Yiya kwinkcazelo

Iiofisi Zamasebe AmaNgqina KaYehova Zivaliwe

Iiofisi Zamasebe AmaNgqina KaYehova Zivaliwe

Ukususela ngoSeptemba 2012, umsebenzi weeofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova ezingaphezu kwe-20 uye wasiwa kumasebe amakhulu.

Ngaphezu koko, kuvulwe amasebe amatsha eSerbia naseMacedonia. Nazi izizathu ezibini ezibangele olu tshintsho.

1. Oomatshini Bawenze lula umsebenzi

Kwiminyaka yakutshanje, indlela ubugcisa bokuprinta obuhambele phambili ngayo iye yabangela ukuba amanye amasebe anciphise abasebenzi. Ngenxa yokuba bembalwa abantu abasebenza kumasebe amakhulu, kuye kwavuleka amagumbi okuhlala abo bebesebenza kumasebe amancinane akwamanye amazwe.

Ngenxa yokuba umsebenzi obusenziwa kwamanye amasebe amaninzi usenziwa kwisebe elinye elikhulu, ngoku umsebenzi wokufundisa iBhayibhile wenziwa ngamaNgqina anamava. Ngokomzekelo, umsebenzi wokushumayela eCosta Rica, e-El Salvador, eGuatemala, eHonduras, eNicaragua, nasePanama uphantsi kwesebe laseMexico. Ngenxa yoko, iiofisi zesebe ebezikuloo mazwe mathandathu zivaliwe.

AmaNgqina ayi-40 abekuloo masebe asiwe kwisebe laseMexico. Amanye amalunga nayi-95 abuyele kumazwe awo apho afike akwinkonzo yexesha elizeleyo.

Abanye abahlala kuloo mazwe akuMbindi Merika baye kusebenza kwiiofisi zokuguqulela eziphantsi kwesebe laseMexico. Ngokomzekelo, abaguquleli abasePanama abamalunga nabayi-20 baguqulela iincwadi ngolwimi lwasekuhlaleni. Kwisakhiwo esasiyiofisi yesebe yaseGuatemala, kukho amaNgqina ayi-16 aguqulela iincwadi ngeelwimi ezine zasekuhlaleni. Ngenxa yeli lungiselelo litsha, kuMbindi Merika, abantu abayi-300 abebehlala kwiofisi yesebe baye bancipha baya kutsho kwabayi-75.

2. Ngoku baninzi abantu abachitha ixesha elininzi entsimini

Ngenxa yokuba umsebenzi obusenziwa kwamanye amasebe amaninzi usenziwa kwisebe elinye, abashumayeli abafanelekayo abebekade bekuloo masebe ngoku banokunikela ixesha labo elininzi ekushumayeleni iindaba ezilungileyo.

Elinye iNgqina laseAfrika, elalifumene esinye isabelo sokuya kushumayela labhala: “Kwiinyanga ezimbalwa zokuqala kwakunzima kakhulu ukutshintsha indlela ebendiphila ngayo. Kodwa ukuba sentsimini yonke imihla kundivuyisa ngokwenene yaye ndiye ndasikelelwa kakhulu. Ngoku, ndiqhuba izifundo zeBhayibhile eziyi-20, yaye ezinye zazo ziyaya esifundweni.