Ukuphila Nesifo Esinganyangekiyo—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?
Impendulo yeBhayibhile
Ewe. UThixo ubakhathalele abakhonzi bakhe abagulayo. IBhayibhile ithi ngomkhonzi othembekileyo: “UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula.
” (INdumiso 41:3) Ukuba unesifo esinganyangekiyo, ezi zinto zintathu ziya kukunceda unyamezele:
Thandazela amandla okunyamezela. Unokufumana “
uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda
” olunokuthomalalisa ixhala luze lukulondoloze.—Filipi 4:6, 7.Yiba nembono entle. IBhayibhile ithi: “
Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo; kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
” (IMizekeliso 17:22, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Yenza izinto ezikonwabisayo kuba ukwenjenjalo kukubangela ube bhetele.Jonga phambili kwikamva. Ukungagungqi kwithemba onalo kunokukunceda wonwabe nangona unesifo esinganyangekiyo. (Roma 12:12) IBhayibhile ithi kuza ixesha apho ‘
kungekho ummi wakhona oya kuthi: “Ndiyagula.
”’ (Isaya 33:24) Ngelo xesha uThixo uya kubaphilisa abantu kwizigulo ezinganyangekiyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ikuchaza ngale ndlela ukupheliswa kokwaluphala: “Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.
”—Yobhi 33:25.
Phawula: Nangona amaNgqina kaYehova elufumana uncedo oluvela kuThixo, ayaya koogqirha xa enezifo ezinganyangekiyo. (Marko 2:17) Noko ke, asikhuthazi uhlobo oluthile lwamayeza; sivakalelwa kukuba umntu ufanele azenzele esakhe isigqibo ngonyango.