UYesu​​—⁠Indlela, Inyaniso, Ubomi

Kule ncwadi, uza kufunda ngazo zonke izinto ezazisenzeka kuYesu ezibhaliweyo eBhayibhileni.

INTSHAYELELO

Indlela, Inyaniso, Ubomi

Iimfundiso zikaYesu nezinto awayezenza ezifumaneka kwiiVangeli zingabutshintsha ubomi bakho.

ISAHLUKO 1

Imiyalezo Emibini Evela KuThixo

Ingelosi uGabriyeli yagqithisa imiyalezo ekwakunzima ukuyikholelwa.

ISAHLUKO 2

UYesu Uzukiswa Engekazalwa

UElizabhete nosana lwakhe olungekazalwa bamzukisa njani uYesu?

ISAHLUKO 3

Kuzalwa Umntu Oza Kulungisa Indlela

Emva kokuba uZekariya eye wakwazi ukuthetha ngokungummangaliso, uprofeta ngento ebalulekileyo.

ISAHLUKO 4

UMariya Ukhulelwe Kodwa Akatshatanga

Ngaba uYosefu uyamkholelwa uMariya xa esithi akamithiswanga yenye indoda kodwa ngumoya oyingcwele kaThixo?

ISAHLUKO 5

UYesu Uzalelwa Phi Ibe Nini?

Sazi njani ukuba uYesu akazalwanga ngoDisemba 25?

ISAHLUKO 6

Umntwana Owayethenjisiwe

Xa uYosefu noMariya bezisa uYesu etempileni esengumntwana, abaprofeti ababini bakwaSirayeli abasele bekhulile baprofeta ngento eza kwenzeka kubomi bakhe.

ISAHLUKO 7

Abavumisi Ngeenkwenkwezi Bazokubona UYesu

Inkwenkwezi abayibona eMpuma kutheni yaqala yabasa kumbulali onguKumkani uHerode ayabasa kuYesu?

ISAHLUKO 8

Babaleka Umlawuli Okhohlakeleyo

Kuzaliseka iziprofeto zeBhayibhile ezingoMesiya ezintathu xa uYesu esengumntwana.

ISAHLUKO 9

Ukukhulela ENazarete

Bangaphi abantwana bakuloYesu?

ISAHLUKO 10

Intsapho YakuloYesu Iya EYerusalem

UYosefu noMariya banexhala xa bengamfumani uYesu kodwa yena uYesu uyothuka xa bengamazi ukuba uphi.

ISAHLUKO 11

UYohane UmBhaptizi Ulungisa Indlela

Xa abaFarisi nabaSadusi besiza kuye, uYohane uyabagxeka. Ngoba?

ISAHLUKO 12

UYesu Uyabhaptizwa

Kutheni uYesu ecela ukubhaptizwa kodwa akanasono?

ISAHLUKO 13

Funda Kwindlela UYesu Awamelana Ngayo Nezilingo

Izilingo uYesu awalingwa ngazo zisixelela izinto ezimbini ngoMtyholi.

ISAHLUKO 14

UYesu Uqalisa Ukwenza Abafundi

Yintoni eyenza abafundi bakaYesu abathandathu baqiniseka ukuba unguMesiya?

ISAHLUKO 15

Wenza Ummangaliso Wakhe Wokuqala

UYesu ubonisa umama wakhe ukuba ngoku uyalelwa nguTata wakhe osezulwini hayi yena.

ISAHLUKO 16

UYesu Ubonisa Ukuba Uyayithanda Indlu KaThixo

Kutheni uYesu ecatshukiswa ngabathengisi kodwa uMthetho KaThixo wawubavumela abantu abasuka eYerusalem ukuba bathenge izilwanyana ukuze babingelele?

ISAHLUKO 17

Ufundisa UNikodemo Ebusuku

Kuthetha ukuthini ‘ukuzalwa kwakhona’?

ISAHLUKO 18

UYesu Uyanda UYohane Uyancipha

Abafundi bakaYohane umBhaptizi banomona kodwa yena uYohane akanawo.

ISAHLUKO 19

Ufundisa Umfazi WomSamariya

UYesu umxelela into angekayixeleli mntu.

ISAHLUKO 20

Ummangaliso Wesibini EKana

Ekude kangangeekhilomitha ezimalunga neziyi-26, uYesu uphilisa umntwana.

ISAHLUKO 21

Kwindlu Akhonzela Kuyo AmaYuda ENazarete

Yintoni le ithethwa nguYesu eyenza abantu bendawo akhulele kuyo bafune ukumbulala?

ISAHLUKO 22

Abafundi Abane Baza Kuba Ngabalobi Babantu

Uthi abalobi beentlanzi mababe ngabalobi babantu.

ISAHLUKO 23

UYesu Wenza Imimangaliso Emikhulu EKapernahum

Xa uYesu ekhupha iidemon, uyazinqanda ukuba zingathi unguNyana KaThixo. Kutheni?

ISAHLUKO 24

Ukushumayela Nakwezinye Iindawo EGalili

Abantu beza kuYesu ukuze abaphilise kodwa uyabaxelela ukuba kukho into ebaluleke nangakumbi ayizeleyo emhlabeni.

ISAHLUKO 25

Ucingela Aze Aphilise Umntu Oneqhenqa

Indlela uYesu athetha ngayo ibonisa ukuba ubakhathalele abantu abaphilisayo.

ISAHLUKO 26

“Izono Zakho Zixolelwe”

UYesu uthi sidibana njani isono nokugula?

ISAHLUKO 27

Ubiza UMateyu

Kutheni uYesu esitya naboni abangathandwayo?

ISAHLUKO 28

Kutheni Abafundi BakaYesu Bengazili Ukutya?

UYesu wenza umzekelo ngewayini egcinwa kwiibhotile zofele ukuze abaphendule.

ISAHLUKO 29

Umntu Unokukwazi Ukwenza Imisebenzi Emihle NgeSabatha?

Kutheni amaYuda etshutshisa uYesu ngokuphilisa indoda eneminyaka eyi-38 igula?

ISAHLUKO 30

UYesu NguNyana KaThixo

AmaYuda acinga ukuba uYesu uzilinganisa noThixo kodwa uYesu uyenza icace into yokuba uThixo mkhulu kunaye.

ISAKHUKO 31

Ukukha Izikhwebu NgeSabatha

Kutheni uYesu ezibiza ngokuba “uyiNkosi yeSabatha”?

ISAHLUKO 32

Yintoni Esemthethweni NgeSabatha?

Ngokuqhelekileyo abaSadusi nabaFarisi abavani kodwa ngoku basebenza kunye kuba befuna into efanayo.

ISAHLUKO 33

Wenza Into Eyaprofetwa NguIsaya

Kutheni uYesu esithi abantu abaphilisileyo mabangaxeleli mntu ukuba ungubani nangezinto azenzileyo?

ISAHLUKO 34

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

Yintoni umahluko phakathi kokuba ngumfundi nokuba ngumpostile?

ISAHLUKO 35

INtshumayelo YaseNtabeni Eyaziwayo

Funda ngezinto ezibalulekileyo ezafundiswa nguYesu kwintshumayelo yakhe.

ISAHLUKO 36

Igosa Lomkhosi Libonisa Ukuba Linokholo Olukhulu

Yintoni eyenziwa leli gosa lasemkhosini emangalisa uYesu?

ISAHLUKO 37

UYesu Uvusa Unyana Womhlolokazi

Abo bawubonayo lo mmangaliso bayiqonda eyona nto uyithethayo.

ISAHLUKO 38

UYohane Ufuna Ukuzivela KuYesu

Kutheni uYohane umBhaptizi ebuza ukuba uYesu unguMesiya? Ngaba uYohane uyathandabuza?

ISAHLUKO 39

Siza Kuthi Shu Isizukulwana Esingakhathaliyo

UYesu uthi ngeMini Yomgwebo iKapernahum, isixeko ebesoloko eshumayela kuso, siza kohlwaywa ngaphezu kweSodom.

ISAHLUKO 40

Ufundisa Ngokuxolela

Xa uYesu wayexelela umfazi othengisa ngomzimba ukuba izolo zakhe zixolelwe, ngaba wayethetha ukuba ayongxaki ukophula umthetho kaThixo?

ISAHLUKO 41

Uyenza Ngamandla Kabani Imimangaliso?

AbantakwaboYesu bacinga ukuba ushiywa ziingqondo.

ISAHLUKO 42

UYesu Ugxeka AbaFarisi

Yintoni ‘ummangaliso kaYona’?

ISAHLUKO 43

Imizekelo NgoBukumkani

UYesu wenza imizekelo esibhozo ethetha ngoBukumkani bamazulu.

ISAHLUKO 44

UYesu Uzolisa Isaqhwithi Elwandle

Xa uYesu wazolisa ulwandle namaza, wabonisa ukuba kuza uba njani xa kulawula uBukumkani.

ISAHLUKO 45

UYesu Unamandla Kuneedemon

Umntu uyakwazi ukuba nedeemon ezininzi?

ISAHLUKO 46

Uphiliswa Kukubamba Isambatho SikaYesu

Xa uYesu ephilisa lo mfazi ubonisa ukuba unamandla nobubele.

ISAHLUKO 47

Umntwana Oyintombi Uyavuswa!

Abantu bayamhleka uYesu xa esithi le ntombi iswelekileyo ilele. Yintoni le ayaziyo yena abangayaziyo bona?

ISAHLUKO 48

Wenza Imimangaliso Kodwa Akafunwa ENazarete

Abantu baseNazarete abamfuni uYesu hayi kuba efundisa kakuhle okanye esenze imimangaliso kodwa banesinye isizathu.

ISAHLUKO 49

Ushumayela EGalili Aze Aqeqeshe Abapostile

Athetha ukuthini amazwi athi ‘uBukumkani bamazulu sele busondele’?

ISAHLUKO 50

Ubanceda Bashumayele Nangona Beza Kuchaswa

Kutheni esithi mababaleke xa betshutshiwa kodwa ebethe mabangakoyiki ukufa?

ISAHLUKO 51

Kubulawa Umntu Kwipati KaHerode

UHerode uyayithanda indlela uSalome adanise ngayo kwipati yakhe yomhla wokuzalwa ibe uthembisa ukuba uza kumnika nantoni na ayicelayo. Yintoni le imbi ayicelayo?

ISAHLUKO 52

Utyisa Abantu Abaninzi Ngezonka Ezimbalwa Neentlanzi

Ummangaliso owenziwa nguYesu ubaluleke kakhulu kuba kuthethwa ngawo kuzo zone iincwadi zeVangeli.

ISAHLUKO 53

Umlawuli Okwaziyo Ukulawula Umoya Nolwandle

Zintoni abazifundayo abapostile xa uYesu ehamba phezu kwamanzi aze azolise ulwandle?

ISAHLUKO 54

UYesu​​—⁠“Isonka Sobomi”

Kutheni uYesu ebalungisa abantu ngoku benze iinzame zokuhamba naye?

ISAHLUKO 55

Amazwi KaYesu Othusa Abantu Abaninzi

UYesu ufundisa into eyothusayo, abanye abafundi bayamshiya.

ISAHLUKO 56

Yintoni Eyona Nto Ingcolisa Umntu?

Yinto engena emlonyeni okanye yinto ephuma kuwo?

ISAHLUKO 57

UYesu Uphilisa Intombi Nendoda Engevayo

Kwakutheni ukuze umfazi angakhubeki xa uYesu efanisa abantu bohlanga lwakhe neenjana?

ISAHLUKO 58

Wenza Izonka Ezimbalwa Zibe Ninzi Aze Alumkise Ngegwele

Ekugqibeleni abafundi bakaYesu bayaliqonda igwele athetha ngalo.

ISAHLUKO 59

Ngubani UNyana Womntu?

Yintoni izitshixo zoBukumkani? Zisetyenziswa ngubani, ibe zisetyenziswa njani?

ISAHLUKO 60

Umbono KaKristu Ekhanya

Yayingumbono wantoni lo bawubonayo? Wawuthetha ukuthini?

ISAHLUKO 61

UYesu Uphilisa Umfana Onedemon

UYesu uthi isizathu sokuba lo mfana angaphili kungenxa yokungabinalo ukholo. Kodwa ngubani ongakhange abe nalukholo? Ngumfana, ngutata wakhe, okanye ngabafundi bakaYesu?

ISAHLUKO 62

Ufundisa Ngokuthobeka

Amadoda afunda into ebalulekileyo kumntwana omncinci.

ISAHLUKO 63

UYesu Ufundisa Abapostile Bakhe Ezinye Izinto Ezibalulekileyo

Uthetha ngezinto ezintathu umntu amele azenze xa kukho ingxaki phakathi kwakhe nomnye umzalwana.

ISAHLUKO 64

Ukubaluleka Kokuxolela

UYesu wenza umzekelo ngekhoboka elingenanceba, uYesu ubonisa indlela uThixo ayibona ibaluleke ngayo into yokuba sibaxolele abanye.

ISAHLUKO 65

Ushumayela Endleleni Eya EYerusalem

UYesu uncokola nabantu abathathu, uthetha ngezinto ezinokwenza umntu angamlandeli.

ISAHLUKO 66

EYerusalem Kwitheko Leentente

Yintoni enokwenza abantu abamamele uYesu bacinge ukuba unedemon?

ISAHLUKO 67

“Akekho Umntu Owakha Wathetha Njengala Ndoda”

Phantse yonke inkundla ephakamileyo yamaYuda ayimfuni uYesu, kodwa omnye wale nkundla uba nesibindi sokumthethelela.

ISAHLUKO 68

UNyana KaThixo ‘Ukukukhanya Kwehlabathi’

UYesu wathi “inyaniso iza kunikhulula.” Iza kunikhulula entweni?

ISAHLUKO 69

Utata Wawo NguAbraham Okanye NguMtyholi?

UYesu uchaza ukuba babonakala njani abantwana baka-Abraham, nokuba ngubani kanye kanye utata wakhe.

ISAHLUKO 70

UYesu Uphilisa Indoda Eyazalwa Ingaboni

Abafundi bayambuza ukuba kutheni indoda ingaboni. Ngaba yonile? Ngaba kone abazali bayo? Abantu bathetha izinto ezohlukeneyo xa uYesu eyiphilisa.

ISAHLUKO 71

AbaFarisi Babuza Indoda Ebingaboni

Into ethethwa yindoda ebingaboni yenza abaFarisi babe nomsindo. Bayayigxotha kwindlu akhonzela kuyo amaYuda, le nto kanye ibisoyikwa ngabazali bayo.

ISAHLUKO 72

UYesu Uthuma Abafundi Abayi-70

KwaYuda uYesu uthuma abafundi abayi-70 ukuba bayokushumayela ngoBukumkani aze abahlule ngababini. Baza kubafumana phi abantu, kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda okanye emakhayeni abantu?

ISAHLUKO 73

Ummelwane OngumSamariya

UYesu uwusebenzisa njani umzekelo womSamariya olungileyo ukuze afundise isifundo esibalulekileyo?

ISAHLUKO 74

Ufundisa Ngokubonisa Ububele Nangomthandazo

UYesu uyokubona uMariya noMarta kwikhaya labo. Ubafundisa ntoni? Uthini kubafundi bakhe ngento abamele bayithandazele?

ISAHLUKO 75

UYesu Uthetha Ngeyona Nto Yenza Umntu Onwabe

UYesu uxelela abantu abadla ngokumgxeka “ngomnwe kaThixo” nangendlela uBukumkani bukaThixo obubafikele bengalindelanga ngayo. Uthetha nangento eyenza abantu bonwabe nyhani.

ISAHLUKO 76

Ukutya NomFarisi

UYesu ubonisa indlela ababhali nabaFarisi abazenza amalungisa ngayo. Yeyiphi le mithwalo inzima ithwaliswa abantu?

ISAHLUKO 77

UYesu Uthetha Ngobutyebi

Sifunda indlela ekuyingozi ngayo ukuqokelela ubutyebi kumzekelo kaYesu wendoda eyakha oovimba abakhulu?

ISAHLUKO 78

Hlala Ulungile Gosa Elithembekileyo!

UYesu ubonisa ukuba unomdla kukholo lwabafundi bakhe. Yintoni umsebenzi wegosa? Kutheni amazwi athetha ngokuhlala ulungile ebalulekile?

ISAHLUKO 79

Kutheni AmaYuda Angakholwayo Eza Kutshatyalaliswa?

UYesu uthi abantu azama ukubanceda ukuba abaguquki baza kutshatyalaliswa. Ngaba baza kuyifunda into ebalulekileyo uYesu azama ukubafundisa yona ngokuba ngumhlobo kaThixo?

ISAHLUKO 80

UMalusi Olungileyo Nezibaya Zeegusha

Ubuhlobo obukhoyo phakathi komalusi neegusha zakhe buyibonisa kakuhle indlela uYesu aziva ngayo ngabafundi bakhe. Ngaba baza kuzazi iimfundiso zakhe baze bamlandele?

ISAHLUKO 81

UYesu Umanyene NoTata Wakhe Kodwa Akangothixo

Abanye abantu abangamfuniyo uYesu bayamtyhola besithi uzenza uThixo. Akasivumi njani eso sityholo?

ISAHLUKO 82

UYesu Ushumayela EPereya

UYesu ucacisela abantu abammameleyo ukuba umntu kufuneka enze ntoni ukuze asindiswe nokuba kutheni abanye bengazokusindiswa. Icebiso lakhe lalibalulekile kudala. Lisabalulekile nanamhlanje?

ISAHLUKO 83

Izimemo Zesidlo

Xa uYesu esekhayeni lomFarisi, wenza umzekelo wabantu abamenywa kwisidlo esikhulu. Ufundisa bonke abantu bakaThixo into ebalulekileyo. Yintoni leyo?

ISAHLUKO 84

Kubaluleke Kangakanani Ukuba Ngumfundi KaYesu

Yinto enkulu ukuba ngumfundi kaKristu. UYesu uyicacisa kakuhle into elindelekileyo. Abanye abaseza kuba ngabafundi bakhe banokothuka yinto ayithethayo.

ISAHLUKO 85

Ukuvuyela Umoni Oguqukayo

Ababhali nabaFarisi bayamgxeka uYesu kuba enento emdibanisa nabantu abaqhelekileyo. Xa ebaphendula uYesu wenza imizekelo ebonisa indlela uThixo abajonga ngayo aboni.

ISAHLUKO 86

Unyana Obelahlekile Uyabuya

Ziintoni esinokuzifunda kumzekelo kaYesu wonyana obelahlekile?

ISAHLUKO 87

Ceba Kwangaphambili, Usebenzise Ubulumko

UYesu wenza umzekelo ngomphathi wendlu onamaqhinga nonganyanisekanga ukuze afundise isifundo.

ISAHLUKO 88

Izinto Ziyatshintsha Kwisityebi NakuLazaro

Eyona ndlela yokuwuqonda umzekelo kaYesu kukwazi ukuba abantu ababini ekuthethwa ngabo bamela bani.

ISAHLUKO 89

Ukushumayela EPereya Endleleni Eya KwaYuda

Uthetha ngophawu olunokusinceda sixolele kwanabantu abamane besimosha.

ISAHLUKO 90

“Uvuko Nobomi”

Ebethetha ukuthini uYesu xa ebesithi abantu abazikholelwayo izinto azithethayo baze bazenze ‘soze bafe’?

ISAHLUKO 91

ULazaro Uyavuswa

Izinto ezimbini ezibalulekileyo ezenzekayo zibangela ukuba ibe yinto engenakwenzeka into yokuba nabachasi bakaYesu bawuphike lo mmangaliso.

ISAHLUKO 92

Indoda Eneqhenqa Iyabulela

Indoda ebineqhenqa ephilisiweyo ayibonisi mbulelo kuYesu qha kodwa nakomnye umntu.

ISAHLUKO 93

UNyana Womntu Uza Kubonakala

Ubukho bukaKristu buza kufana njani nokulenyeza kombane?

ISAHLUKO 94

Ukubaluleka Kokuthandaza Nokuthobeka

Kumzekelo wakhe wejaji engenabulungisa nomhlolokazi, uYesu ubethelela indlela uphawu oluthile olubaluleke ngayo.

ISAHLUKO 95

Ufundisa Ngedivosi Nokuthanda Abantwana

UYesu ubajonga ngendlela eyahlukileyo abantwana kunendlela abafundi bakhe ababajonga ngayo. Ngoba?

ISAHLUKO 96

UYesu Uphendula Umlawuli Osisityebi

Yintoni eyenza uYesu athi kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti yokuthunga kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo?

ISAHLUKO 97

Umzekelo Wabasebenzi Kwintsimi Yeediliya

Abokuqala baza kuba ngabo njani abokugqibela, abokugqibela babe ngabo njani abokuqala?

ISAHLUKO 98

Abapostile Baphinda Bafune Ukubaluleka

UYakobi noYohane bacela ukuhlala kwiindawo ezibalulekileyo kuBukumkani, kodwa abekho bodwa kule nto.

ISAHLUKO 99

UYesu Uphilisa Amadoda Angaboniyo Aze Ancede UZakeyu

Zingadityaniswa njani izinto ezithethwa yiBhayibhile ekusenokubonakala ngathi azidibani ngokuphilisa kukaYesu indoda engaboniyo kufutshane neYeriko?

ISAHLUKO 100

Umzekelo Wakhe Weemina Ezilishumi

Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi: “Ndithi kuni, wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa”?

ISAHLUKO 101

Ukutya Ekhayeni LikaSimon EBhethani

UMariya, udade boLazaro, wenza into eyenza abantu bathethe, kodwa uYesu uyamthethelela.

ISAHLUKO 102

UKumkani Ungena EYerusalem Ekhwele Inkonyane

Uzalisekisa isiprofeto esachazwa kwiminyaka eyi-500 ngaphambili.

ISAHLUKO 103

UYesu Uphinda Acoce Itempile

Kubonakala kungekho nto irongo kumashishini abantu abathengisa eYerusalem, ngoko kutheni uYesu esithi ngootsotsi?

ISAHLUKO 104

Ngaba Aza Kubonisa Ukholo AmaYuda Xa Esiva Ilizwi LikaThixo?

Ukhona umahluko phakathi kokubonisa ukholo kuYesu nokuzenza izinto ozikholelwayo?

ISAHLUKO 105

Usebenzisa Umthi Wamafiya Ukuze Abafundise Ngokholo

UYesu ufundisa abafundi bakhe indlela olunamandla ngayo ukholo aze abacacisele ukuba kutheni uThixo engasamkeli isizwe sakwaSirayeli.

ISAHLUKO 106

Imizekelo Emibini Yeentsimi Zeediliya

Funda ukuba uthetha ukuthini umzekelo wendoda eyacela oonyana bayo ukuba bayokusebenza entsimini nomzekelo wendoda eyaqeshisa ngentsimi yayo yeediliya kubalimi abangalunganga.

ISAHLUKO 107

Ukumkani Ubiza Abo Abameme Kwitheko Lomtshato

Umzekelo owenziwa nguYesu usisiprofeto.

ISAHLUKO 108

Uliwisa Phantsi Icebo Lokumbambisa

Uqala avale umlomo abaFarisi, ibe ngabaSadusi, emva koko ibe ngabanye abantu abadityaniswa kukungamfuni.

IAHLUKO 109

Ugxeka Abachasi Bakhe

Kutheni uYesu eyigxeka indlela iinkokheli zenkonzo ezizijonga ngayo izinto?

ISAHLUKO 110

Usuku Lokugqibela LukaYesu Etempileni

Ubafundisa isifundo esibalulekileyo esebenzisa umzekelo womhlolokazi olihlwempu.

ISAHLUKO 111

Baza Kubona Ngantoni Abapostile Xa Sekuza Kupheliswa Ihlabathi?

Isiprofeto sakhe saqala ukuzaliseka ngexesha labapostile. Ngaba siphelele apho okanye siseza kwenzeka kakhulu kunakuqala?

ISAHLUKO 112

Umzekelo Weentombi Ezilishumi

Ngaba uYesu wayefundisa ukuba ihafu yabafundi bakhe zizilumko enye ihafu zizidenge?

ISAHLUKO 113

Umzekelo Weetalente

Umzekelo weetalente ucacisa amazwi akhe athi: “Wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye.”

ISAHLUKO 114

Xa UKristu Esiza Uza Kugweba Iigusha Neebhokwe

Esebenzisa umzekelo uYesu uchaza into eza kugqiba ukuba umntu uza kubufumana na ubomi okanye uza kutshatyalaliswa.

ISAHLUKO 115

IPasika Yokugqibela KaYesu Seyisondele

Kutheni ibalulekile into yokuba iinkokheli zifuna ukubhatala uYudas amaqhosha esilivere ayi-30 xa emnikela kuzo uYesu?

ISAHLUKO 116

UYesu Uhlamba Iinyawo Zabapostile Bakhe

Uyabothusa abapostile ngokwenza umsebenzi omele wenziwe sisicaka.

ISAHLUKO 117

Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa

UYesu uqalisa isikhumbuzo abafundi bakhe abaza kusenza qho ngonyaka ngoNisan 14.

ISAHLUKO 118

Baphikisana Ngokuba Ngubani Oyena Umkhulu

Abapostile sebeyilibele into uYesu asandokubafundisa yona kobu busuku.

ISAHLUKO 119

UYesu Uyindlela, Inyaniso Nobomi

UYesu ufundisa into ebalulekileyo, indlela yokuthetha noThixo.

ISAHLUKO 120

Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu

Abafundi bakaYesu ’basivelisa njani isiqhamo’?

ISAHLUKO 121

“Ze Nomelele! Mna Ndiloyisile Ihlabathi”

UYesu uloyise njani ihlabathi kodwa limbulele?

ISAHLUKO 122

Umthandazo KaYesu Wokugqibela Kwigumbi Eliphezulu

Wenza kucace ukuba wenze into ebaluleke ngaphezu kokusindisa nje abantu.

ISAHLUKO 123

Uyathandaza Ekhathazeke Kakhulu

Kutheni uYesu ethandaza esithi: “Yisuse le ndebe kum”? Ngaba akasafuni kufa ukuze ahlawulele abantu?

ISAHLUKO 124

UKristu Uyajikelwa Aze Abanjwe

UYudas uyamfumana uYesu nangona kusezinzulwini zobusuku.

ISAHLUKO 125

UYesu Usiwa KuAnas, Emva Koko Asiwe KuKayafa

Ityala likaYesu liburhuqa eludakeni ubulungisa.

ISAHLUKO 126

UPetros Uphika UYesu

UPetros oyindoda enokholo nezinikeleyo, angamjikela njani uYesu?

ISAHLUKO 127

UYesu Usiwa KuPilato

Iinkokheli zenkonzo yamaYuda ziyayiveza eyona nto ziyifunayo.

ISAHLUKO 128

UPilato NoHerode Abafumani Tyala Kuye

Kutheni uPilato ethumela uYesu kuHerode ukuze amgwebe? Ngaba uPilato akanagunya lokumgweba uYesu?

ISAHLUKO 129

“Nantsi Le Ndoda!”

NoPilato uyazibona iimpawu ezintle zikaYesu.

ISAHLUKO 130

UYesu Uyanikelwa Aze Abulawe Esibondeni

Kutheni uYesu exelela abafazi abalilayo kuba bekhathazekile ukuba balilele bona nabantwana babo kunaye?

ISAHLUKO 131

UKumkani Ongenatyala Ubethelelwa Esibondeni

UYesu uthembisa utsotsi obethelelwe ecaleni kwakhe.

ISAHLUKO 132

“Ngokuqinisekileyo Lo Mntu EbenguNyana KaThixo”

Ubumnyama obuvela bube khona ngokungummangaliso, inyikima nokukrazuka kwekhethini yetempile kungqina ntoni?

ISAHLUKO 133

UYesu Uyangcwatywa

Kutheni kufuneka umzimba kaYesu ukhawuleze ungcwatywe lingekatshoni ilanga?

ISAHLUKO 134

UYesu Uyaphila!

Emva kokuba evusiwe, uYesu uqala aziveze kumfundi ongumfazi kunabapostile bakhe.

ISAHLUKO 135

UYesu Ovusiweyo Ubonakala Kubantu Abaninzi

UYesu ubanceda njani abafundi bakhe baqiniseke ukuba uvusiwe?

ISAHLUKO 136

Kunxweme LoLwandle LwaseGalili

UPetros ukhunjuzwa kathathu ngendlela anokubonisa ngayo ukuba uyamthanda uYesu.

ISAHLUKO 137

Ubonakala Kubantu Abaninzi Ngaphambi KwePentekoste

Phakathi kwexesha lokuvuswa kukaYesu nokunyukela kwakhe ezulwini, uxelela abafundi bakhe ngento abaza kuyifumana nendlela abamele bayisebenzise ngayo.

ISAHLUKO 138

UKristu Ngasekunene KukaThixo

UYesu wenza ntoni xa elinde ixesha lokoyisa iintshaba zakhe?

ISAHLUKO 139

UYesu Ubuyisa IParadesi

Usenomsebenzi omninzi ekufuneka ewenzile ngaphambi kokuba anike uTata wakhe uBukumkani.

Ukuze Ukuze Ube NjengoYesu, Yiba ngumntu. . .

UYesu wayemane ebonisa iimpawu ezisibhozo ubomi bakhe bonke.

IZibhalo

Jonga apha ukuze ubone ukuba kuthethwa ngayo phi ivesi yeVangeli kule ncwadi.

Imizekelo Ekule Ncwadi

Khangela izahluko kule ncwadi ekuthethwa kuzo ngale mizekelo yenziwa nguYesu.

Ezinye Iziprofeto EzingoMesiya

Dibanisa izinto ezenzeka ebomini bukaYesu neziprofeto zeBhayibhile ezingqina ukuba unguMesiya kunye nezahluko ezithetha ngazo kule ncwadi.

Iindawo UYesu Awahlala Nawafundisa Kuzo

Le maphu isibonisa iindawo uYesu awayeshumayela kuzo.