Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Uxolo Phakathi Kwabantu Abakholekileyo”

“Uxolo Phakathi Kwabantu Abakholekileyo”

“Uzuko kwiindawo eziphakamileyo phezulu kuThixo, uxolo emhlabeni phakathi kwabantu abakholekileyo.”—LUKA 2:14.

Isizathu sokuba abanye bebhiyozela iKrismesi.

Nyaka ngamnye, upopu nezinye iinkokeli zonqulo bashumayela uxolo, ngethemba lokuba ixesha leKrismesi liya kuzalisekisa amazwi awathethwa yingelosi athi: “Uxolo . . . phakathi kwabantu abakholekileyo.” Abanye bade baye kwiindawo zonqulo ukuze babhiyoze.

Kutheni ilucelomngeni nje le nto kwabanye?

Uxolo olubakho ngexesha leKrismesi lelokwexeshana. Ngokomzekelo, ngoDisemba ka-1914, ngoxa amazwe aseYurophu ayebambene ngezigalo kwiMfwazwe Yehlabathi I, amajoni aseBritani nawaseJamani aphuma emingxunyeni aza ahlanganisana ukuze abhiyozele iKrismesi kunye. Ayesitya, esela iziselo yaye etshaya kunye. Ada adlala kunye nebhola ekhatywayo. Noko ke, loo mvano ayizange ithathe xesha lide. Ileta eyabhalwa lelinye ijoni elinguMjamani libhalela elaseBritani ithi: “Namhlanje siseluxolweni. Ngomso uze ulwele ilizwe lakho nam ndiza kulwela elam.”

Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda?

‘Sizalelwe umntwana . . . Igama lakhe liya kubizwa [kuthiwe] . . . Nkosana yoXolo. Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana.’ (Isaya 9:6, 7) Ngaba esi siprofeto sithetha ngoYesu asisiqinisekisi ngoxolo oluya kuhlala luhleli? UYesu akazange azalwe emhlabeni ukuze azise imini enye yoxolo ngonyaka. NjengoMlawuli osezulwini, uya kuzisa uxolo lokwenene olungenasiphelo.

“Ezi zinto ndiye ndazitsho kuni ukuze ngam [uYesu] nibe noxolo. Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yohane 16:33) Unanamhla oku, uYesu unceda abalandeli bakhe ukuba babe noxolo. Kuyavunywa kona ukuba amaKristu aneembandezelo. Sekunjalo, anombulelo ngeBhayibhile, kuba ayaqonda ukuba kutheni kukho ukubandezeleka yaye ayayazi nendlela uYesu azakuluzisa ngayo uxolo oluya kuhlala luhleli. Ngenxa yoko, anoxolo lwengqondo.

Ngokusebenzisa amazwi kaYesu, amaNgqina kaYehova—kungakhathaliseki ukuba asuka kweliphi ilizwe, ibala lolusu, imvelaphi okanye athetha luphi na ulwimi—anoxolo lwengqondo. Ungazibonela oku sithetha ngako xa unokuya kwenye yeentlanganiso zawo eziba kwiHolo yoBukumkani. Mhlawumbi nawe, njengabanye, uya kuvuma ukuba olu hlobo loxolo lubhetele lee kunolo lubakho ngeKrismesi.

AmaNgqina kaYehova amanyaniswe luxolo kungakhathaliseki ukuba asuka kweliphi ilizwe, ibala lolusu okanye athetha luphi na ulwimi. Ungazibonela oku sithetha ngako xa unokuya kwenye yeetlanganiso zawo eziba kwiHolo yoBukumkani