Kuthekani Ukuba Umzali Wam Ulikhoboka Leziyobisi Okanye Lotywala?
Isahluko 23
Kuthekani Ukuba Umzali Wam Ulikhoboka Leziyobisi Okanye Lotywala?
“Utata wathi usaya kulungisa imoto, emva koko wanyamalala imini yonke. Umama wazama ukumfowunela. Akazange aphendule. Emva kwethutyana, ndaphawula ukuba umama unxubile yaye ulungiselela ukuhamba. Wathi ‘Ndisaya kufuna uyihlo mntwan’ am.’
“Kwithutyana elingephi umama wabuya—ehamba yedwa. Akungena umama ndambuza, ‘Utata akayanga kulungisa moto andithi mama?’ Waphendula wathi, ‘Hayi sana lwam.’
“Ngoko nangoko ndaqonda ukuba utata uvukwe likakade. Wayengaqali ukwenza le nto. Kaloku utata likhoboka leziyobisi. Ekubuyeni kwakhe, sasisoyika. Ngengomso ndamqumbela—yaye ngoku iyandikhathaza loo nto ndayenzayo.”—UKaren, oneminyaka eli-14 ubudala.
IZIGIDI zolutsha zinengxaki yabazali abangamakhoboka eziyobisi okanye otywala. Ukuba umzali wakho unjalo, usenokukwenza ube neentloni okanye akucaphukise.
Ngokomzekelo, uyise kaMary wayebonakala enobubele phakathi kwabanye abantu. Kodwa abantu babengamazi ukuba ulinxila yaye xa ekwakhe wayeyithuka intsapho yakhe yaye eyixhaphaza. UMary uthi: “Abantu babedla ngokuthi sisikelelekile ngokuba notata onobubele kangaka.” a
Ukuba omnye wabazali bakho ulikhoboka lotywala okanye leziyobisi, unokujamelana njani nale meko?
Unobangela Wokuba Likhoboka
Okokuqala, kudla ngokuba luncedo ukwazi okungakumbi ngengxaki akuyo umzali wakho. IMizekeliso 1:5 ithi: “Umntu onokuqonda ngulowo uzuza ulwalathiso lobuchule.” Ngoko ke, kuya kuba luncedo ukwazi ukuba kukuthini ukuba likhoboka lotywala okanye leziyobisi, ngoobani ababa ngamakhoboka nesizathu sokuba babe ngamakhoboka.
Ngokomzekelo, umntu olikhoboka lotywala akafani nomntu onxila ngamathuba athile. Kodwa, ngumntu osoloko enxilile. Ekuphela kwento esengqondweni yakhe butywala yaye apho aqale khona akayeki. Oku kubangela ingxaki entsatsheni yakhe, emsebenzini yaye konakalisa impilo yakhe.
Nakuba abanye abantu benokuba ngamakhoboka otywala ngenxa yokungalungelelani okuthile kwimichiza yengqondo, kubonakala ngathi iimvakalelo zinokuba negalelo kule ngxaki. Eneneni, amakhoboka otywala amaninzi adla ngokuzeya. (IMizekeliso 14:13) Amanye awo akhuliswa ngabazali ababengamakhoboka otywala. Kuba bakhulela kwezo meko zibuhlungu, baye bazithuthuzele ngotywala. Kwenzeka into efanayo nakumakhoboka eziyobisi.
Kakade ke, iingxaki zomntu ziyanda ngenxa yotywala neziyobisi; kaloku indlela acinga ngayo neemvakalelo zakhe zigqwethekile. Ngenxa yoko umzali wakho kufuneka adibane nabantu abaqeqeshelwe ukunceda amakhoboka otywala neziyobisi.
Ungabi Nolindelo Olukhulu
Enyanisweni ukwazi isizathu sokuba umzali wakho enze izinto ezibangela iintloni, akuyiphelisi le ngxaki. Nakuba kunjalo, ukwazi nje okungakumbi ngale meko yakhe kunokukwenza ube novelwano ukusa kumlinganiselo othile.
Ngokomzekelo, ngaba ubunokulindela ukuba umzali owaphuke umlenze adlale nawe ibhola? Kuthekani ukuba ubusazi ukuba umzali wakho waphuke umlenze ngenxa yobudenge abenzileyo? Alithandabuzeki elokuba ubuya kudana. Sekunjalo, uyazi ukuba umzali wakho uya kukwazi ukudlala nawe kwakhona xa sele epholile. Ukuqonda eso sibakala kunokukunceda ukuba ungabi nalindelo lungako.
Ngokufanayo, umzali okanye umntu olikhoboka lotywala okanye leziyobisi akakwazi ukuqiqa kakuhle nokulawula iimvakalelo zakhe. Liyinyaniso elokuba uzifake ngokwakhe kule ngxaki. Yaye siyaqondakala isizathu sokuba ungayithandi indlela umzali wakho aziphethe ngayo. Nakuba kunjalo, umzali wakho akanakukwazi ukukunyamekela kakuhle de afumane uncedo. Xa uyamkela into yokuba umzali wakho usengxakini, oku komntu owaphuke umlenze, akunakulindela lukhulu kuye.
Oko Unokukwenza
Inyaniso kukuba lo gama umzali wakho engekalitshintshi ikhondo lakhe, kuya kufuneka unyamezele ezo zinto azenzayo. Yintoni ke onokuyenza lo gama angekatshintshi?
Musa ukuzibek’ ityala ngale meko yomzali wakho. Ngumzali wakho obekek’ ityala ngale ngxaki yakhe. EyabaseGalati 6:5 ithi: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” Asiyombopheleleko yakho ukunyanga umzali wakho yaye akunyanzelekanga ukuba umkhusele kwiingxaki ezinokumehlela ngenxa yale ndlela aphila ngayo. Ngokomzekelo, akunyanzelekanga ukuba uxoke kumqeshi wakhe okanye umngenise endlwini xa ebewile ngenxa yokunxila.
Khuthaza umzali wakho ukuba afune uncedo. Umzali wakho usenokungavumi ukuba unengxaki. Xa engaselanga yaye ezolile, mhlawumbi omnye umzali wakho nabantwana bakowenu abadala kunawe banokuthetha naye bamxelele indlela utywala obuyichaphazela ngayo intsapho yakowenu nento amele ayenze.
Ukongezelela, umzali wakho olikhoboka lotywala okanye leziyobisi unokuncedakala xa enokuphendula le mibuzo ilandelayo: Yintoni eya kwenzeka kum nakwintsapho yam xa ndiqhubeka ndisela utywala okanye ndisebenzisa iziyobisi? Kuya kwenzeka ntoni ukuba ndiyahlukana nalo mkhwa? Yintoni endimele ndiyenze ukuze ndifumane uncedo?
Ukuba usengozini, baleka. IMizekeliso 17:14 ithi: “Ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.” Musa ukuzibeka esichengeni ngokubandakanyeka kwingxwabangxwaba. Ukuba kunokwenzeka yiya egumbini lakho okanye utyelele umhlobo. Xa ekuphatha ngogonyamelo, funa uncedo.
Indlela ovakalelwa ngayo. Olunye ulutsha luziva lunetyala kuba lumcaphukela umzali olikhoboka lotywala. Kulindelekile ukuvakalelwa ngale ndlela, ingakumbi ukuba Efese 6:2, 3) Kodwa ‘ukubeka’ kuthetha ukuhlonela igunya analo, kanye ngendlela ohlonela ngayo ipolisa okanye ijaji. Oko akuthethi ukuba uyayithanda into eyenziwa ngumzali wakho. (Roma 12:9) Akukho nto iphosakeleyo ngawe kuba ungayithandi indlela aziphethe ngayo umzali wakho; enyanisweni ukusela kakhulu utywala nokusebenzisa iziyobisi akuthandeki!—IMizekeliso 23:29-35.
uziva ungathandwa yaye ungakhathalelwanga ngumzali wakho ngenxa yale meko akuyo. Eneneni, iBhayibhile ikuyalela ukuba ubeke umzali wakho. (Funa unxulumano olwakhayo. Xa izinto zingahambi kakuhle ekhaya, usenokubulibala ubomi obuqhelekileyo. Kubalulekile ukuba unxulumane nabantu abaqolileyo ngokomoya nabonwabileyo. Amalungu ebandla lamaKristu anokukukhuthaza aze akwenze uzive uthuthuzelekile. (IMizekeliso 17:17) Ukunxulumana neentsapho zamaKristu kunokwenza ubone indlela iintsapho ezimele ziphile ngayo, ngokwahlukileyo kuleyo yakowenu.
Isaya 32:2) Ungoyiki okanye uzive uneentloni ukuya kucela uncedo nokhuthazo.
Nawe funa uncedo. Ukuba nomhlobo oqolileyo onokuphalaza kuye imbilini kunokuba luncedo. Abadala bebandla baya kukunceda xa ucela uncedo kubo. IBhayibhile ithi la madoda ‘anjengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni, anjengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu, nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.’ (Kula macebiso mathandathu, bhala phantsi oza kuqala ngalo ukulisebenzisa. ․․․․․
Kunokuba nzima ukutshintsha imeko yakowenu kodwa unokuyitshintsha indlela ekuchaphazela ngayo wena. Kunokuba uzame ukutshintsha umzali wakho, nikela ingqalelo kwizinto onokukwazi ukuzenza. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Hlalani nilufezekisa usindiso lwenu.” (Filipi 2:12) Ngokwenjenjalo uya kuhlala unesimo sengqondo esifanelekileyo yaye oko kunokukhuthaza nomzali wakho afune uncedo ngengxaki anayo.
Kuthekani ukuba abazali bakho basoloko bexambulisana? Unokujamelana njani nale meko?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba uxhatshazwa ngumzali olinxila, ufanele ufune uncedo. Phalaza imbilini yakho kumntu osele eqolile omthembileyo. Ukuba uliNgqina likaYehova, thetha nabadala bebandla okanye omnye umKristu onamava.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Ingqiqo yomntu ngokuqinisekileyo imenza azeke kade umsindo.”—IMizekeliso 19:11.
ICEBISO
Kunokuba umthiye umzali wakho, umele uthiye into ephosakeleyo ayenzayo.—IMizekeliso 8:13; Yude 23.
NGABA UBUSAZI . . . ?
EBhayibhileni igama elithi ‘ukubeka’ lithetha ukuhlonela igunya elimiselweyo. (Efese 6:1, 2) Ngenxa yoko, ukubeka umzali akuthethi ukuba uvumelana nayo yonke into ayenzayo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba umzali wam uyandithuka okanye uyandixhaphaza, ndiza ․․․․․
Ndiza kukhuthaza umzali wam ukuba afune uncedo ngokuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Yintoni ebangela abanye abantu babe ngamakhoboka otywala okanye iziyobisi?
● Kutheni ungafanele uzibek’ ityala xa umzali wakho enale ngxaki?
● Ziziphi izinto onokuzenza ngale ngxaki yaye unokuzenza njani?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 192]
“Ndiyazi ukuba abazali bam basenokwenza into ebangela iintloni, kodwa ndiqinisekile ukuba uYehova uza kundinika amandla okunyamezela xa ndithembela kuye.”—UMaxwell
[Ibhokisi ekwiphepha 198]
Xa Umzali Eyeka Ukukhonza UYehova
Xa umzali eyeka ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile—mhlawumbi ade azahlule kwibandla lamaKristu—unokwenza ntoni?
● Khumbula ukuba akunatyala kuYehova ngenxa yezinto ezenziwa ngumzali wakho. IBhayibhile ithi: “Ngamnye wethu uya kuziphendulela kuThixo.”—Roma 14:12.
● Musa ukuzithelekisa nabantwana abakhuliswe kakuhle. (Galati 5:26) Omnye umfana owashiywa nguyise uthi, “Kunokuba uhlale ucinga ngemeko ebuhlungu okuyo, kubhetele ufune iindlela zokuhlangabezana nale ngxaki.”
● Qhubeka umhlonela umzali wakho enoba wenza izinto eziphosakeleyo, uze umthobele xa imiyalelo yakhe ingangqubani nemilinganiselo kaThixo. UYehova akayaleli abantwana ukuba bathobele kuphela abazali abangamakholwa. (Efese 6:1-3) Xa ubabeka yaye ubathobela abazali bakho, kungakhathaliseki iintsilelo zabo, ubonisa ukuba uyamthanda uYehova.—1 Yohane 5:3.
● Nxulumana ngokusondeleyo nebandla lamaKristu. Ngaloo ndlela uya kuthuthuzelwa yintsapho yakho enkulu yokomoya. (Marko 10:30) Omnye umfana ogama linguDavid wayenexhala lokuba amanye amalungu ebandla aza kuyiphepha intsapho yakowabo emva kokuba uyise eyekile ukukhonza uYehova. Kodwa uDavid wafumanisa ukuba akanasizathu sakoyika. Uthi: “Asizange sizive singamakheswa. Oku kwandiqinisekisa ukuba ngokwenene ibandla lisikhathalele.”
[Umfanekiso okwiphepha 194]
Ukuba umzali wakho olikhoboka lotywala okanye leziyobisi umgqala njengomntu owenzakeleyo, akuyi kulindela lukhulu kuye