Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngokuhlanjululwa Kwemiphefumlo?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Akunjalo. EBhayibhileni alikho igama elithi “ukuhlanjululwa komphefumlo,” ibe ayikho imfundiso yokuba imiphefumlo yabantu abafileyo iyahlanjululwa endaweni ethile. a Funda ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngesono nokufa uze ubone indlela oko okwahluke ngayo kwimfundiso yokuhlanjululwa kwemiphefumlo.
Ukholo kwigazi likaYesu, hayi kwindawo yokuhlanjululwa kwemiphefumlo, lubangela umntu axolelwe iizono. IBhayibhile ithi, ‘igazi likaYesu uNyana kaThixo lisihlambulule kuso sonke isono’ ibe ‘uYesu Kristu. . .wasikhulula kwizono zethu ngegazi lakhe.’ (1 Yohane 1:7; ISityhilelo 1:5, iNew American Bible) UYesu wanikela ‘ngomphefumlo wakhe waba yintlawulelo ngenxa yabaninzi’ ehlawulela izono zabo.—Mateyu 20:28, iNAB.
Abantu abaswelekileyo abazi nto. “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto.” (INtshumayeli 9:5) Umntu oswelekileyo akhonto ayivayo ibe ngenxa yaloo nto akanakuhlanjululwa emlilweni.
Emva kokuba umntu eswelekile akagwetywa. IBhayibhle ithi, ‘umvuzo wesono kukufa’ ibe ‘umntu oswelekileyo ukhululekile esonweni.’ (Roma 6:7, 23 iNAB) Emva kokuba umntu eswelekile akagwetywa.
a Xa ithetha ngokuhlanjululwa kwemiphefumlo, incwadi ethi, Orpheus: A General History of Religions ithi, “kwiiNcwadi ZeVangeli akuthethwa nto ngokuhlanjululwa kwemiphefumlo.” Ngendlela efanayo, iNew Catholic Encyclopedia ithi: “Imfundiso yamaKatolika yokuhlanjululwa kwemiphefumlo sisithethe, ayikho kwiZibhalo eziNgcwele.”—Uhlelo Lwesibini, Umqulu 11, iphepha 825.
b Funda iNew Catholic Encyclopedia, Uhlelo Lwesibini, Umqulu 11, iphepha 824.