Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukungcakaza?
Ngaba IBhayibhile Iyakwalela Ukungcakaza?
IIFILIMU ezithandwayo neenkqubo zikamabonwakude ziye zenza ukungcakaza—ngakumbi kumaziko okungcakaza—kwabonakala kuyinto yezinhanha nabantu abachubekileyo. Kakade ke, ekugqibeleni abantu baye babona ukuba loo nto yintsom’ emini okanye ngamaphupha nje.
Kodwa xa kuthethwa inyaniso, amaziko okungcakaza akhuphisana neloto, ukubheja, nokungcakaza ngeinternet. Incwadi ethi Internet Gambling ithi ukungcakaza “ngumkhwa oye wachaphazela phantse bonke abantu yaye ugqugqisile.” Ngokomzekelo, umdlalo wamakhasi ekuthiwa yipoker udlalwa kakhulu kumabonwakude nakwi-internet. Ngokutsho kwelinye iphephandaba, iingcali ziqikelela ukuba eUnited States, liye laphindaphindwa kabini inani labantu abadlala lo mdlalo wepoker kwiinyanga ezili-18 ezidluleyo.
Ukungcakaza kuye kwachazwa njengokubheja ngemali kwinto enomphumo ongaziwayo. Abantu abaninzi bathi ukuba umntu ongcakazayo usebenzisa imali yakhe, akukho nto ityhulu. INew Catholic Encyclopedia ide ithi ukungcakaza “akujongwa njengesono lo gama nje kungabangeli ukuba umntu abaleke uxanduva lwakhe.” Noko ke, akukho Zibhalo zicatshuliweyo ukuxhasa loo mbono. UmKristu ufanele awujonge njani lo mba? Ngaba iBhayibhile iyakuvumela okanye iyakwalela ukungcakaza?
Simele siqonde ukuba iBhayibhile ayingqali xa ithetha ngokungcakaza. Kodwa ke, oku akuthethi kuthi sishiywa singazi nto ngalo mba. Kunokuba isinike imithetho elawula yonke into esiyenzayo, iBhayibhile isibongoza ukuba ‘siqhubeke sikuqonda into okuyiyo ukuthanda kukaYehova.’ (Efese 5:17) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuqonda,’ ngokutsho komphengululi weBhayibhile uE. W. Bullinger, lithetha ukudibanisa izibakala zombandela othile “usebenzisa ingqondo nolwazi olufumene ngokucingisisa ngawo.” UmKristu unokukuqonda ukuthanda kukaThixo ngokudibanisa aze acingisise ngemigaqo yeBhayibhile enokuthanani nokungcakaza. Njengoko ufunda izibhalo ezicatshulwe kweli nqaku, khawuzibuze le mibuzo: ‘Ngaba ukungcakaza kuyavisisana nesi sibhalo? ILizwi likaThixo lindixelela ntoni ngokuthanda kwakhe ngalo mba?
Ukuhendwa Kukufuna Ithamsanqa
Ekubeni ukungcakaza kuquka ukubheja ngezinto ongaqinisekanga ngazo, ukukholelwa kwithamsanqa—kumandla angaziwayo ekuthiwa alawula izinto ezininzi—kudlal’ indima enkulu, ngakumbi xa kubhejwa ngemali. Ngokomzekelo, xa kudlalwa iloto kukhethwa iinombolo esithubeni; akuvumelekanga ukuthetha
amazwi athile phakathi kwabadlali bomdlalo ekuthiwa yiMah-jongg yaye amadayisi adla ngokuvuthelwa ngaphambi kokuba adlalwe. Kutheni? Abantu abangcakazayo badla ngokukholelwa ukuba banokuphumelela ngethamsanqa.Ngaba akukho nto iphosakeleyo ekubheneleni kwithamsanqa? Mandulo, amanye amaSirayeli ayevakalelwa ngaloo ndlela. Ayekholelwa ekubeni anokuba zizityebi ngethamsanqa. Wayevakalelwa njani uYehova uThixo ngalo mba? Esebenzisa umprofeti wakhe uIsaya, uThixo wabaxelela oku: “Nina ningabo bamshiyayo uYehova, abo bayilibalayo intaba yam engcwele, abo bamisela ngolungelelwano uthixo weThamsanqa itafile nabo bazalisela uthixo weSihlo iwayini ephithikeziweyo.” (Isaya 65:11) Emehlweni kaThixo, ukukholelwa kwithamsanqa lunqulo zithixo olungavisisaniyo nonqulo lokwenyaniso. Kubonisa ukuba loo mntu uthembele kumandla angekhoyo kunokuba athembele kuThixo oyinyaniso. Asinasizathu sokukholelwa ukuba uThixo utshintshile namhlanje.
Indlela Abaphumelela Ngayo
Enoba umntu ubheja kwi-internet, uthenga itikiti leloto, ubheja kwezemidlalo okanye udlala kwiziko lokungcakaza, abangcakazi badla ngokungawazi owona mthombo wale nto bayifunayo. Ukungcakaza kwahlukile ekuthengeni izinto kuba umngcakazi ufuna ukufumana imali omnye umntu aphulukene nayo. a ICentre for Addiction and Mental Health yaseKhanada ithi: “Xa kukho umntu ofumana izigidi zemali ngenxa yeloto, kudla ngokubakho izigidi zabantu eziphulukana nemali yazo!” Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokunceda umKristu aqonde indlela avakalelwa ngayo uThixo ngalo mba?
Eyokugqibela kwiMithetho Elishumi eyanikwa uSirayeli ithi: “Uze ungamnqweneli umfazi wedlelane lakho, nekhoboka lalo, nekhobokazana lalo, nenkunzi yalo yenkomo, ne-esile lalo, nantoni na eyeyedlelane lakho.” (Eksodus 20:17) Ukunqwenela izinto zedlelane lakho—impahla yalo, ubutyebi nemali yalo— kwakugqalwa njengesono esinzulu kufaniswa nokunqwenela umfazi walo. Kwiinkulungwane emva koko, umpostile uPawulos wawuphinda lo myalelo kumaKristu, wawaxelela oku: “Uze ungakhanuki.” (Roma 7:7) Ngaba umKristu ofuna izinto aphulukene nazo omnye umntu akakhanuki?
Umbhali wemihlathi uJ. Phillip Vogel ubhala athi: “Enoba [abangcakazi] bayavuma okanye abavumi, ngaphambi kokuba baqalise bacinga ngokungcakaza ngemali encinane ukuze benze isityhwentywe semali.” Abo bangcakazi bacinga ngokwenza isityhwentywe semali ngexesha elingephi. Kucacile ukuba oku kuyangqubana nesiluleko seBhayibhile sokuba umKristu afanele “asebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nento yokwabela lowo usweleyo.” (Efese 4:28) Umpostile uPawulos wathi: “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.” Wolek’ umsundulo wathi: ‘Mabatye ukutya abazizuzele ngokwabo.’ (2 Tesalonika 3:10, 12) Ngaba ukungcakaza kufanele kujongwe njengomsebenzi wempangelo?
Nangona ukungcakaza kufuna umntu azimisele, nayiphi na imali umntu ayenzayo akayisebenzelanga. Xa ungcakaza, imali ifumaneka ngamabonandenzile. Ngamafutshane umngcakazi ufuna imali angayisebenzelanga. Kwelinye icala amaKristu okwenyaniso akhuthazwa ukuba afumane imali ayisebenzeleyo. Ukumkani uSolomon osisilumko wabhala wathi: “Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.” Wahlabela mgama wathi: “oku kuvela esandleni soThixo oyinyaniso.” (INtshumayeli 2:24) Abakhonzi bakaThixo abathembelanga kumabonandenzile okanye arhatshule, kunoko akhangele kuThixo ukuze awasikelele onwabe.
“Umgibe” Ofanele Uphetshwe
Enokuba umngcakazi angaphumelela, ufanele angacingi kuphela ngemali ayenzayo kodwa acinge nangemiphumo yokungcakaza. IMizekeliso 20:21 ithi: “Ilifa lifunyanwa ngokubawa ekuqaleni, kodwa ikamva lalo aliyi kusikelelwa.” Abantu abaninzi abaye bawina imali yeloto baye bafunda kabuhlungu ukuba ubutyebi abuluzisi ulonwabo. Kubhetele ukuthobela isiluleko seBhayibhile sokuba singathembeli “kubutyebi obungaqinisekanga, kodwa mabathembele kuThixo, osinika zonke izinto ngokobutyebi ukuze sizinandiphe.”—1 Timoti 6:17.
Kukho iingozi ezingakumbi ekungcakazeni ngaphandle kokuwina nokuphulukana nemali. ILizwi likaThixo lithi: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni.” (1 Timoti 6:9) Umgibe wenzelwe ukubambisa ixhoba. Abantu abaninzi ababefuna ukungcakaza ngemali encinane okanye ukubona nje ukuba kunjani ukungcakaza, baye bachewuka yaye abakwazi ukuyeka ngoku ukungcakaza. Kuye kwabaphulukanisa nemisebenzi, bevisa abantu abasondele kubo neentsapho zabo iintlungu.
Ekubeni uye wahlola izibhalo ezininzi ezithetha ngokungcakaza, ngaba uya kuqonda ukuthanda kukaThixo ngalo mbandela? Umpostile uPawulos wabongoza amanye amaKristu wathi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” (Roma 12:2) Kukuthanda kukaThixo kungekhona umndilili ofanele ukhokele umKristu. Ekubeni uYehova ‘enguThixo onoyolo,’ ufuna sibunandiphe ubomi, ngaphandle kwemiphumo ebuhlungu yokungcakaza.—1 Timoti 1:11.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! wesiNgesi kaOktobha 8, 2000, iphepha 25-27, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, uchaza indlela ukutyal’ imali okwahluke ngayo ekungcakazeni.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]
Abakhonzi bakaThixo benza imali ngokuyisebenzela
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
Imincili Yokuwina
Ngaba kulula ukuchewuka xa uqalise ukungcakaza? Kuhlolisiso olwenziwa kumakhoboka okungcakaza uGqr. Hans Breiter wafumanisa ukuba “ingqondo yomntu ongcakazayo nowine imali isebenza ngendlela efanayo neyomntu ochewulwe ziziyobisi.”
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Abantu abangcakazayo banethemba lokufumana imali kabani?