INGOMA 99
Izigidi Zabazalwana
-
1. Iz’gidi zabazalwana
Ziyashumayela
Emhlabeni uphela,
Ngokuzimisela.
Singumkhosi omkhulu,
Owomeleleyo,
Wezizwe neelwimi neentlanga,
Sidumis’ uThixo.
-
2. Iz’gidi zabazalwana
Zazisa abantu
Ngethemba leZibhalo,
Lobomi benene.
Ewe sikhe sityhafe,
Kodwa asiyeki.
UYehova uyasixhasa,
Asinik’ amandla.
-
3. Iz’gidi zabazalwana
Zikhonza uThixo,
Ngoko uzikhusele,
Njengabantu bakhe.
Imini nobusuku,
Siyashumayela,
NgoBukumkani bukaThixo,
Kubo bonk’ abantu.
(Funda nezi: Isa. 52:7; Mat. 11:29; ISityhi. 7:15.)