UKUNCEDA INTSAPHO | UKUKHULISA ABANTWANA
Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Babonise Umbulelo
Uphando lubonisa ukuba abantu abanombulelo bayonwaba, babe sempilweni, bayakwazi ukunyamezela ubunzima, ibe bavana kakhulu nabahlobo babo. Umphandi uRobert A. Emmons uthi ukuba nombulelo “kunceda umntu angabi namona, inzondo, azicingele yedwa, okanye acinge izinto ezimbi.” a
Kubanceda njani ukuba nombulelo abantwana? Kuphando olwenziweyo kubantwana abayi-700 kwiminyaka eyi-4, luye lwabonisa ukuba abantwana abanombulelo abadli ngokukopa, basebenzise kakubi iziyobisi notywala, okanye babe nengxaki yokuziphatha.
Umntu ocinga ukuba ufanelwe zizinto ezithile usenokungabi nawo umbulelo. Abantwana abaninzi bacinga ukuba izinto ezintle ezenzeka kubo bezifanele zenzeke kakade. Awubinawo umbulelo xa ujonga izinto oziphiweyo njengezinto ebekunyanzelekile ukuba uzinikwe.
Ixhaphakile loo nto kule mihla. Omnye umama onguKatherine uthi, “Kweli lizwe siphila kulo kufundiswa abantu ukuba bamele babe nayo nantoni na abayifunayo. Siye siboniswe izinto ezininzi ekuthiwa ‘simele’ sibe nazo kwaye kuthiwa simele sibe ngabokuqala ukuzifumana.”
Ungabafundisa ukuba nombulelo besebancinci. Omnye umama ekuthiwa nguKaye uthi: “Abantwana bayafundiseka. Ukubafundisa izinto ezilungileyo besebancinci kufana nokuxhasa isityalo ngokhuni ukuze singagobi xa sikhula.”
Ungabafundisa njani ukuba nombulelo?
Bafundise indlela yokuthetha. Nabantwana abancinci banokufunda ukuthi enkosi xa kukho umntu obapha into okanye onobubele kubo. Njengokuba besiya bekhula, baza kuba nombulelo kakhulu xa abanye bebabonisa ububele.
Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani nibulela.”—Kolose 3:15.
“Umzukulwana wethu oneminyaka eyi-3 usoloko esithi ‘enkosi’ ibe xa enento ayifunayo akalibali ukuthi ‘ndiyacela.’ Loo nto wayifunda kubazali bakhe. Indlela abazali bakhe ababonisa ngayo umbulelo naye iyamfundisa ukuba makasoloko ebonisa umbulelo.”—UJeffrey.
Bafundise izinto abamele bazenze. Bafundise abantwana bakho ukubhala ikhadi lombulelo xa kukho umntu obaphe isipho. Enye into, xa nabo ubanika umsebenzi, loo nto inokubanceda bawuxabise umsebenzi owenzayo ukuze uqiniseke ukuba izinto zihamba kakuhle ekhaya.
Umgaqo weBhayibhile: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”—IZenzo 20:35.
“Abantwana bethu ababini bayasincedisa ekuphekeni, nakweminye imisebenzi yalapha endlini. Loo nto yenza bazixabise izinto esizenzayo njengabazali, ibe ibenza babe nombulelo.”—UBeverly.
Bafundise indlela efanelekileyo yokucinga. Isityalo sikhula kakuhle emhlabeni otyebileyo. Ngokufanayo umbulelo uyazenzekela xa umntu ethobekile. Abantu abathobekileyo bayazi ukuba ukuze bazenze kakuhle izinto badinga uncedo lwabanye, ibe baye babe nombulelo xa kukho abantu ababaxhasayo.
Umgaqo weBhayibhile: “Nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani, ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.”—Filipi 2:3, 4.
“Kukho into esikhe siyidlale xa sisitya kunye. Mntu ngamnye uye achaze into anombulelo ngayo. Le nto yenza ukuba sonke sicinge ngezinto ezintle esinokuba nombulelo ngazo, kunezo zinokusikhathaza.”—UTamara.
Icebiso: Yiba ngumzekelo. Abantwana bayakhawuleza ukufunda xa usoloko ubonisa umbulelo kubo nakwabanye abantu.
a Kwincwadi ethi Thanks! How Practicing Gratitude Can Make You Happier.