimba Beevidiyo kwiRoku

Oovimba Beevidiyo bakunceda ukwazi ukubukela naziphi na iividiyo kwiJW Broadcasting ngendlela ofuna ngayo (uyimise, ubuyele umva, uyise phambili, ukwazi nokutsiba). Bukela ividiyo ibenye okanye ubukele zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo.

(Phawula: Indlela yokusebenzisa iRoku 3 ibonisiwe apha. Isixhobo sakho sokudlala iTV (Remote) sisenokwahluka kancinci.)

Khetha indawo ethi Oovimba Beevidiyo kuJW Broadcasting ukuze ubone amacandelo eevidiyo akhoyo. Landela le ndlela iboniswe ngezantsi ukuze ufumane uze ubukele iividiyo:

 Khangela Ividiyo

Usebenzisa imigca ekhombe Ekhohlo naleyo ikhombe Ekunene kwisixhobo sakho sokusebenzisa iRoku (Remote), yiya kwividiyo oyifunayo. Oyikhethileyo uyibona ngomfanekiso ovela esikrinini, umxholo kunye nengcaciso emfutshane. Cofa indawo ethi OK ukuze ukhethe leyo uyikhethileyo.

Ezinye iividiyo zifumaneka kumacandelo ahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, ividiyo ethi Unyana Wolahleko Uyabuya inokufumaneka kwicandelo elithi Iimuvi, Intsapho, nakwelithi Abafikisayo.

Iividiyo ezikwindawo enamacandelo zahlukahlukene. Njengoko usebenzisa imigca ekwalathisa apho unokuya khona kweli phepha kwisixhobo sakho sokusebenzisa iRoku (Remote), inkcazelo evelayo ibonisa umxholo wevidiyo oyikhethileyo nobude bayo.

  • Imigca ekhombe Phezulu naleyo ikhombe Ezantsi: Ikusa kumacandelo ahlukahlukeneyo. Umxholo weevidiyo ezahlukahlukeneyo uyavela.

  • Imigca ekhombe Ekhohlo naleyo ikhombe Ekunene: Jonga zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo.

    Icebiso: Kwicala elingentla ekunene kuvela iividiyo ezahlukahlukeneyo naleyo uyifunayo.

Cofa kwindawo ethi OK ukuze uveze ividiyo nendawo ebonisa iinkcukacha zaloo vidiyo. Khetha enye yezi ndlela kuloo ndawo:

  • Dlala: Yiqale ekuqaleni ividiyo.

  • Dlala Eveza Amagama Ngezantsi: Le ndlela isebenza kuphela ukuba loo vidiyo uyifunayo inawo amagama avela ngezantsi. Ukuba ukhetha yona, ividiyo iza kuveza amagama ngezantsi (xa inawo) kuzo zonke iividiyo Ezidlalayo Noovimba Beevidiyo. Ukuba ufuna angaveli amagama, cofa indawo ethi Dlala Ezingenawo Amagama Ngezantsi.

  • Dlala Zonke Iividiyo Ezahlukahlukeneyo: Dlala zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo, uqala ngeyakutshanje.

    Icebiso: Loo nto uyivulileyo iza kucima xa zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo sele zidlalile.

 Oko Ufuna Ukukwenza Kwividiyo

Xa kudlala ividiyo kwicandelo elithi Oovimba Beevidiyo, unokwenza oko ufuna ukukwenza kwividiyo ngesixhobo sakho sokusebenzisa iRoku (Remote) ngale ndlela:

  • Yimise: Misa ividiyo. Phinda ucofe elo qhosha kwakhona ukuze idlale ividiyo.

  • Yise phambili: Misa ividiyo uze ukhawuleze uyise phambili. Xa ufikile kwindawo ofuna ukuba idlale kuyo, cofa indawo ethi Dlala.

    Icebiso: Unako ukucofa indawo yokuyisa phambili ividiyo kangangoko ufuna ukuze uye phambili ngokukhawuleza.

  • Buyela umva: Misa ividiyo uze uyibuyisele ngasekuqaleni kwayo. Xa ufikile kwindawo ofuna ukuba idlale kuyo, cofa indawo ethi Dlala.

    Icebiso: Unako ukucofa indawo ethi Buyela umva kangangoko ufuna ukuze ibuyele umva ngokukhawuleza.

  • Umgca Okhombe Ekunene: Misa ividiyo uze ukhawuleze uyise phambili ngemizuzwana eli-10. Xa ufikile kwindawo ofuna ukuba idlale kuyo, cofa indawo ethi Dlala.

  • Umgca Okhombe Ekhohlo: Misa ividiyo uze ukhawuleze uyibuyise umva ngemizuzwana eli-10. Xa ufikile kwindawo ofuna ukuba idlale kuyo, cofa indawo ethi Dlala.

  • Umgca Okhombe Ezantsi: Veza inkcazelo engale vidiyo kangangemizuzwana. Cofa kwakwindawo enye ukuze ucime inkcazelo oyivulileyo.

  • Umgca Okhombe phezulu okanye Wokubuyela umva: Buyela kwindawo eneenkcukacha ngale vidiyo.

 Bukela Iividiyo Zakutshanje Okanye Ezibangela Umdla

Iphepha lokuqala leJW Broadcasting lineenxalenye ezimbini zecandelo elithi Oovimba Beevidiyo:

  1. Ezibangela umdla: Xa ezi vidiyo zikhona, iba ziividiyo ezibangela umdla, njengezo zithetha ngeentlanganiso zebandla okanye unqulo lwentsapho.

  2. Ezakutshanje: Ezi iba ziividiyo ezintandathu ezisanda kubakho.

Landela le ndlela ukuze ukhethe ividiyo ekwezo zahlukahlukeneyo:

  • Khetha kwezahlukahlukeneyo usebenzisa umgca okhombe Ngentla okanye Ngezantsi.

  • Cofa kwindawo ethi OK ukuze kuvele ezo uzikhethileyo kwiivdiyo ezahlukahlukeneyo.

  • Sebenzisa umgca okhombe Ngentla okanye Ngenzantsi ukuze ubone iividiyo.

  • Cofa kwindawo ethi OK ukuze kuvele ividiyo oyikhethayo neenkcukacha zayo.