Siyakumema Uze Kutyelela Izakhiwo ZeBheteli EMerika
“Sineenkumbulo ezimnandi esingasoze sizilibale ngotyelelo lwethu lwaseBheteli.” Satsho njalo esinye isibini esitshatileyo esisuka eVanuatu, emva kokuba sityelele izakhiwo zamaNgqina kaYehova eziseMerika. Kukho abantu abangaphezu kwabayi-70 000 abatyelela khona nyaka ngamnye yaye nabo bacula eli culo linye.
Ngaba ukhe watyelela kwiBheteli eseMerika? Ukuba awukayi, wamkeleke ngezandl’ ezifudumeleyo.
Yintoni oza kuyibona kwizakhiwo ezithathu?
Ikomkhulu Lehlabathi, eBrooklyn, eNew York. Ungafumana umntu oza kukubonisa isakhiwo, ufunde ngoko kwenziwa yintlangano ukuze kuxhaswe umsebenzi wokushumayela owenziwa kumazwe ngamazwe. Ungaphinda uzibukele nemiboniso emibini. Omnye unomxholo othi, “Abantu Begama LikaYehova,” yaye ubonisa imbali yabantu bakaYehova ukususela kumaKristu okuqala ukuza kuthi ga namhlanje. Omnye unomxholo othi, “IBhayibhile Negama LikaThixo,” ubonisa iinguqulelo eziliqela zeBhayibhile ezinegama likaThixo.
Izikolo Zentlangano, ePatterson, eNew York. Ungaboniswa izikolo ezilapho njengeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi neSikolo Samalungu Ekomiti Yesebe Nabafazi Bawo. Ungaphinda uboniswe iividiyo nemiboniso ethetha ngoko kwenziwayo kwiiofisi, njengakwiSebe Lokuzoba, Elokurekhoda, Elezomthetho Nelenkonzo.
Ukuprintwa Nokuthunyelwa Koncwadi, eWallkill, eNew York. Ungaboniswa indlela iincwadi neeBhayibhile eziye ziprintwe, zidityaniswe zize zithunyelwe ngayo kumabandla aseMerika, kwiiCaribbean nakwamanye amazwe.
Ukhenketho luthatha ixesha elingakanani kwezi zakhiwo?
EBrooklyn luthatha iyure, ePatterson luthatha iiyure ezimbini ize ibe yiyure enesiqingatha eWallkill.
Ngoobani abakhenkethisayo?
Ngabasebénzi baseBheteli. Lo msebenzi bawujonga njengofak’ isandla ekuxhaseni umsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Ukususela ngoMeyi 2014, bebengaphezu kwabayi-5 000 abantu abasebenza kwezi zakhiwo zintathu, yaye abangaphezu kwabayi-3 600 bafundiswa indlela yokukhenkethisa abantu. Abantu bakhenkethiswa ngeelwimi ezimalunga neziyi-40.
Yimalini ukukhenkethiswa?
Akubizi mali.
Ngaba kufuneka ube liNgqina likaYehova ukuze utyelele?
Akunjalo. Abantu abaninzi abatyelelayo abangomaNgqina. Ukutyelela kwezi zakhiwo kuza kunceda amaNgqina nabantu abangengawo bawazi ngakumbi umsebenzi owenziwa yintlangano ekuxhaseni ukushumayela kwamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke.
Elinye ibhinqa elingumSilamsi laseIndiya latyelela ePatterson. Emva kokuboniswa esi sakhiwo lathi: “Nam ndingathanda ukwenza le misebenzi. Ndibulela nento yokuba ndiye ndaphathwa kakuhle.”
Ngaba abantwana bamkelekile?
Ewe! Abantwana banokuncedakala kakhulu. UJohn waseMerika wathi: “Abantwana ababekwiqela lethu abawuvali umlomo oko beye eBheteli. Ngaphambi kokuba baye, bebengayazi ncam ukuba yindawo enjani kodwa ngoku bazimisele ukuba ngeny’ imini baza kusebenza khona.”
Ngaba kuyakhenkethwa kwezinye izakhiwo zamaNgqina kaYehova ezikwamanye amazwe?
Ewe. Ungakhenketha izakhiwo kumazwe amaninzi. Ukuze ufumane iadresi yiya kwindawo ethi, Iofisi Nokukhenketha. Siyakumema ukuba uze kutyelela enye yeeofisi zamasebe zamaNgqina kaYehova.