UKUNCEDA IINTSAPHO | UKUBA NGUMZALI
Ukunceda Umntwana Acinge Xa Edlala
Eli gama lithi “acinge xa edlala’ libhekisela ekuzonwabiseni okwenza umntwana afune ukwenza ezinye izinto xa edlala.
Nantsi imizekelo:
Ukuzoba
Ukubhaka
Ukuzenzela ibhola
Ukucula
Izinto zokwakha
Ukudlala ngezinto ezingenamsebenzi (nokudlala ngekhalbhothi kungamenza umntwana acinge)
Kumazwe amaninzi, endaweni yokuba umntwana acinge xa edlala, uzonwabisa ngokudlala ngezinto azilungiselelwe ngabanye abantu.
Ngaba ufanele uxhalabe?
Oko umele ukwazi
Ukudlala ngezinto ezimenza acinge umntwana, kumenza akhule. Le nto inokumenza abe sempilweni, abe nobuchule bokwenza izinto, aze avane nabanye. Abantwana banokutsho bafunde ukuba nomonde, bakwazi ukwenza izigqibo ezilungileyo, bafunde ukulawula indlela abaziva ngayo, baze bavane nabo bonke abantwana abadlala nabo. Lilonke, ukudlala ngezinto ezimenza acinge umntwana, kungamnceda naxa emdala.
Ukusoloko ukwizixhobo ze-elektroniki kunokuba yingozi. Xa abantwana besoloko bedlala ngezixhobo ze-elektroniki, kuye kube nzima ukwahlukana nazo. Le nto inokubenza batyebe besebancinci bathande nokulwa. Ngoko abazali abanika abantwana babo izixhobo ze-elektroniki ukuze bachithe isithukuthezi ngazo, bayalunyukiswa.
Ukubenzela izinto abafanele badlale ngazo akubancedi abantwana. Xa abazali belungiselela abantwana izinto abamele badlale ngazo, abantwana ababi nalo ixesha lokudlala ngezinto eziza kubenza bacinge okanye babe nobuchule. Kodwa ke abantwana bayabudinga obo buchule.
Oko unokukwenza
Lungiselela izinto eziza kubenza bacinge xa bedlala. Ukuba iimeko ziyavuma, abantwana mabadlale phandle ukuze bazokuqhelana nendalo. Bavumele bafunde ukwenza izinto ngezandla zabo, baze badlale ngeethoyi eziza kubenza babe nobuchule. a
Into onokucinga ngayo: Zeziphi iimpawu nezinto zokudlala ezinokunceda umntwana wam akhule ibe zinokumnceda njani ebomini?
Umgaqo weBhayibhile: “Ukuqeqesha umzimba, kuyanceda.”—1 Timoti 4:8, umbhalo osemazantsi.
Ligade ixesha abalichitha besebenzisa izinto ze-elektroniki. Qala ucinge ngaphambi kokuba uvumele ifowuni, itablet okanye iTV zikugcinele umntwana wakho. Oogqirha babantwana bacebisa ukuba abantwana abangaphantsi kweminyaka emibini bangazisebenzisi izixhobo ze-elektroniki okanye babukele iTV. Bona abantwana abaphakathi kweminyaka emibini nemihlanu, abafanele bagqithe kwiyure besenza le nto. b
Into onokucinga ngayo: Yeyiphi imithetho endinokuyibekela umntwana wam, xa esebenzisa izixhobo ze-elektroniki? Ngaba ndifanele ndizisebenzise naye? Zeziphi ezinye izinto anokuzisebenzisa endaweni yezixhobo ze-elektroniki?
Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nizigadile ukuba ningenzi izinto njengabantu abangezozilumko, kodwa nizenze njengezilumko, nilisebenzise kakuhle ixesha.”—Efese 5:15, 16.
Zicinge kakuhle izinto umntwana wakho aza kuchitha ixesha lakhe kuzo. Zinokumnceda umntwana akwazi ukwenza izinto kodwa ezi zinto zinokwenza istress hayi nje emntwaneni qha nakumzali ekunokufuneka amxhase. Umgaqo okumaEfese 5:15, 16 othetha ngokusebenzisa kakuhle ixesha, uyasebenza nalapha.
Into onokucinga ngayo: Ngaba abantwana bam ndibalungiselela izinto ezininzi abamele badlale ngazo? Ukuba kunjalo, luluphi utshintsho endinokulwenza?
Umgaqo weBhayibhile: ‘Qinisekani ngezona zinto zibalulekileyo.’—Filipi 1:10