Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
Ngubani kanye kanye olawula ihlabathi?
Abantu abaninzi bakholelwa ukuba nguThixo oyinyaniso olawula ihlabathi. Kodwa ukuba bekunjalo, ngaba ngekukho iintlungu ezingaka apha emhlabeni? (Duteronomi 32:4, 5) IBhayibhile ithi, ihlabathi lonke lilawulwa ngumntu ongendawo.—Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.
Lo mntu ungendawo wenza njani ukuze alawule ihlabathi lonke? Kwiminyaka embalwa emva kokuba uAdam noEva bedaliwe, ingelosi ethile yavukela uThixo yaza yabangela ukuba bone. (Genesis 3:1-6) Bakhetha ukuthobela uSathana, waza wabalawula. UThixo uSomandla nguye kuphela uMlawuli ofanelekayo, kodwa ke ufuna abantu bazikhethele ukumkhonza kuba bemthanda. (Duteronomi 6:6; 30:16, 19) Okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi baye balahlekiswa, nabo benza ukhetho olubi njengoAdam noEva.—Funda iSityhilelo 12:9.
Ngubani oza kulungisa iingxaki zabantu?
Ngaba uThixo uza kusoloko emyekile uSathana elawula kakubi? Hayi! UThixo uza kusebenzisa uYesu ekulungiseni iingxaki ezibangelwe nguSathana.—Funda eyoku-1 kaYohane 3:8.
UYesu uza kunikwa amandla nguThixo ukuze atshabalalise uSathana. (Roma 16:20) Ngoko, uThixo uza kubalawula abantu ngokwakhe abenze baphile ngolonwabo nangoxolo kanye ngalaa ndlela wayefuna ngayo.—Funda iSityhilelo 21:3-5.