INGOMA 48
Hamba NoYehova Yonke Imihla
(Mika 6:8)
-
1. Sifuna ukuthobeka
Xa sihamba noThixo wethu.
Ubenzela ububele
Abo bahamba kunye naye.
Ngoko masizimisele
Ukuhamba noThixo.
Masizinikele kuye,
Senze ukuthanda kwakhe.
-
2. USathana unomsindo,
Isiphelo sesisondele.
Kodwa siyaphumelela
Kuba sihamba noYehova.
Uhlala esikhusela
Esibambe ngesandla.
Siyamthanda uYehova,
Sohlala sihamba naye.
-
3. UThixo uyasixhasa
Ngomoya wakhe oyingcwele.
Sincedwa liLizwi lakhe
Kwanalibandla lamaKristu.
Sifuna ukuqhubeka
Sihamba noYehova,
Sibonise ububele,
Ukuthobeka nothando.
(Funda nezi: Gen. 5:24; 6:9; 1 Kum. 2:3, 4.)