MATSHI 26, 2020
IINDABA ZASEHLABATHINI LONKE
AmaNgqina KaYehova Emhlabeni Wonke Ashumayela Ngezinye Iindlela Ngexesha Lecoronavirus
Icoronavirus (COVID-19) egcwele umhlaba wonke ibutshintshile ubomi bamaNgqina KaYehova. Ayabathobela abasemagunyeni ibe asamkhonza noYehova. Kwiindawo ezininzi ezinabantu abanecoronavirus abazalwana noodade bashumayela ngezinye iindlela.
Omnye umzalwana wasePisa, eItali, uthi: “Sishumayela kakuhle kakhulu! Mna nenkosikazi sikhangele iinamba zabantu ezifowunini zethu saza saceba ukuthetha nabo ngeevideoconference kuba abantu abaninzi besezindlini ngoku. Sinezifundo zeBhayibhile namabuyelo amaninzi, abantu esasikhe sathetha nabo nesiqalayo ukuthetha nabo, ibe kudlula iiyure ezininzi sishumayela kamnandi kubo.”
Icoronavirus yenze abavakalisi baseSouth Korea bayisebenzisa kakhulu ijw.org neJW Library app. Ngokomzekelo, omnye umzalwana wafumana umyalezo efowunini ovela kumntu owayekade emfundela iBhayibhile. Bayeka kwiminyaka emithathu eyadlulayo. Esi sifundo sathi esi sifo sisenze sabona ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Lo mzalwana wasithumelela ilinki yenqaku elikuJW Library app elithetha ngemihla yokugqibela. Uthi: “Kuyandikhuthaza ukubona ukuba xa abantu bebona ukuba siphila kwimihla yokugqibela baye bafune kakhulu ukufunda ngoThixo nokwazi iBhayibhile.”
Iingxelo esizifumana kwiiofisi zamasebe zibonisa ukuba abazalwana noodadewethu bayakuthanda ukushumayela. Kumnandi ukubona ukuba basebenzisa ‘ubulumko’ ukuze bangayeki ukushumayela iindaba ezilungileyo.—Mika 6:9.
Umveleli wesiphaluka wenza ingxubusho yentsimi ePuerto Rico
Oodade abangoovulindlela babhala iileta kwivideoconference
Kuqhutywa isifundo seBhayibhile eSouth Korea
Umyeni nenkosikazi yakhe bashumayela ngefowuni eFransi
Udade nonyana wakhe bashumayela ngeeleta eHawaii