Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo Yecandelo 3

Intshayelelo Yecandelo 3

Kwiminyaka emva koMkhukula, iBhayibhile isixelela ngabantu abambalwa ababekhonza uYehova. UAbraham wayengomnye wabo yaye wayesaziwa ngokuba ngumhlobo kaYehova. Kwakutheni ukuze abizwe ngokuba ngumhlobo kaYehova? Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho aqonde ukuba uYehova unomdla kuye kwaye ufuna ukumnceda. Sinokucela uncedo kuYehova kanye njengoAbraham namanye amadoda awayethembekile, njengoLote noYakobi. Simele siqiniseke ukuba uYehova uyazenza izinto azithembisayo.

KWELI CANDELO

ISIFUNDO 7

Inqaba YaseBhabheli

Abantu bacinga ukwakha isixeko esinenqaba efika ezulwini. Kwakutheni ukuze uThixo abenze bazibone sebethetha iilwimi ezingafaniyo?

ISIFUNDO 8

UAbraham NoSara Bammamela UThixo

Kwakutheni ukuze uAbraham noSara bashiye ubomi ababebuphila edolophini baye kuba ngoonothwal’ impahlana eKanan?

ISIFUNDO 9

Bade Banonyana!

UThixo wayeza kusizalisekisa njani isithembiso sakhe kuAbraham? Nguwuphi unyana esasiza kuzaliseka ngaye—nguIsake okanye nguIshmayeli?

ISIFUNDO 10

Khumbulani Umfazi KaLote

UThixo wanisa umlilo nesalfure eSodom naseGomora. Kwakutheni ukuze zitshatyalaliswe ezo dolophu? Kutheni sifanele sikhumbule umfazi kaLote?

ISIFUNDO 11

Kuvavanywa Ukholo

UThixo wathi kuAbraham: ‘Nceda, uthathe unyana wakho okuphela kwakhe uze unikele ngaye kwintaba iMoriya.’ Ngaba uAbraham wayeza kumelana nolu vavanyo lokholo lwakhe?

ISIFUNDO 12

UYakobi Walifumana Ilifa

UIsake noRebheka babenamakhwenkwe angamawele, uEsawu noYakobi. Ngenxa yokuba uEsawu waphuma kuqala, yayinguye owayefanele afumane ilifa. Kwakutheni ukuze aphise ngalo ngenxa yesitya esinesityu?

ISIFUNDO 13

UYakobi NoEsawu Bayaxolelana

UYakobi wenza ntoni ukuze asikelelwe yingelosi? Ibe wenza ntoni ukuze axolelane noEsawu?