Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
Esi sixhobo sokufunda iBhayibhile senziwe ngohlobo lokuba sikuncede ufunde ngoko kuthethwa yiBhayibhile kwimixholo eyahlukahlukeneyo, kuquka othi isizathu sokuba sibandezeleke, oko kwenzekayo kuthi xa sisifa, indlela esinokulufumana ngayo ulonwabo ebomini njalo njalo.
Ngaba Yinjongo KaThixo Le?
Usenokuzibuza ngesizathu sokuba kubekho iingxaki ezininzi kangaka namhlanje. Ngaba ubusazi ukuba iBhayibhile ithi kuza kutshintsha kungekudala nokuba unokuzuza kolo tshintsho?
ISAHLUKO 1
Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?
Ngaba ucinga ukuba uThixo ukukhathalele? Funda ngobuntu bakhe nendlela onokusondela ngaye kuye.
ISAHLUKO 2
IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo
Inokukunceda njani iBhayibhile ukuba uhlangabezane neengxaki onazo? Kutheni umele uzikholelwe iziprofeto eziseBhayibhileni?
ISAHLUKO 3
Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?
Ngaba iya kuze izaliseke injongo kaThixo yomhlaba oyiparadesi? Ukuba kunjalo, nini?
ISAHLUKO 4
Ngubani UYesu Kristu?
Funda ngesizathu sokuba uYesu enguMesiya othenjisiweyo, imvelaphi yakhe nesizathu sokuba ekuphela koNyana ozelweyo.
ISAHLUKO 6
Baphi Abafileyo?
Funda ngoko kuthethwa yiBhayibhile ngendawo abakuyo abafi nesizathu sokuba bafe.
ISAHLUKO 7
Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo
Ngaba uswelekelwe sisalamane okanye umhlobo wakho? Ngaba ungaphinde ubabone? Funda ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngovuko.
ISAHLUKO 8
Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
Abantu abaninzi bayawazi uMthandazo weNkosi. Litheth’ ukuthini ibinzana elithi: “Mabufike ubukumkani bakho”?
ISAHLUKO 9
Ngaba Siphila ‘Kwimihla Yokugqibela’?
Hlola izinto ezenziwa ngabantu nezimo zengqondo zabo ezibonisa ukuba ngoku siphila ‘kwimihla yokugqibela’ njengoko kuprofetwe ngazo eBhayibhileni.
ISAHLUKO 10
Izidalwa Zomoya—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
IBhayibhile ithetha ngeengelosi needemon. Ngaba ezi zidalwa zomoya zikho? Ngaba zinokubuchaphazela ubomi bethu?
ISAHLUKO 11
Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
Abantu abaninzi bacing’ ukuba kufanele kutyholwe uThixo ngako konke ukubandezeleka okusemhlabeni. Uthini wena? Funda ukuba uThixo uthi ziyintoni izizathu ezibangela ukuba avumele ukubandezeleka.
ISAHLUKO 12
Ukuphila Ngendlela Ekholisa UThixo
Ngaba inokwenzeka into yokuba siphile ubomi akholiswa bubo uYehova. Unokuba ngumhlobo wakhe.
ISAHLUKO 13
Imbono KaThixo Ngobomi
UThixo ukujonga njani ukuqhomfa, ukutofelw’ igazi nobomi besilwanyana?
ISAHLUKO 14
Indlela Yokwenza Intsapho Yakho Yonwabe
Uthando olwaboniswa nguYesu ngumzekelo onokuxeliswa ngabayeni, amakhosikazi nabantwana. Yintoni esinokuyifunda kuye?
ISAHLUKO 16
Lumele Ngokuqinileyo Unqulo Lokwenyaniso
Ziziphi iingxaki onokudibana nazo xa uchazela abanye ngeenkolelo zakho? Ungathetha njani ngazo ungakhange ukhubekise mntu?
ISAHLUKO 17
Sondela KuThixo Ngomthandazo
Ngaba uThixo uyaphulaphula xa uthandaza? Ukuze siphendule lo mbuzo, sifanele sazi oko kufundiswa yiBhayibhile ngomthandazo.
ISAHLUKO 18
Ubhaptizo Nolwalamano Lwakho NoThixo
Ngawaphi amanyathelo ofanele uwathabathe ukuze ufanelekele ukubhaptizwa? Funda ukuba kuthetha kuthini nendlela olufanele lwenziwe ngayo.
ISAHLUKO 19
Qhubeka Umthanda UThixo
Sinokulubonisa njani uthando nombulelo ngako konke oko uThixo akwenzileyo?
ISIHLOMELO
Igama LikaThixo—Ukusetyenziswa Kwalo Nentsingiselo Yalo
Igama likaThixo liye lasuswa kwiinguqulelo ezininzi zeBhayibhile. Ngoba? Ngaba kubalulekile ukusebenzisa igama likaThixo?
ISIHLOMELO
Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya
UThixo wakuxela ukufika kukaMesiya kwiminyaka engaphezu kweyi-500 ngaphambi kokuba afike. Funda ngesi siprofeto sibangel’ umdla!
ISIHLOMELO
UYesu Kristu—UMesiya Othenjisiweyo
UYesu wazizalisekisa zonke iziprofeto zeBhayibhile ezingoMesiya. Hlola eBhayibhileni yakho enoba ezi ziprofeto zazaliseka ngokweenkcukacha kusini na.
ISIHLOMELO
Inyaniso NgoYise, UNyana, NoMoya Oyingcwele
Abantu abaninzi bakholelwa ekubeni imfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu ifundiswa yiBhayibhile. Ngaba yinyaniso leyo?
ISIHLOMELO
Isizathu Sokuba AmaKristu Okwenyaniso Engawusebenzisi Umnqamlezo Kunqulo Lwawo
Ngaba ngokwenene uYesu wafela emnqamlezweni? Zifundele impendulo eBhayibhileni.
ISIHLOMELO
ISidlo SeNkosi Sangokuhlwa—Isikhumbuzo Esimzukisayo UThixo
AmaKristu ayalelwa ukuba enze iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Simele senziwe nini yaye njani?
ISIHLOMELO
“Umphefumlo” ‘Nomoya’—Athetha Ukuthini Kanye Kanye La Magama?
Abantu abaninzi bacinga ukuba xa umntu efile kukho inxalenye engabonakaliyo ephuma emzimbeni ize iqhubeke iphila. Lithini iLizwi likaThixo?
ISIHLOMELO
Yintoni IShiyol NeHadesi?
Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa igama elithi “ingcwaba” okanye “isihogo” xa zithetha ngeShiyol neHadesi. Atheth’ ukuthini kanye kanye la magama?
ISIHLOMELO
IMini Yomgwebo—Iyintoni?
Funda ngendlela iMini Yomgwebo eza kuba yintsikelelo ngayo kubantu bonke.
ISIHLOMELO
Owe-1914—Unyaka Obalulekileyo Kwisiprofeto SeBhayibhile
Bubuphi ubungqina obuseBhayibhileni bokuba owe-1914 yayingunyaka obalulekileyo?
ISIHLOMELO
Ngubani UMikayeli Isiphatha-zingelosi?
IBhayibhile iyasichazela ngesi siphatha-zingelosi sinamandla. Funda okungakumbi ngaye nangoko akwenzayo ngoku.
ISIHLOMELO
Oko Ikuko “IBhabhiloni Enkulu”
Incwadi yeSityhilelo ithetha ngehenyukazi elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu. Ngaba libhinqa lokoqobo? Ithini iBhayibhile ngalo?
ISIHLOMELO
Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?
Cinga ngemozulu yexesha lonyaka uYesu awazalwa ngalo. Isixelela ntoni loo nto?
ISIHLOMELO
Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?
Ithini imvelaphi yeeholide ezininzi ezidumileyo kwindawo ohlala kuyo? Ingakothusa impendulo.