KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE
Galati 6:9—“Masingayeki Ukwenza Izinto Ezilungileyo”
“Masingayeki ukwenza izinto ezilungileyo, kuba siza kuvuna ngexesha elifanelekileyo ukuba asidinwa.”—Galati 6:9, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.
“Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo, kuba xa sizingisa lode lifike ixesha lokuvuna.”—Galati 6:9, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.
Into ethethwa ngamaGalati 6:9
Umpostile uPawulos ukhuthaza amaKristu ukuba aqhubeka esenza izinto ezintle emehlweni kaThixo. Xa amaKristu eyenza loo nto, angaqiniseka ukuba uThixo uza kuwasikelela.
“Masingayeki.” Eli gama lisenokuthetha ukuba “masingadinwa.” Likwathetha ukuba sifanele singatyhafi okanye siphelelwe ngumdla. Umpostile uPawulos naye wazibala xa wayethetha le nto, kuba naye kwakukhe kufuneka alwe nezinto ezazimenza atyhafe.—Roma 7:21-24.
“Izinto ezilungileyo,” okanye ezintle, zizinto umKristu afanele azenze xa ekhonza uThixo. Le nto iquka ukwenzela abantu esikhonza nabo izinto ezintle, nabo singakhonzi nabo kanti.—Galati 6:10.
“Siza kuvuna ngexesha elifanelekileyo ukuba asidinwa.” UPawulos wayekhumbuza abantu awayebabhalela ukuba imiphumo yezinto ezintle abazenzayo isenokuthatha ixesha ngaphambi kokuba ibonakale, njengokuba kuthatha ixesha nokuba isiqhamo sikhule, esityalwe ngumfama. Xa uPawulos wayethetha ngokuvuna, wayedibanisa le vesi nenyani ebalulekileyo ethethwa kumaGalati 6:7 ethi “Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.” Ngamanye amazwi, xa umKristu esenza izinto ezintle emehlweni kaThixo, uza kufumana umvuzo omkhulu, kuquka ubomi obungunaphakade.—Roma 2:6, 7; Galati 6:8.
Into ekuthethwa ngayo kumaGalati 6:9
Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu awayehlala eGalati le leta malunga no-50-52 C.E.. Wayewabhalale ukuze awakhusele kwabo babezenza ngathi bangamaKristu kodwa befundisa ubuxoki ngoYesu. (Galati 1:6, 7) Aba bafundisi bobuxoki babesithi amaKristu ayemele athobele uMthetho uThixo awayewanike amaSirayeli kudala, esebenzisa uMoses. (Galati 2:15, 16) UPawulos wawacacisela ukuba uMthetho sele uwugqibile umsebenzi wawo, ibe abakhonzi bakaThixo kwakunganyanzelekanga ukuba baphile ngawo.—Roma 10:4; Galati 3:23-25.
Xa uPawulos wayekhuthaza amaKristu ukuba angayeki “ukwenza izinto ezilungileyo,” wayengathethi ngokuthobela uMthetho kaMoses. Kodwa, wayewakhuthaza ukuba ‘athobele umthetho kaKristu,’ owawuquka zonke izinto ezafundiswa nguYesu ngokwenzela abanye izinto ezilungileyo.—Galati 6:2; Mateyu 7:12; Yohane 13:34.
Bukela le vidiyo emfutshane ethetha ngencwadi yamaGalati.