Niye Nangcwaliswa
“Niye nahlanjwa nahlambuluka, niye nangcwaliswa.”
1. Ziziphi izinto eziphazamisayo uNehemiya awafika zisenzeka xa wabuyela eYerusalem? (Bona umfanekiso osekuqaleni.)
ABEMI baseYerusalem bayabuzana bexakiwe. Etempileni kuhlala umphambukeli odume kakubi. AbaLevi bayawushiya umsebenzi wabo. Kunokukhokela abantu ukuze banqule uYehova, abadala bakhetha ukurhweba nangeSabatha. AmaSirayeli amaninzi atshata abantu beentlanga. Le yimbinana nje yezinto eziphazamisayo uNehemiya awafika zisenzeka ukubuyela kwakhe eYerusalem ngaxa lithile emva konyaka ka-443 B.C.E.
2. USirayeli waba siso njani isizwana esingcwalisiweyo?
2 USirayeli wayesisizwe esizahlulele kuThixo. Ngo-1513 B.C.E., amaSirayeli ayezimisele ukwenza ukuthanda kukaYehova. Athi: “Sikulungele ukwenza ngokwamazwi onke awathethileyo uYehova.” (Eks. 24:3) Ngenxa yoko uThixo wawangcwalisa, okanye wawanyula ukuba abe sisizwana sakhe. Yayililungelo elingathethekiyo elo! Kwiminyaka eyi-40 kamva, uMoses wawakhumbuza oku amaSirayeli: “Usisizwana esingcwele kuYehova uThixo wakho. Nguwe uYehova uThixo wakho amnyulileyo ukuba abe sisizwana sakhe, abe yinqobo kuye, kwizizwana zonke eziphezu komhlaba.”
3. Yayinjani imeko yokomoya yamaYuda xa uNehemiya wayefika okwesibini eYerusalem?
3 Okubuhlungu kukuba, zange kube kudala, laphela elo bhongo lokuba sisizwana esingcwele kumaSirayeli. Nakuba kwakusoloko kukho abathile abakhonza uThixo, eyona nto yayisoloko ixhalatyelwe yinkoliso yamaYuda kukubonakala emehlweni abantu engcwele, okanye ezinikele kuThixo kunokuzixhalabisa ngokwenza ukuthanda kwakhe. Xa uNehemiya wayefika apho isihlandlo sesibini, kwakusele kudlule iminyaka emalunga nekhulu intsalela yawo ethembekileyo ibuyile ekuthinjweni eBhabhiloni ukuze ivuselele unqulo lwenyaniso. Ayephinde etha amandla ekuzondeleleni ukuthanda kukaThixo.
4. Ziziphi izinto esiza kuxubusha ngazo ezinokusinceda sihlale singcwele?
4 NjengamaSirayeli, singatsho ukuba namhlanje amaNgqina kaYehova aye angcwaliswa nguThixo. AmaKristu athanjisiweyo nalawo ‘esihlwele esikhulu’ aye angcwaliswa, ebekelwa bucala ukwenza inkonzo engcwele. (ISityhi. 7:
UKUPHEPHA UNXULUMANO OLUBI
5 Funda uNehemiya 13:4-9. Siphila phakathi kwempembelelo embi, ngoko kufuneka umgudu ukuze sihlale singcwele. Cinga nje ngoEliyashibhi noThobhiya. UEliyashibhi wayengumbingeleli omkhulu, ngoxa uThobhiya esenokuba wayengumAmoni negosa nje elingabalulekanga kulawulo lwamaPersi kwelo lakwaYuda. UThobhiya nabahlobo bakhe babesilwa neenzame zikaNehemiya zokuvusa iindonga zeYerusalem. (Neh. 2:
5, 6. Wayengubani uEliyashibhi noThobhiya, ibe yintoni esenokuba yabenza abahlobo?
6 UThobhiya waba ngumhlobo osenyongweni kaEliyashibhi. UThobhiya nonyana wakhe uYehohanan babetshate namaYudakazi, ibe amaYuda amaninzi ayemhlonela uThobhiya. (Neh. 6:
7. Abadala nabanye abantu baqinisekisa njani ukuba bahlala bengcwele emehlweni kaYehova?
7 Ekubeni sizahlulele kuYehova, ngoyena simele sinyaniseke kuye ngalo lonke ixesha. Ekuphela kwento eya kusinceda sihlale singcwele kuye, kukubambelela kwimilinganiselo yakhe yobulungisa. Asinakwaphula imigaqo yeBhayibhile kuba nje sicenga ubuhlobo namalungu entsapho. Abadala bebandla bamele bakhokelwe ziimbono zikaYehova, kungekhona ezabo nendlela abavakalelwa ngayo. (1 Tim. 5:
8. Yintoni emele ikhunjulwe ngabo bonke abakhonzi bakaYehova abazahluleleyo ngokuphathelele unxulumano?
8 Simele sikhumbule ukuba “unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Kor. 15:
UKUXHASA AMALUNGISELELO KATHIXO
9. Yintoni eyayiphazamisa amalungiselelo etempile, ibe uNehemiya walibeka koobani ityala?
9 Funda uNehemiya 13:10-13. Kuyacaca ukuba abantu babengasanikeli tu etempileni xa kwakufika uNehemiya eYerusalem. Ngenxa yokungaxhaswa ngeminikelo, abaLevi babeshiya umsebenzi wabo baye kusebenza kumasimi abo. UNehemiya walibeka kumasekela-baphathi ityala. Kuyabonakala ukuba ayengawenzi umsebenzi wawo. Mhlawumbi ayengaziqokeleli izishumi ebantwini okanye engazidluliseli etempileni, njengokuba yayingumsebenzi wawo ukwenjenjalo. (Neh. 12:
10, 11. Liliphi ilungelo elifunyanwa ngabakhonzi bakaYehova xa bexhasa unqulo oluyinyaniso?
10 Ngaba ikho into esiyifundayo koku? Ewe, kusikhumbuza ngelungelo esinalo lokubeka uYehova ngezinto zethu zexabiso. (IMize. 3:9) Eyona nto siyenzayo xa sinikela kumsebenzi kaYehova, kukubuyisela kuye oko ebesiphe kona. (1 Kron. 29:
11 Kangangeminyaka, enye intsapho enkulu yayisoloko imema esinye isibini esikhulileyo nesingoovulindlela abakhethekileyo ukuze idle naso kanye ngeveki. Nakuba kule ntsapho kwakukho abantwana abasibhozo, unina wayedla ngokuthi, “Ziqale zayintoni iipleyiti ezimbini xa sizongeza kwezabantu abalishumi?” Sisenokubonakala njengento encinane isidlo nje esinye ngeveki, kodwa babenombulelo gqitha abo vulindlela ngobo bubele! Nabo aba vulindlela baba yintsikelelo kule ntsapho. Ukhuthazo namava abo anceda abantwana balapho benza inkqubela ngokomoya. Bonke baba kwinkonzo yexesha elizeleyo.
12. Nguwuphi umzekelo omhle omiselwa ngamadoda amiselweyo ebandleni?
12 Nasi esinye isifundo: NjengoNehemiya, amadoda amiselweyo ebandleni namhlanje amisela umzekelo omhle ekuxhaseni amalungiselelo kaThixo. Abazalwana ebandleni bafunda lukhulu kubo. Xa besenjenjalo, abadala baxelisa umpostile uPawulos. Wayeluxhasa unqulo oluyinyaniso yaye enikela ulwalathiso oluluncedo. Ngokomzekelo, wabachazela iindlela eziliqela eziluncedo zokunikela.
UKWENZA UKUTHANDA KUKATHIXO KUBE YEYONA NTO IBALULEKILEYO
13. Ziziphi izinto ezazisenziwa ngamaYuda athile ezazibonisa ukuba akanaxesha leSabatha?
13 Funda uNehemiya 13:
14, 15. (a) Yintoni enokwenzeka kuthi ukuba asilinganiseli kwindlela esiqhuba ngayo urhwebo? (b) Singena njani ekuphumleni kukaThixo?
14 Sifunda ntoni kulo mzekelo kaNehemiya? Enye into kukuba, simele silinganisele kumkhamo esirhweba ngayo. Kungenjalo, kunokuba lula ukuba lusiphazamise
15 Nakuba kungekho mfuneko yokuba amaKristu agcine iSabatha, uPawulos usixelela ukuba “abantu bakaThixo basasalelwe luphumlo lwesabatha.” Emva koko uthi: “Umntu ongene ekuphumleni kukaThixo naye uphumle kwimisebenzi yakhe, kanye njengoko noThixo wenjenjalo kweyakhe.” (Heb. 4:
UKULONDOLOZA UBUKRISTU
16. Kwenzeka njani ukuze amaSirayeli abe nengxaki yokungazazi ukuba asisizwana azingcwalisele sona uThixo ngomhla kaNehemiya?
16 Funda uNehemiya 13:
17. Abazali banokubanceda njani abantwana babo babe nolwalamano noYehova?
17 Namhlanje simele siqinisekise ukuba siyabanceda abantwana bethu bazi ukuba eyona nto bayiyo bangamaKristu. Bazali nimele nizibuze oku, ‘Ngaba abantwana bam balwazi kakuhle “ulwimi olunyulu” lwenyaniso yeZibhalo? (Zef. 3:9) Ngaba incoko yabo ityhila ukuba baphenjelelwa ngumoya kaThixo okanye owehlabathi?’ Ungatyhafi xa ubona ukuba kukho iinkalo abamele baphucule kuzo. Kuthath’ ixesha ukufunda olu lwimi ngakumbi xa singqongwe ziziphazamiso. Abantwana bakho baphantsi kwengcinezelo enkulu efuna balalanise. Ngoko ke, yiba nomonde uze kuNqulo Lwentsapho uzame ukubanceda babe nolwalamano olusondeleyo noYehova. (Dut. 6:
18. Kutheni abazali abangamaKristu ingabona banokukwazi kakuhle ukunceda abantwana babo bazahlulele kuYehova?
18 Ekugqibeleni, mntwana ngamnye uya kuzenzela isigqibo ngokukhonza uThixo. Sekunjalo, zininzi izinto ezinokwenziwa ngabazali. Banokumisela umzekelo omhle, imiqathango ecacileyo nokuxubusha nabantwana ngemiphumo yezigqibo abazenzayo. Bazali, akakho omnye umntu onokukwazi ngaphezu kwenu ukunceda abantwana benu bazahlulele kuYehova. Bafuna uncedo lwenu ukuze babe ngamaKristu baze ke babulondoloze. Kakade ke, sonke simele sihlale siphaphile ukuze singaphulukani ‘nezambatho zethu zangaphezulu’
UKUKHUNJULWA “NGOKULUNGILEYO”
19, 20. Simele senze ntoni ukuze uYehova asikhumbule ngokulungileyo?
19 Omnye wabantu ababephila ngomhla kaNehemiya yayingumprofeti uMalaki, owabonisa ukuba “incwadi yokukhumbuza yabhalwa . . . ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacinga ngegama lakhe.” (Mal. 3:
20 UNehemiya wathandaza: “Ndikhumbule, Thixo wam, ngokulungileyo.” (Neh. 13: