Ithini IBhayibhile NgeKrismesi?
Impendulo yeBhayibhile
IBhayibhile ayiwuchazi umhla uYesu awazalwa ngawo, ingatsho nokuba sifanele siwubhiyozele. ICyclopedia kaMcClintock noStrong ithi: “Ukugcinwa kweKrismesi akuzange kumiselwe ngokobuthixo, kungazange kuvele nakwiTestamente Entsha.
”
Endaweni yoko, imvelaphi yeKrismesi isuka kwimisitho yonqulo lwabahedeni. IBhayibhile ibonisa ukuba siyamkhubekisa uThixo ukuba simnqula ngendlela angayamkeliyo.—Eksodus 32:5-7.
Imvelaphi yezithethe zeKrismesi
Ukubhiyozela umhla wokuzalwa kukaYesu: “
AmaKristu okuqala ayengakubhiyozeli ukuzalwa [kukaYesu] kuba ayekujonga ukubhiyozela ukuzalwa kwakhe nawuphi na umntu njengesiko lobuhedeni.
”—The World Book Encyclopedia.UDisemba 25: Abukho ubungqina bokuba uYesu wazalwa ngolu suku. Iinkokeli zeecawa zakhetha olu suku zaza zalidibanisa nemibhiyozo yabahedeni eyayisiba sebusika.
Ukuphana izipho, izidlo, Nemijuxuzo: IThe Encyclopedia Americana ithi: “
Uninzi lwezithethe zemigcobo yeKrismesi lusekelwe kwiSaturnalia, itheko lamaRoma elibhiyozelwa phakathi kuDisemba. Ngokomzekelo, kulo mbhiyozo kwalandelwa isithethe sokwenza amatheko amakhulu, ukuphana izipho, nokukhanyiswa kwamakhandlela.
” IEncyclopædia Britannica ithi “ayevalwa amashishini yaye kwakungasetyenzwa
” xa ilixesha leSaturnalia.Izibane zeKrismesi: Ngokutsho kweThe Encyclopedia of Religion, abantu baseYurophu babehombisa izindlu zabo “
ngezibane nangemithi enamagqabi aluhlaza
” ukuze kubhiyozelwe imini eyayisiba neeyure ezimfutshane nokugxotha imimoya engendawo.IMistletoe engcwele: “
Upristi wecawa yamaCeltic wayesithi olu hlobo lwesityalo luya kwazi ukwenza imimangaliso. Esi sityalo singcwele sasinqulwa ngenxa yokuba sasizisa ithemba lokubuya kwelanga.
”—The Encyclopedia Americana.Umthi weKrismesi: “
Ukunqulwa komthi kwakuxhaphakile phakathi kwabahedeni baseYurophu kwaye baqhubeka nalo mkhwa nasemva kokuba beguqukele kubuKristu.
” Lo mkhwa ubonakala kwizithethe ezahlukeneyo kuquka “isiko . . . lokubeka umthi weKrismesi emnyango okanye ngaphakathi endlwini.
”—Encyclopædia Britannica.