ULUTSHA LUYABUZA
Ngaba Ukusebenzelana Nemimoya Kukuzonwabisa Okungeyongozi?
Ucinga ntoni?
Ngaba bukhona ubungozi ekubuziseni kwiinkwekwezi nasekuvumiseni?
Ngaba amabali okusebenzelana nemimoya ayinyani ibe ayingozi?
Eli nqaku liza kusixelela ukuba kutheni ukusebenzelana nemimoya kubonakala kunomtsalane ibe kutheni ufanele ukulumkele.
Yintoni eyenza kube nomtsalane?
Abantu abashishina ngezolonwabo benze imali eninzi ngeemuvi zabo iinkqubo zeTV, iividiyo games; nangeencwadi ezikhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Ngenxa yaloo nto ulutsha oluninzi luye lwanomdla kwizinto ezifana nokuvumisa ngeenkwenkwezi, iidemon, ivampire nobugqwirha. Ngoba? Nazi izizathu:
Kuba befuna ukwazi: Ukuba bakhona nyhani na abantu bomoya needemon.
Kuba benexhala: Ukuze bazi ukuba yintoni eza kwenzeka kwixesha elizayo.
Ukunxibelelana: Ukuze bazame ukuthetha nomntu abamthandayo oswelekileyo.
Isenokungabikho into erongo ngezi zizathu. Ngokomzekelo, yinto eqhelekileyo ukufuna ukwazi into eza kwenzeka kwixesha elizayo okanye ukukhumbula umntu omthandayo oswelekileyo. Kodwa zikhona izinto ekufuneka uzilumkele.
Kutheni ufanele ukulumkele?
IBhayibhile iyasilumkisa kuyo nantoni na enokwenza nokusebenzelana nemimoya. Ngokomzekelo, ithi:
“Makungabikho mntu uvumisayo, owenza imilingo,ochaza ikamva ngokuvumisa, othakathayo, oya egqirheni okanye kumntu ochaza izinto kwangaphambili okanye obuza kubantu abafileyo. Kuba nabani na ozenzayo ezi zinto uyenyanyeka kuYehova.”—Duteronomi 18:10-12.
Kutheni iBhayibhile ingakuvumeli ukusebenzelana nemimoya?
Xa sisebenzelana nemimoya sisebenzelana needemon. IBhayibhile ifundisa ukuba ezinye iingelosi zamvukela uThixo zaza zaba ziintshaba zakhe. (Genesis 6:2; Yuda 6) Abantu abavumisayo, abachaza ikamva kwangaphambili, abo bachaza ikamva ngokuvumisa nangeenkwenkwezi basebenzisa ezi ngelosi zingendawo zibizwa ngokuba ziidemon ukuze balahlekise abantu. Ukwenza ezi zinto kunokusenza sibe ziintshaba zikaThixo.
Ukusebenzelana nemimoya kwenza abantu bacinge ukuba banako ukuchaza ikamva kwangaphambili. Kodwa nguThixo kuphela onokuthi: “Ndingulo uchaza umphumo wezinto zingekenzeki nozichaza kwakudala izinto zingekenzeki.”—Isaya 46:10; Yakobi 4:13, 14.
Ukusebenzelana nemimoya kwenza abantu bacinge ukuba abantu banokuthetha nabantu abaswelekileyo. Kodwa iBhayibhile ithi: “Abafileyo abazi nto kwaphela . . . Akukho msebenzi nakuceba nakwazi nabulumko engcwabeni.”—INtshumayeli 9:5, 10.
Ngenxa yezi zizathu amaNgqina kaYehova awazenzi zonke izinto ezidibene nokusebenzelana nemimoya. Awazonwabisi ngezinto ezifana neezombi; iivampire nezinto ezingaqhelekanga. Intombi enguMaria ithi: “Andiyibukeli kwa-ukuyibukela into edibene needemon.” a
Oko unokukwenza
Zimisele “ukuba nesazela esicocekileyo” phambi kukaYehova ngokungazonwabisi ngayo nantoni na enokwenza nokusebenzelana nemimoya.—IZenzo 24:16.
Lahla nantoni na onayo enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. Funda IZenzo 19:19, 20, ukuze ubone umzekelo omhle owamiselwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala.
Khumbula: Xa ukhetha ukuphepha nakuphi ukuzonwabisa okunento yokwenza nokusebenzelana nemimoya, ukhetha icala likaYehova yaye loo nto iyamvuyisa.—IMizekeliso 27:11.
a Loo nto ayithethi ukuba onke amabali angeyonyani akhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Noko ke, amaKristu asebenzisa isazela esiqeqeshwe yiBhayibhile ukuze aphephe nantoni na okanye ukuzonwabisa okukhuthaza ukusebenzelana nemimoya.—2 Korinte 6:17; Hebhere 5:14.