Yiya kwinkcazelo

Bazinikela Ngokuvumayo EAlbania NaseKosovo

Bazinikela Ngokuvumayo EAlbania NaseKosovo

 UGwen wase-England okhonza eAlbania, a apho kudingeka abavakalisi abangakumbi uthi: “Zange ndayicinga ukuba ndakuze ndimsebenzele kakhulu kangaka uYehova.”

 UGwen ngomnye wamaNgqina kaYehova amaninzi aye afudukela eAlbania ukuze aqokelele “izinto ezixabisekileyo zazo zonke iintlanga.” (Hagayi 2:7) Bakhuthazwa yintoni aba bathunywa bevangeli? Ziintoni ekuye kwafuneka bazitshintshe ukuze bakwazi ukufuduka? Ziintoni ezibancede bavuya xa bebeneengxaki?

Iimeko Zabo Bezingafani Kodwa Befuna Into Enye

 Bonke abavakalisi abafudukele eAlbania bayenze loo nto kuba bemthanda uYehova kwaye befuna nokunceda abanye bazi ngaye.

 Ngaphambi kokuba bafuduke, baqale batshintsha izinto ezithile ukuze bakwazi ukukhonza nangezinye iindlela. Le nto ibancede babona iingxaki ezibakho xa umntu ekhonza kwenye indawo. UGwen uthi: “Ndaqala ngokuba kwiqela elithetha isiAlbania kwidolophu yasekhaya. Emva koko ndaya kwindibano yengingqi eAlbania. Ndaphinda ndabuyela eAlbania ukuze ndifunde ulwimi kakuhle.”

UGwen

 Xa wayena-23, uManuela waya kwenye indawo kwilizwe lakhe eItaly, ukuze ancede kwibandla elincinci. Uthi: “Ndiye ndakhonza apho kangangeminyaka emine. Ndeva ukuba eAlbania kufuneka abavakalisi abangakumbi. Ngoko ndalungiselela ukuyokuba nguvulindlela iinyanga ezimbalwa apho.”

UManuela (Ophakathi)

 UFederica wayeneminyaka eyi-7 ubudala, xa weva kuthethwa ngeAlbania endibanweni yengingqi. Uthi: “Umzalwana owayenikela intetho kuloo ndibano yaseAlbania wathi abavakalisi balapho baqalisa izifundo ezininzi zeBhayibhile ibe nabantu abanomdla bayaya kwiintlanganiso. Ndaxelela abazali bam ukuba nam ndifuna ukuya eAlbania. Le nto ndandiyifuna yabothusa kodwa utata wathi, ‘Yithandazele, ukuba kukuthanda kukaYehova, uza kukumamela.’ Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, intsapho yasekhaya yacelwa ukuba iyokukhonza eAlbania!” Sekudlule iminyaka emininzi ibe uFederica ngoku utshate no-Orges. Bobabini bangoovulindlela eAlbania.

UOrges noFederica

 Emva kokuba uGianpiero efumene umhlala phantsi, yena nomfazi wakhe uGloria bafudukela eAlbania. Uthi: “Oonyana bethu sabakhulisela eItaly. Bobathathu baya kukhonza kwiindawo ezidinga abavakalisi abangakumbi. Sakhuthazwa yiMboniselo eyayinomxholo othi ‘Ngaba Ungawelela EMakedoni?’ Sathetha ngendlela esinokuyisebenzisa ngayo imali yam yomhlala phantsi ukuze sikhonze eAlbania.”

UGianpiero noGloria

Baceba Kakuhle

 Abantu abafuna ukuyosebenzela uYehova kwezinye iindawo bafanele bacebe kakuhle kwangaphambili baze batshintshe izinto ezithile ukuze bakwazi ukufuduka. (Luka 14:28) Enye yezinto abafanele bazenze kukuba nemali eyaneleyo ukuze bakwazi ukuphila kuloo ndawo. UGwen ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi ngoku babesese-England, waya kuhlala nodade wabo omdala ukuze bagcine imali. USophia noChristopher, base-England, bathi: “Sathengisa imoto yethu nefenitsha. Sasizimisele ukuhlala eAlbania noba ngunyaka omnye.” Kodwa bakwazi ukuhlala ixesha elide kunoko.

UChristopher noSophia

 Abanye abavakalisi bahlala eAlbania iinyanga ezimbalwa, baze babuyele kumazwe abo ukuze bagcine imali. Emva koko baphinde eAlbania. UEliseo noMiriam benza kanye loo nto. UEliseo uthi: “UMiriam ngowakwindawo abantu abasuka kwamanye amazwe abathorishela kuyo eItaly, ibe kulula ukufumana umsebenzi wexeshana apho. Sidla ngokuya kule ndawo ukuze sisebenze iinyanga ezintathu ehlotyeni size ezinye iinyanga ezishiyekileyo sizichithe siseAlbania sisebenzisa imali esiye sayigcina. Sayenza le nto kangangeminyaka emihlanu.”

UMiriam noEliseo

Bakwazi Ukumelana Neengxaki

 Emva kokuya kwibandla elidinga abavakalisi, umntu ufanele azame ukuqhelana neemeko zendawo akuyo. Kodwa icebiso nendlela abenza ngayo abantu bendawo ofudukele kuyo zisoloko zinceda. USophia, ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ebusika izindlu eAlbania ziyabanda kunezendawo endisuka kuyo. Ndafunda ukunxiba ngendlela eyahlukileyo ngokuthi ndijonge abanye oodade ukuba banxiba njani.” UGrzegorz nomfazi wakhe uSona, basuka ePoland bezokunceda kwidolophu entle ekuthiwa yiPrizren, eKosovo. b UGrzegorz uthi: “Abavakalisi balapha bathobekile banobubele futhi banomonde! Basinceda ekufundeni ulwimi lwabo nezinye izinto. Ngokomzekelo basibonisa iivenkile ezithengisa iimpahla ezingaduriyo, basibonisa nendlela yokuthenga igrosari kwiivenkile ezikufutshane.”

Bafumana Izizathu Ezininzi Zokuvuya

 Kuyabanceda abantu abafudukela kwezinye iindawo ukuba ngabahlobo namaNgqina aloo ndawo bafudukele kuyo. USona uthi: “Ndiyibonile indlela uthando lukaYehova olungabutshintsha ngayo ubomi bomntu. Abazalwana baye bandenza ndanokholo kuba ndibabonile xa beyeka ukukholelwa izinto ebebezikholelwa betshintsha nobomi babo ngenxa yokufunda ngoYehova. Sinceda kakhulu ebandleni. Sikhonza nabazalwana noodade abangabahlobo bethu ngoku.” (Marko 10:29, 30) UGloria uthi: “Baninzi oodade endibaziyo abaye banyamezela ukutshutshiswa ngabantu abangawafuniyo amaNgqina ekuhlaleni. Iyandikhuthaza indlela abamthanda ngayo uYehova.”

UGrzegorz noSona

 Abantu abaya kumabandla adingayo batsho bafunde nezinye izinto abebengenokuzifunda xa bebekumakhaya abo. Ngokomzekelo bathi ukwenzela uYehova izinto eziza kufuna bazincame, kubenza bavuye. UStefano yena uyibeka ngale ndlela: “Kwilizwe lasekhaya, ndandishumayela nge-intercom, ndingathethi ixesha elide nabantu. Kodwa abantu baseAlbania bayakuthanda ukuncokola ingakumbi xa bephunga ikofu. Ndingumntu oneentloni, ngoko ndaziva ndihlazekile ekuqaleni, ndandingazi ukuba mandithini. Kodwa ndaye ndafunda ukuba nomdla ebantwini ibe ngoku kuba mnandi ukuncokola nabo. Ngoku, indlela endishumayela ngayo iyandanelisa.”

UAlida noStefano

 ULeah nomyeni wakhe uWilliam bafudukela eAlbania besuka eMerika. Uthi: “Ukukhonza apha kusifundise iindlela ezintsha zokuphila, satshintsha nendlela esicinga ngayo. Sifunde into eninzi ngokwamkela iindwendwe, ukuhlonipha nokuba nabahlobo! Sifunde iindlela ezintsha zokushumayela, ukucacisa iZibhalo, nendlela yokuthetha.” UWilliam uthi: “Abantu abaninzi abaye bazokubona iAlbania bavele bathande ulwandle lwakhona oluthi ndijonge. Mna ndithanda ukuhamba kwiintaba zalapha ezinamatye. Kodwa eyona nto eyenza ndiyithande le ndawo ngabantu! Iilali ezininzi ziyiva inyaniso xa kukho abantu abaze kumaphulo akhethekileyo okushumayela. Xa siye kwezo ndawo siye sihlale imini yonke sishumayela nje kwiintsapho ezithile.”

UWilliam noLeah

 Eyona nto ibavuyisayo aba bazalwana baya kwiindawo ezidinga abavakalisi kukubona indlela abazamkela ngayo iindaba ezilungileyo abantu. (1 Tesalonika 2:19, 20) ULaura, udade osemtsha owaya eAlbania, uthi: “Ndashumayela ixeshana eFier. Kwabakho abavakalisi abatsha abayi-120 kwisithuba nje esingangeminyaka emibini enehafu! Abayi-16 kubo, yayizizifundo zam!” Udade onguSandra uthi: “Ndashumayela kwibhinqa elisebenza evenkileni. Laba liNgqina laza labuyela kwilali yalo. Ukugqibela kwam ukuthetha nalo lalinezifundo eziyi-15!”

ULaura

USandra

UYehova Uyayisikelela Indlela Abanyamezele Ngayo

 Abanye abazalwana noodade abaneminyaka emininzi benceda eAlbania basakuvuyela ukukhonza apho. Baye bothuke ngamanye amaxesha xa bebona abantu ababeshumayele kubo kudala besamkela inyaniso. (INtshumayeli 11:6) UChristopher, ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ndadibana nenye indoda endandiqalise isifundo seBhayibhile naye xa ndandifika apha eAlbania. Ndachukumiseka xa ndabona ukuba usazikhumbula iincoko zeBhayibhile esasithetha ngazo. Ngoku yena nomfazi wakhe, ngamaNgqina kaYehova abhaptiziweyo.” UFederica, ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ebandleni omnye udade weza kum, endibuza ukuba ndisamkhumbula na. Wathi, ndandishumayele kuye kwiminyaka eyi-9 eyadlulayo. Emva kokuba ndihambile, waqalisa ukufunda iBhayibhile wade wabhaptizwa. Ndandiye ndicinge ukuba kwiminyaka yokuqala siseAlbania zange sincede mntu. Ndandiphazama!”

 Abazalwana noodade abafudukele eAlbania okanye eKosovo bayavuya ukubona indlela uYehova abasikelele ngayo. Emva kweminyaka emininzi eseAlbania, uEliseo uthi: “Thina bantu sidla ngokuziqhatha ngokucinga ukuba siza konwaba xa sithembele kweli hlabathi. Kodwa bubuxoki obo. Imigaqo kaYehova yona isinika isizathu sokuba siphile futhi isenza saneliseke. Ukukhonza kwindawo edinga abavakalisi abangakumbi kundinceda ndingayilibali loo nto. Ndiye ndiqonde ukuba umsebenzi wam ubalulekile. Ndinabahlobo abathembekileyo nabafuna ukukhonza uYehova njengam.” USandra uthi: “Xa ndaya kwindawo edinga abavakalisi, ndaqonda ukuba uYehova undinika ithuba lokuba ndimenzele into ekudala ndifuna umenzela yona, ukushumayela. Andizisoli ngokufudukela eAlbania. Ndonwabe nyhani.”

a Ungafunda into eninzi ngokushumayela kwabazalwana noodade eAlbania KwiNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yango-2010.

b IKosovo ikumntla mpuma weAlbania. Kule ndawo abantu abaninzi bathetha enye yeelwimi zaseAlbania. AmaNgqina aseAlbania, awakumazwe aseYurophu, naseMerika azinikela ngokuvumayo ukuze ancedise ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kubantu abahlala eKosovo abathetha ulwimi lwaseAlbania. Ngo-2020, abavakalisi abayi-256 bebekhonza kumabandla ayi-8, kumaqela amathathu, nakumaqela amancinci amabini.