Kutheni Uthandaza? Ngaba UThixo Uza Kundiphendula?
Impendulo yeBhayibhile
Ewe, uza kuyiphendula. IBhayibhile namava obomi abonisa ukuba uThixo uyayiphendula imithandazo. IBhayibhile ithi: “Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo [uThixo], nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.
” (INdumiso 145:19) Ubukhulu becala uThixo uxhomekeke kuwe ukuze uThixo ayiphendule imithandazo yakho.
Izinto ezibalulekileyo kuThixo
Kukuba uthandaze kuye, kungekhona kuYesu, uMariya, kwiinkokeli zonqulo, kwiingelosi okanye kwimifanekiso. NguYehova uThixo kuphela ‘
onguMphulaphuli wemithandazo.
’—INdumiso 65:2.Kukuba uthandaze ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo okanye izinto azifunayo ezichazwe eBhayibhileni.—1 Yohane 5:14.
Kukuba uthandaze egameni likaYesu, ulazi igunya analo. “
Akukho bani uzayo kuBawo ngaphandle kokuza ngam,
” watsho njalo uYesu.—Yohane 14:6.Kukuba nokholo xa uthandaza, nokucela ukholo olungakumbi xa kuyimfuneko.—Mateyu 21:22; Luka 17:5.
Kukuba Uthobeke yaye unyaniseke. IBhayibhile ithi: “
UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo.
”—INdumiso 138:6.Kukuba ngumntu ozingisayo. UYesu wathi: “
Qhubekani nicela, niya kunikwa.
”—Luka 11:9.
Izinto ezingabalulekanga kuThixo
Libala lolusu lwakho nelizwe ohlala kulo. “
UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.
”—IZenzo 10:34, 35.Indlela oma ngayo xa uthandaza. Ungathandaza kuThixo uhleli phantsi, ugobile, uguqile okanye umi ngeenyawo.—1 Kronike 17:16; Nehemiya 8:6; Daniyeli 6:10; Marko 11:25.
Enoba uthandaza ngokuvakalayo okanye ngaphakathi. UThixo uphendula nomntu othandazela ngaphakathi engaviwa ngabanye abantu.—Nehemiya 2:1-6.
Enoba into oyixhalabeleyo ibonakala ingabalulekanga. UThixo uyakubongoza ukuba ‘
uliphose kuye lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.
’—1 Petros 5:7.