ISAHLUKO 66
EYerusalem Kwitheko Leentente
-
UYESU UFUNDISA ETEMPILENI
UYesu uye waziwa ngabantu abaninzi kule minyaka yasemva kokuba ebhaptiziwe. AmaYuda amaninzi aye eva ngemimangaliso ayenzayo, ibe loo nto iye yasasazeka kulo lonke ilizwe. Ngoku, kwiTheko Leentente (okanye Leminquba) eYerusalem, abantu bayamkhangela.
Abantu bathetha izinto ezahlukeneyo ngoYesu. Bayamhleba besithi: “Ilungile ke le ndoda.” Abanye baphendule bathi: “Akukho loo nto apha. Ngumlahlekisi lowo.” (Yohane 7:12) Yonke le nto yenzeka kwiintsuku zokuqala zeli theko. Akekho umntu onesibindi sokuthetha phandle ngaye kuba abantu boyika iinkokheli zamaYuda ukuba ziza kuthini.
Kolunye usuku lweli theko, uYesu ubonakala etempileni. Abantu abaninzi bayamangaliswa yile ndlela afundisa ngayo. Zange waya kwizikolo zoorabhi. Ngoko bayazibuza: “Le ndoda izazela phi kangaka iZibhalo, ingayanga nje kwizikolo zabefundisi?”—Yohane 7:15.
UYesu uyabacacisela athi: “Ezi zinto ndizifundisayo ayizozam, zezaLowo undithumileyo. Ukuba kukho nabani na ofuna ukwenza ukuthanda kukaThixo, uza kukwazi ukwahlula ukuba ndifundisa izinto ezisuka kuye okanye ezisuka kum na.” (Yohane 7:16, 17) Izinto ezifundiswa nguYesu zihambisana noMthetho KaThixo. Ngoko kucacile ukuba ufuna kuzukiswe uThixo kunaye.
Emva koko uthi: “Andithi uMoses waninika uMthetho? Kodwa akukho nomnye kuni owawuthobelayo. Kutheni ke nifuna ukundibulala?” Abanye kubantu abalapha, mhlawumbi abasuka kwizixeko zangaphandle, abayazi le nto. Kubo ibonakala ingenakwenzeka into yokuba kubekho umntu ofuna ubulala umntu ofundisa njengalo. Ngenxa yaloo nto, bacinga ukuba ikhona ingxaki anayo uYesu le nto ethetha olu hlobo. Bathi: “Unedemon. Ngubani ofuna ukukubulala?”—Yohane 7:19, 20.
Kaloku kunyaka onehafu ngaphambili, iinkokheli zamaYuda zazifuna ukubulala uYesu emva kokuba ephilise indoda ngeSabatha. Ngoku uthetha into eza kubenza bacinge neza kubonisa ukuba khange bayicingisise le nto. Uchaza ukuba ngokutsho koMthetho, umntwana oyinkwenkwe umele oluswe ngosuku lwesibhozo nokuba olo suku lungeSabatha. Emva koko uthi: “Ukuba nalusa umntu ngesabatha kuba ningafuni kophula uMthetho kaMoses, kutheni ke nicaphuka kangaka kuba mna ndiphilise umntu ngesabatha? Sanukuzikha phezulu izinto xa nigweba, kodwa gwebani ngobulungisa.”—Yohane 7:23, 24.
Abantu baseYerusalem abayaziyo yonke le nto bathi: “Ayinguye na lo mntu [abalawuli] bafuna ukumbulala lo? Kodwa jongani! nanku ethetha phambi kwabantu, kodwa bamyekile. Ngaba abalawuli baye baqonda ukuba ngokuqinisekileyo lo nguKristu?” Kutheni ke abantu bengakholelwa ukuba uYesu nguKristu? Bathi: “Siyamazi nje thina ukuba uvela phi lo mntu; kodwa xa yena uKristu efika, akukho mntu uza kumazi ukuba uvela phi.”—Yohane 7:25-27.
UYesu uphendula athi: “Niyandazi, ibe nazi nalapho ndisuka khona. Andizizelanga apha, kodwa ndithunywe nguThixo ophilayo, ibe nina animazi. Mna ke ndiyamazi, kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.” (Yohane 7:28, 29) Emva kokuba ethethe loo mazwi, bazama ukumbamba kuba befuna ukumfaka ejele okanye ukumbulala. Kodwa ke abakwazi ukumbamba kuba lingekafiki ixesha lokuba afe.
Abanye abantu abaninzi banokholo kuYesu ngenxa yemimangaliso ayenzileyo. Uye wahamba phezu kwamanzi, wazolisa isaqhwithi, watyisa Yohane 7:31.
amawaka abantu ngeentlanzi nezonka ezimbalwa, waphilisa abagulayo nabangakwazi ukuhamba, wavula amehlo eemfama, waphilisa abaneqhenqa waza wavusa nabafileyo. Bafanele ukubuza abantu bathi: “Kungenzeka na ukuba xa efika uKristu enze imimangaliso eyodlula eyalo mntu?”—Xa abaFarisi besiva abantu bethetha ezi zinto ababingeleli abaziintloko bathumela oonogada ukuba baye kubamba uYesu.