INQAKU ELINGUMXHOLO | UYESU USISINDISA ENTWENINI?
Isikhumbuzo Sokufa KukaYesu—Nini Yaye Phi?
Kubusuku bangaphambi kokuba afe, uYesu wayalela abafundi bakhe ukuba bakhumbule ukufa kwakhe. Wathi kubo: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”—Luka 22:19.
Kulo nyaka, iSikhumbuzo sokufa kukaYesu siza kuba semva kokutshona kwelanga, ngoLwesihlanu, Aprili 3. AmaNgqina kaYehova amema wena nentsapho yakho ukuba niye kumamela intetho eza kuchaza isizathu sokuba ukufa kukaYesu kubalulekile nendlela okunokukunceda ngayo.