Kuthetha Ukuthini ‘Ukubeka Uyihlo Nonyoko’?
Impendulo esuka eBhayibhileni
Usoloko uvela eBhayibhile umyalelo othi, “beka uyihlo nonyoko.” (Eksodus 20:12; Duteronomi 5:16; Mateyu 15:4; Efese 6:2, 3) Uquka ezi zinto zine.
Baxabise. Xa ubabulela ngazo zonke izinto abakwenzele zona, uyababeka abazali bakho. Unokubonisa indlela obabulela ngayo ngokubathobela. (IMizekeliso 7:1, 2; 23:26) IBhayibhile ikhuthaza ukuba uzidle ngabazali bakho.—IMizekeliso 17:6.
Lihlonele igunya abanalo. Uyababeka abazali bakho xa uliqonda igunya uThixo abanike lona, ingakumbi xa usemtsha. AmaKolose 3:20 athi kulutsha: “Bathobeleni abazali benu ezintweni zonke, kuba oko kukholekile eNkosini.” Xa wayesemtsha uYesu wabathobela abazali bakhe.—Luka 2:51.
Bahlonele. (Levitikus 19:3; Hebhere 12:9) Bahlonele ngezinto ozithethayo nangendlela ozithetha ngayo. Yinyaniso kona ukuba abanye abazali benza izinto ezibangela kube nzima ukubahlonela. Sekunjalo, abantwana banokubabeka abazali babo ngokukuphepha ukuthetha kakubi nabo nokwenza izinto ezibonisa ukungabi nantlonelo. (IMizekeliso 30:17) IBhayibhile ifundisa ukuba ukuthetha kakubi nabazali yinto embi kakhulu.—Mateyu 15:4.
Baxhase. Xa abazali bakho bekhulile, basenokudinga uncedo. Unokubabeka ngokuqiniseka ukuba banazo izinto abazidingayo. (1 Timoti 5:4, 8) Ngokomzekelo, ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu waqinisekisa ukuba umama wakhe uyakhathalelwa.—Yohane 19:25-27.
Ubuxoki ngokubeka uyihlo nonyoko
Ubuxoki: Ukuze ubeke uyihlo nonyoko kufuneka ubavumele balawule umtshato wakho.
Inyaniso: IBhayibhile ifundisa ukuba ngumntu otshate naye oza kuqala kunabanye abantu. IGenesis 2:24 ithi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo.” (Mateyu 19:4, 5) Ewe kona, abantu abatshatileyo banokuncedwa ngamacebiso abazali. (IMizekeliso 23:22) Kodwa ke, abantu abatshatileyo basenokugqiba ekubeni bangabavumeli abanye abantu ukuba balawule umtshato wabo.—Mateyu 19:6.
Ubuxoki: Kumele kuviwe ngabazali.
Inyaniso: Nangona uThixo wanika abazali igunya entsatsheni, ligunya likaThixo elingaphezu kwelabanye abantu. Ngokomzekelo, xa inkundla ephakamileyo yayalela abafundi bakaYesu ukuba bangamthobeli uThixo, bathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” (IZenzo 5:27-29) Ngendlela efanayo, abantwana bathobela abazali babo “ngokumanyene neNkosi,” okuthetha ukuthi, kuzo zonke izinto ezingangqubaniyo nemithetho kaThixo.—Efese 6:1.
Ubuxoki: Ukuze ubeke abazali bakho, kufuneka ukholelwe izinto abazikholelwayo.
Inyaniso: IBhayibhile isikhuthaza ukuba sizihlole izinto esizifundiswayo ukuze sibone ukuba ziyinyani kusini na. (IZenzo 17:11; 1 Yohane 4:1) Ekugqibeleni, umntu owenza loo nto usenokukhetha ukukholelwa into eyahlukileyo kuleyo ikholelwa ngabazali bakhe. IBhayibhile ithetha ngabakhonzi bakaThixo abaliqela abangazange bakholelwe izinto ezazikholelwa ngabazali babo, kuquka uAbraham, uRute nompostile uPawulos.—Yoshuwa 24:2, 14, 15; Rute 1:15, 16; Galati 1:14-16, 22-24.
Ubuxoki: Ukuze ubeke abazali bakho kufuneka uhlonele izinyanya.
Inyaniso: IBhayibhile ithi: “NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye nguye yedwa omele unikele inkonzo engcwele kuye.” (Luka 4:8) UYehova akakholiswa ngumntu ohlonela izinyanya. Ngapha koko, iBhayibhile ifundisa ukuba “abafileyo, abazi nto konke konke.” Abababoni abantu ababahlonelayo, abakwazi ukubanceda okanye babonzakalise.—INtshumayeli 9:5, 10; Isaya 8:19.