ISIFUNDO 13
Zicacise Kakuhle Izinto Ozifundisayo
IMizekeliso 3:21
INTO OMELE UYENZE: Nceda abantu abakumameleyo baqonde ukuba le nto uyifundisayo inokubanceda njani, uze ubabonise ukuba bamele benze ntoni ngento abayifundileyo.
INDLELA YOKUYENZA LE NTO:
-
Cinga ngabantu abaza kukumamela. Cinga ngokuba kutheni abantu abakumameleyo kufuneka bayive le nto uyithethayo, uze ucinge ngezona zinto ziza kubanceda.
-
Bonisa abantu abakumameleyo into abamele bayenze. Uqala nje ukuthetha, mntu ngamnye kufuneka aqonde ukuba iza kumnceda le nto uyithethayo. Njengoko uqhubeka uthetha, babonise into abamele bayenze. Sukugwegweleza, ngqala.