KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
Yeremiya 33:3—“Ndibize, Yaye Ndiza Kukuphendula”
“Ndibize, yaye ndiza kukuphendula, ibe ndizimisele ukukuxelela izinto ezinkulu nezingaqondekiyo obungazazi.”—Yeremiya 33:3, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.”—Yeremiya 33:3, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996.
Into ethethwa nguYeremiya 33:3
Kule vesi, uThixo wayemema abantu ukuba bambize, ngokuthandaza kuye. Ukuba abantu babesamkela eso simemo baze bathandaze kuye, wayeza kubabonisa izinto ezaziza kwenzeka kwixesha elizayo.
“Ndibize, yaye ndiza kukuphendula.” Eli ligama lithi “ndibize,” alithethi kuthi masikhwaze igama likaThixo. Kodwa ukubiza uThixo kuthetha ukucela uncedo nokuthandaza kuye, simcele ukuba asikhokele.—INdumiso 4:1; Yeremiya 29:12.
Kusenokwenzeka ukuba esi simemo sasisiya kumaSirayeli akudala. Ayemshiyile uThixo, ibe ayejikelezwe ngumkhosi waseBhabhiloni. (Yeremiya 32:1, 2) Ngoko uYehova a wamema amaSirayeli ukuba mawabuyele kuye ngokumbiza, ethandaza kuye.
“Ndizimisele ukukuxelela izinto ezinkulu nezingaqondekiyo obungazazi.” Izinto uThixo athembisa ukuba uza kuzichaza aziqondeki, kuba abantu abasoze bakwazi ukuziqonda ngokwabo. Ezi zinto zisenokuchazwa “njengezinto ezifihlakeleyo.”
Zeziphi ezi ‘zinto zifihlakeleyo’ uThixo awayeza kuzichaza? Zizinto ezaziza kwenzeka, ezifana nokutshatyalaliswa kwesixeko saseYerusalem, nokuba sasiza kuphinda sakhiwe. (Yeremiya 30:1-3; 33:4, 7, 8) Kodwa uThixo wathembisa ukuba abakhonzi bakhe babeza kuhlala bekhona.—Yeremiya 32:36-38.
Into ekuthethwa ngayo kuYeremiya 33:3
Umprofeti uYeremiya wafumana umyalezo owawuvela kuYehova ngo-608 B.C.E.. Ngelo xesha, uKumkani uZedekiya wayeneminyaka eyi-10 elawula. UYeremiya wayechaze kwangaphambili ukuba iYerusalem yayiza kutshatyalaliswa nokuba uZedekiya wayeza kuthinjwa. Ukumkani zange ayithande loo nto, ngoko wayalela ukuba uYeremiya makabanjwe.—Yeremiya 32:1-5; 33:1; 37:21.
Kwakusenzeka le nto xa uThixo wathetha amazwi akuYeremiya 33:3. Okubuhlungu kukuba, uKumkani uZedekiya namaSirayeli amaninzi baqhubeka bengamthobeli uYehova. (Yeremiya 7:26; 25:4) Zange bambize uThixo, bacele kuye ukuba abakhokele. Emva konyaka, uZedekiya wathinjwa, iYerusalem yatshatyalaliswa, ibe abantu abaninzi abasindayo basiwa eBhabhiloni.—Yeremiya 39:1-7.
Namhlanje, amazwi akuYeremiya 33:3 akhumbuza abantu ukuba uThixo nguye kuphela onokubancede bakwazi “ngendlela echanileyo ukuthanda” kwakhe, ibe abo balifundayo iLizwi lakhe iBhayibhile, unokubabonisa “kwanezinto ezinzulu.” (Kolose 1:9; 1 Korinte 2:10) Ezo zinto zinzulu ziquka izithembiso zikaThixo aza kuzenza kwixesha elizayo.—ISityhilelo 21:3, 4.
Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi kaYeremiya.
a UYehova ligama likaThixo. (INdumiso 83:18) Jonga inqaku elithi “Ngubani UYehova?”