Xelisa Ukholo Lwabo
Sinokuncedakala njani ngokufunda ngamadoda namabhinqa awayethembekile ekuthethwa ngawo eBhayibhileni?
Ubalo-maxesha LweBhayibhile
Olu balo maxesha nezi maphu ziza kukunceda uqonde izinto ezenzekayo neendawo abahlala kuzo aba bantu bathembekileyo kuthethwa ngabo eBhayibhileni.
Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
IQumrhu Elilawulayo liyakukhuthaza ukuba uzifundele le ncwadi uze uyifunde nentsapho yakho.
Intshayelelo
IBhayibhile inamabali okwenyani athetha ngamadoda namabhinqa athembekileyo. Sinokungenelwa njani kwimizekelo yawo?
UABHELI
“Nangona Wafayo, Usathetha”
Sinokufunda ntoni kuAbheli nokholo lwakhe ekubeni iBhayibhile ingathethi kangako ngaye?
UNOWA
“Wahamba NoThixo Oyinyaniso”
Ziziphi iingxaki uNowa awajongana nazo ekukhuliseni abantwana? Balubonisa njani ukholo ekhwakheni umkhombe?
ABRAM
‘UYise Wabo Bonke Abo Banokholo’
UAbram walubonisa njani ukholo? Ziziphi iindlela ongathanda ukuluxelisa ngayo ukholo luka-Abram?
URUTE
“Apho Uya Khona Ndiya Kuya”
Yintoni eyabangela uRute akulungele ukushiya intsapho yakowabo kunye nelizwe lakhe? Ziziphi iimpawu awazibonisayo ezamenza waxabiseka kuYehova?
URUTE
‘Umfazi Obalaseleyo’
Kutheni umtshato kaRute noBhohazi ukhethekile? Yintoni esinokuyifunda kuRute noNahomi ngendlela yokwakha ikhaya?
UHANA
Wakhuphela Imbilini Yakhe KuThixo Ngomthandazo
Ukholo uHana awayenalo kuYehova lwamnceda wakwazi ukumelana nemeko eyayibonakala ingenasisombululo.
USAMUWELI
‘Waqhubeka Ekhulela KuYehova’
Yintoni le yayingaqhelekanga ngoSamuweli? Yintoni eyancedayo ekukhuliseni ukholo lwakhe ngoxa wayesemnqubeni?
USAMUWELI
Wanyamezela Ngaphezu Nje Kokuphoxeka
Sonke siyabufumana ubunzima nokuphoxeka okuvavanya ukholo lwethu. Ukunyamezela kukaSamuweli kunokusifundisa ntoni?
UELIYA
Walumela Unqulo Olunyulu
Sinokumxelisa njani uEliya xa sijamelene nabantu abangavumelaniyo neemfundiso zeBhayibhile?
UELIYA
Wabukela Waza Walinda
Umprofeti uEliya wabonisa njani ukulinda ngomthandazo njengoko wayelinde ukuba uYehova azalisekise isithembiso sakhe?
UELIYA
Wathuthuzelwa NguThixo Wakhe
Ziintoni ezenzekayo ezabangela uEliya watyafa wade wacela nokufa?
UYONA
Wafunda Kwiimpazamo Zakhe
Ngaba unokumvela uYona kuloyiko analo lokwamkela isabelo? Ibali lakhe lisifundisa ngenceba kaYehova.
UESTERE
Wenza Ngobulumko, Ngenkalipho Nangokuzincama
UEstere wazincama njani ukuze kungenelwe uYehova nabantu bakhe?
UMARIYA
“Khangela! Ikhobokazana LikaYehova!”
Impendulo kaMariya kwingelosi uGabriyeli yabonisa ntoni ngokholo lwakhe? Ziziphi ezinye iimpawu ezintle awazibonisayo?
UMARIYA
‘Wazenzela Izigqibo Entliziyweni Yakhe’
Izinto ezenzeka kuMariya eBhetelehem zaluqinisa ukholo lwakhe kwizithembiso zikaYehova.
UYOSEFU
Wakhusela, Walungiselela, Wazingisa
UYosefu wayikhusela njani intsapho yakhe? Kwakhutheni ukuze ase uMariya noYesu eYiputa?
UPETROS
Walwa Noloyiko Lwakhe Nokuthandabuza
Singaphazanyiswa kakhulu kukuthandabuza. UPetros waloyisa uloyiko kunye namathandabuzo ngokulandela uYesu.
UPETROS
Wanyaniseka Xa Wayevavanywa
Ukholo nokuthembeka kukaPetros kwamnceda njani wakwazi ukulungiswa nguYesu?
UPETROS
Wafunda Ukuxolela Enkosini Yakhe
UYesu wamfundisa ntoni uPetros ngokuxolela? UYesu wambonisa njani uPetros ukuba umxolele?
Mhlawumbi Ungayithanda Nale
UKUKHOLWA KUTHIXO
Xelisa Ukholo Lwabo
Linganisa imizekelo yamadoda namabhinqa aseBhayibhileni, uze usondele kuThixo.