Unokwenza njani ukuze zikuncede ezi zifundo zeBhayibhile?
Jonga amaphepha asekuqaleni athetha ngezinto ezikule ncwadi, emva koko dlala IVIDIYO.
INDAWO YOKUQALA
Ukuze ulungiselele isifundo, funda indawo yokuqala. Imibuzo ebhalwe ngqindilili (A) nezibhalo (B) zicacisa ezona zinto zifundiswayo. Uzuqaphele ukuba ezinye izibhalo zibhalwe “funda.”
EPHAKATHI
Indawo ethi Funda Nezinye Izinto (C) ichaza izinto oza kuzifunda. Imixholwana (D) ibonisa izinto eniza kuthetha ngazo. Ukunye nomntu okufundelayo, funda izibhalo, uphendule imibuzo uze ubukele neevidiyo.
Iibhokisi EZINEEVIDIYO zikusa kwizinto ezithetha ngezinto ozifundayo. Ezinye iividiyo zibonisa izinto ezenzeka nyhani. Kanti ezinye azibonisi bantu okanye izinto ezakha zenzeka nyhani, kodwa zibonisa izinto eziyinyani nezinokwenzeka.
Jonga imifanekiso namazwi asecaleni kwawo (E), uze ucinge ukuba ungawuphendula njani umbuzo okwindawo ethi Abanye Abantu Bathi (F).
EYOKUGQIBELA
Isifundo siphela kwindawo ethi Ufunde Ntoni? nethi Khawutsho (G). Xa usigqibile eso sifundo, bhala umhla osigqibe ngawo. Phantsi kwendawo ethi Into Endizimisele Ukuyenza (H) ufumana into onokuyenza. Kwethi Jonga Nezi Zinto (I) kukho nezinye izinto onokuzifunda okanye uzibukele.
Iziqulatho
|
|
|
|
Indlela yokufumana iivesi zeBhayibhile
IBhayibhile ineencwadi eziyi-66. Yahlulwe kabini: IZibhalo zesiHebhere nesiAramiki (“iTestamente Endala”) neZibhalo zesiGrike (“iTestamente Entsha”).
Xa kucatshulwa izibhalo, kubhalwa igama lencwadi yeBhayibhile (A), emva koko ibe sisahluko (B), nevesi okanye iivesi (C).
Ngokomzekelo, xa kusithiwa Yohane 17:3 kuthethwa ngencwadi kaYohane, isahluko 17, ivesi 3