Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha—UYehova Akasayi Kuwulibala Umsebenzi Wenu!

Lutsha—UYehova Akasayi Kuwulibala Umsebenzi Wenu!

Lutsha—UYehova Akasayi Kuwulibala Umsebenzi Wenu!

“UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.”—HEBHERE 6:10.

1. Incwadi yeBhayibhile yamaHebhere nekaMalaki zibonisa njani ukuba uYehova uyayixabisa inkonzo yakho?

 NGABA wakha wenzela umhlobo wakho into ethile waza akakubulela ngaloo nto? Kusenokuba buhlungu kakhulu ukwenzela umntu ububele aze angayixabisi loo nto okanye, okubi nangakumbi ayilibale ngokupheleleyo. Noko ke, hayi indlela okwahluke ngayo oku xa sinikela inkonzo kuYehova ngentliziyo yethu iphela! IBhayibhile ithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi nilungiselele abangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.” (Hebhere 6:10) Cinga ngentsingiselo yala mazwi. UYehova ebeya kukugqala ingebobulungisa—kusisono—ukuba angakulibala oko ukwenzileyo noko uqhubeka ukwenza enkonzweni yakhe. Ngokwenene unguThixo onoxabiso!—Malaki 3:10.

2. Yintoni eyenza ukukhonza uYehova kube yinto ekhethekileyo ngokwenene?

2 Unelungelo elikhethekileyo lokunqula nokukhonza lo Thixo unoxabiso. Ekubeni unabazalwana abanokuba zizigidi ezithandathu kuphela xa kuthelekiswa nabantu abangamawaka azizigidi ezithandathu ehlabathini lonke, ngokwenene unelungelo elikhethekileyo. Ngaphezu koko, isibakala sokuba uye waphulaphula waza wasamkela esi sigidimi seendaba ezilungileyo kubonisa ukuba uYehova unomdla kuwe. Ngapha koko, uYesu wathi: “Akukho mntu unako ukuza kum ngaphandle kokuba uBawo, owandithumayo, amtsale.” (Yohane 6:44) Ewe, uYehova unceda umntu ngamnye ukuba azuze kwidini likaKristu.

Ukubonakalisa Uxabiso Ngelungelo Elikhulu Onalo

3. Oonyana bakaKora bayichaza njani indlela abalixabisa ngayo ilungelo lokukhonza uYehova?

3 Njengokuba kuchaziwe kwinqaku elandulelayo, ukwimeko ekhethekileyo yokuvuyisa intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Le yinto ongafanele nanini na uyithabathe lula. Kwenye yeendumiso zabo eziphefumlelweyo, oonyana bakaKora bachaza indlela ababelixabisa ngayo ilungelo lokukhonza uYehova. Siyafunda: “Imini ezintendelezweni zakho ilunge ngakumbi kunewaka kwenye indawo. Ndikhethe ukuma embundwini wendlu yoThixo wam kunokuba ndizule kwiintente zobungendawo.”—INdumiso 84:10.

4. (a) Yintoni enokwenza abanye bakujonge ukunqula uYehova njengokubabandeza inkululeko? (b) Yiyiphi indlela uYehova abonakalisa ngayo ukuba uyakubona oko kwenziwa ngabakhonzi bakhe yaye uyakuvuyela ukubanika umvuzo?

4 Ngaba leyo yindlela ovakalelwa ngayo ngelungelo onalo lokukhonza uYihlo osezulwini? Kuyavunywa ukuba, maxa wambi kusenokubonakala ngathi ukunqula uYehova kukubandeza inkululeko. Liyinyaniso elokuba ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile kuthetha umlinganiselo othile wokuzincama. Noko ke, nantoni na uYehova afuna uyenze, ekugqibeleni kuza kuzuza wena. (INdumiso 1:1-3) Ukongezelela, uYehova uyayibona imigudu oyenzayo yaye ubonakalisa uxabiso ngokuthembeka kwakho. Eneneni, uPawulos wabhala esithi uYehova “ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) UYehova usoloko ekulangazelela ukwenjenjalo. Umprofeti olilungisa kaSirayeli wamandulo wathi: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.”—2 Kronike 16:9.

5. (a) Yiyiphi enye yezona ndlela zifanelekileyo onokubonakalisa ngayo ukuba uYehova umthanda ngentliziyo iphela? (b) Kutheni kusenokubonakala kunzima ukuthetha nabanye ngeenkolelo zakho?

5 Enye yezona ndlela zifanelekileyo zokubonakalisa ukuba umthanda uYehova ngentliziyo iphela kukuthetha ngaye kwabanye. Ngaba wakha walifumana ithuba lokuthetha ngeenkolelo zakho kwabo ufunda nabo? Ekuqaleni, oku kusenokubonakala kunzima, yaye ukucinga nje ngako, kunokukothusa. Usenokuzibuza: ‘Kuthekani ukuba bayandihleka? Kuthekani ukuba bacinga ukuba ndikwinkonzo engafaniyo nezinye?’ UYesu wathi asinguye wonke ubani oya kusiphulaphula isigidimi soBukumkani. (Yohane 15:20) Noko ke, oku akuthethi ukuba uya kusoloko ugculelwa okanye uchaswa. Ngokwahlukileyo koko, xa ulutsha oluninzi olungamaNgqina luzimela ngokuqinileyo iinkolelo zalo, oontanga balo baye baphulaphula baza baluhlonela gqitha.

“UYehova Uya Kukunceda”

6, 7. (a) Enye intombazana eneminyaka eli-17 ubudala yakwazi njani ukushumayela kwabo yayifunda nabo? (b) Yintoni oyifundileyo kumava kaJennifer?

6 Kodwa ungayiqweba njani inkalipho yokuthetha ngeenkolelo zakho? Kutheni ungazimiseli ukuthetha ngokunyanisekileyo nangokungqalileyo xa abantu bekubuza ngonqulo lwakho? Cinga ngamava kaJennifer oneminyaka eli-17 ubudala. Uthi: “Kwakusebudeni bekhefu esikolweni. Amantombazana endandihleli nawo ayencokola ngonqulo, yaye enye intombazana yandibuza ukuba ndihamba yiphi icawa.” Ngaba uJennifer wayesoyika ukuphendula? Uyavuma esithi: “Ewe, kuba ndandingaqinisekanga ukuba baza kuthini.” Ngoko ke yintoni awayenzayo uJennifer? Uhlabela mgama esithi: “Ndawaxelela la mantombazana ukuba ndingomnye wamaNgqina kaYehova. Ekuqaleni abonakala emangalisiwe. Kuyabonakala ukuba ayenoluvo lokuba amaNgqina kaYehova ngabantu abaphum’ ecaleni. Oku kwenza ukuba andibuze imibuzo ethile, yaye ndakwazi ukuzilungisa iimbono eziphosakeleyo ayenazo. Kwanakwiintsuku ezilandelayo, amanye ala mantombazana ayedla ngokundibuza imibuzo ethile.”

7 Ngaba uJennifer wazisola ngokuxhakamfula eli thuba lokuthetha ngeenkolelo zakhe? Nakanye! Uthi: “Ndavuya gqitha emva kokuphela kwekhefu. Ngoku loo mantombazana awazi ngokuchanileyo amaNgqina kaYehova.” UJennifer ucebisa esithi: “Ukuba ukufumanisa kunzima ukushumayela kwabo ufunda nabo okanye kootitshala bakho, yenza nje umthandazo omfutshane. UYehova uya kukunceda. Uya kuvuyiswa kukuba uye walisebenzisa kakuhle eli thuba ukuze ushumayele.”—1 Petros 3:15.

8. (a) Umthandazo wamnceda njani uNehemiya xa wayekwimeko angayilindelanga? (b) Ziziphi ezinye iimeko esikolweni ezinokufuna ukuba wenze umthandazo wangaphakathi omfutshane kuYehova?

8 Phawula ukuba uJennifer uthi ‘yenza umthandazo omfutshane’ kuYehova xa kuvela ithuba lokuba uthethe ngeenkolelo zakho. Le yinto kanye eyenziwa nguNehemiya, umngcamli wewayini kaKumkani uArtashashta wasePersi, xa wayejamelene nemeko awayengayilindelanga. UNehemiya wayebonakala ekhathazekile emva kokuxelelwa ngemeko akuyo amaYuda yaye wayevile ukuba udonga namasango aseYerusalem angamabhodlo. Ukumkani waphawula ukuba uNehemiya wayebonakala ekhathazekile, ngoko wambuza uNehemiya ngoko kumkhathazayo. Ngaphambi kokuba aphendule uNehemiya wathandazela ukhokelo. Wandula ke ngenkalipho wacela imvume yokubuyela eYerusalem ukuze aye kuncedisa ekwakhiweni kwakhona kwesi sixeko singamabhodlo. UArtashashta wasamkela isicelo sikaNehemiya. (Nehemiya 2:1-8) Sifunda ntoni koku? Ukuba uziva usoyika xa kuvela ithuba lokushumayela ngeenkolelo zakho, musa ukulilibala ithuba onalo lokuthandaza ngaphakathi. UPetros wabhala: “Liphoseni [kuYehova] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7; INdumiso 55:22.

“Nikulungele Ukuzithethelela”

9. ULeah oneminyaka eli-13 ubudala wakwazi njani ukuhambisa imibhalo engama-23 yencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula?

9 Cinga ngamanye amava. ULeah, oneminyaka eli-13 ubudala wayefunda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo a ebudeni bexesha lekhefu lasemini esikolweni. Uthi: “Abanye babendijongile, yaye kungekudala babendirhangqile. Baqalisa ukundibuza ngento endiyifunda kule ncwadi.” Ekupheleni kolo suku, amantombazana amane ayesele ecele uLeah ukuba awaphathele incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula. Kungekudala la mantombazana ayebolekisa ngale ncwadi kwamanye, nawo lawo afuna ezawo. Kwiiveki ezimbalwa ezilandelayo, uLeah wayesele ehambise imibhalo engama-23 yencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula kubantwana awayefunda nabo nakubahlobo babo. Ngaba kwakulula kuLeah ukuthetha nabanye xa bambuza ngencwadi awayeyifunda? Kwakungenjalo konke konke! Uyavuma esithi: “Ekuqaleni ndandisoyika. Noko ke, ndathandaza yaye ndandisazi ukuba uYehova unam.”

10, 11. Intombazana eselula engumSirayeli yamnceda njani umphathi-mkhosi ongumSiriya ukuba azi ngoYehova, yaye ziziphi iinguqulelo awazenzayo emva koko?

10 Amava kaLeah asenokukukhumbuza imeko enjengeyentombazana eselula engumSirayeli eyayisekuthinjweni eSiriya. UNahaman, umphathi-mkhosi waseSiriya wayeneqhenqa. Kusenokwenzeka ukuba incoko eyakhokelela ekubeni le ntombazana incinane ithethe ngeenkolelo zayo yaqalwa ngumfazi wakhe. Yathi: “Akwaba inkosi yam ibiphambi komprofeti oseSamariya! Ubeya kuyiphilisa kwiqhenqa layo.”—2 Kumkani 5:1-3.

11 Ngenxa yenkalipho yale ntombazana iselula, uNahaman wazi ukuba “akukho Thixo naphi na emhlabeni ngaphandle kwakwaSirayeli.” Wada wagqiba kwelokuba “akayi kuphinda enze umnikelo otshiswayo okanye umbingelelo kubo nabaphi na abanye oothixo ngaphandle koYehova.” (2 Kumkani 5:15, 17) Ngokuqinisekileyo uYehova wayisikelela inkalipho yaloo ntombazana incinane. Unako yaye uya kwenza okufanayo nakulutsha lwanamhlanje. ULeah wakufumanisa kuyinyaniso oko. Ekuhambeni kwexesha, abanye awayefunda nabo bamxelela ukuba incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza yayibanceda kwindlela yabo yokuziphatha. ULeah uthi: “Ndavuyiswa kukwazi ukuba ndandinceda abanye bafunde okungakumbi ngoYehova nokuba baguqule ubomi babo.”

12. Yintoni enokukomeleza ukuze ukwazi ukuzithethelela iinkolelo zakho?

12 Into eyenzeka kuJennifer noLeah isenokwenzeka nakuwe. Landela icebiso likaPetros, owabhala esithi njengomKristu ufanele uhlale ‘ukulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuwe isizathu sethemba elikuwe, kodwa usenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.’ (1 Petros 3:15) Unokukwenza njani oko? Xelisa ihambo yamaKristu enkulungwane yokuqala awathandaza kuYehova ukuba awancede ukuze ashumayele “ngenkalipho yonke.” (IZenzo 4:29) Yandula ke ube nenkalipho xa uthetha nabanye ngeenkolelo zakho. Oku kusenokuba nemiphumo emihle. Ngaphezu koko, uya kuyivuyisa intliziyo kaYehova.

Iividiyo Nomsebenzi Okhethekileyo

13. Olunye ulutsha luye lwasebenzisa waphi amathuba ukuze lushumayele? (Bona iibhokisi kwiphepha 20 nelama-21.)

13 Ulutsha oluninzi luye lwacacisela abo lufunda nabo okanye ootitshala ngeenkolelo zalo lusebenzisa iividiyo. Maxa wambi, umsebenzi wesikolo nawo uye wavula amathuba okuzukisa uYehova. Ngokomzekelo, amakhwenkwe amabini aneminyaka eli-15 ubudala, omabini ingamaNgqina kaYehova, kwathiwa makabhale ingxelo ngenye yeecawa zehlabathi kwiklasi yezifundo zembali yehlabathi. La makhwenkwe abhala ingxelo yawo ngamaNgqina kaYehova, esebenzisa incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo ukuze enze uphando. b Kwakhona kwafuneka athethe ngale ngxelo kangangemizuzu emihlanu. Emva koko, utitshala nabafundi babenemibuzo emininzi kangangokuba la makhwenkwe ema phambi kweklasi imizuzu engama-20 engakumbi. Kwiiveki eziliqela kamva, abanye abantwana abafunda nawo, baqhubeka bewabuza imibuzo ngamaNgqina kaYehova!

14, 15. (a) Kutheni ukoyika umntu kungumgibe? (b) Kutheni ufanele uzimisele ukushumayela ngeenkolelo zakho kwabanye?

14 Njengoko amava andulelayo ebonisa, unokusikelelwa gqitha ngokuxelela abanye ngeenkolelo zakho njengomnye wamaNgqina kaYehova. Musa ukuvumela ukoyika abantu kukuhluthe ilungelo novuyo lokunceda abanye bazi ngoYehova. IBhayibhile ithi: “Ukungcangcazela ngumntu kubeka umgibe, kodwa okholosa ngoYehova uya kukhuselwa.”—IMizekeliso 29:25.

15 Khumbula, njengomKristu oselula unento abayiswele ngokwenene oontanga bakho—indlela efanelekileyo yokuphila ngoku nesithembiso sobomi obungunaphakade kwixesha elizayo. (1 Timoti 4:8) Okubangel’ umdla kukuba, eUnited States—apho unokucinga ukuba abantu ngokuqhelekileyo abakhathali okanye basoloko becinga ngomsebenzi—olunye uhlolisiso luye lwatyhila ukuba isiqingatha solutsha silugqala unqulo njengento ebalulekileyo, yaye omnye kwabathathu kubantu abaselula bathi unqulo “luneyona mpembelelo enkulu” ebomini babo. Kusenokwenzeka ukuba oku kunjalo nakwamanye amazwe. Ngoko ke, oontanga bakho basenokukuvuyela ukukuphulaphula oko ukuthethayo ngeBhayibhile.

Njengomntu Oselula, Sondela KuYehova

16. Yintoni ebandakanyekileyo ekukholiseni uYehova ngaphandle nje kokuthetha ngaye kwabanye?

16 Kakade ke, ukuze uvuyise intliziyo kaYehova kubandakanyeke okungakumbi kunokuthetha nje ngaye. Kwakhona ihambo yakho ifanele ivisisane nemilinganiselo yakhe. Umpostile uYohane wabhala: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Oku uya kukufumanisa kuyinyaniso ukuba usondela kuYehova. Unokukwenza njani oko?

17. Unokusondela njani kuYehova?

17 Ziphe ixesha lokufunda iBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni. Okukhona ufunda ngoYehova, kokukhona kuya kuba lula ukumthobela nokuthetha ngaye kwabanye. UYesu wathi: “Umntu olungileyo uvelisa okulungileyo kubuncwane obulungileyo bentliziyo yakhe; . . . kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” (Luka 6:45) Ngoko ke zalisa intliziyo yakho ngezinto ezilungileyo. Kutheni ungazibekeli usukelo lokwenjenjalo? Mhlawumbi unokuphucula indlela ozilungiselela ngayo iintlanganiso zebandla kule veki izayo. Usukelo lwakho olulandelayo lusenokuba kukunikela impendulo emfutshane ngamazwi akho. Kakade ke, kwakhona kubalulekile ukuba uzenze izinto ozifundileyo.—Filipi 4:9.

18. Enoba uyachaswa, yintoni onokuqiniseka ngayo?

18 Iintsikelelo ezifumaneka ngokukhonza uYehova zihlala ixesha elide—eneneni, ngonaphakade. Liyinyaniso elokuba, ngamanye amaxesha unokuchaswa okanye ugculelwe kuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Kodwa cinga ngoMoses. IBhayibhile ithi “wayekhangele ngenyameko emvuzweni.” (Hebhere 11:24-26) Nawe unokuqiniseka ukuba uYehova uya kukusikelela ngemigudu oyenzayo ukuze ufunde uze uthethe ngaye. Eneneni, akasayi ‘kuwulibala umsebenzi wakho nothando owalubonisayo ngegama lakhe.’—Hebhere 6:10.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

Ngaba Uyakhumbula?

• Kutheni unokuqiniseka ukuba uYehova uyayixabisa inkonzo yakho?

• Ziziphi iindlela zokushumayela esikolweni abanye abaye bazifumanisa ziphumelela?

• Yintoni enokukomeleza ukuze ukwazi ukushumayela kwabo ufunda nabo?

• Unokusondela njani kuYehova?

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 20]

Kwanabancinane Badumisa UYehova!

Kwanabancinane baye bakwazi ukushumayela esikolweni. Qwalasela la mava mafutshane.

Iklasi yebanga (grade) lesihlanu ka-Amber oneminyaka elishumi ubudala yayifunda incwadi engokuhlaselwa kwamaYuda ngamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi ll. UAmber wagqiba kwelokuba aphathele utitshalakazi wakhe ividiyo ethi Purple Triangles. Lo titshalakazi wamangaliswa kukuva ukuba amaNgqina kaYehova nawo ayetshutshiswa phantsi kolawulo lwamaNazi. Lo titshalakazi wayidlalela iklasi yonke le vidiyo.

Xa wayeneminyaka esibhozo ubudala, uAlexa wabhalela iklasi yakhe ileta echaza isizathu sokuba engenanxaxheba kumbhiyozo weKrismesi. Utitshala wakhe wayechukumisekile kangangokuba wamcela uAlexa ukuba ayifunde le leta ngokuvakalayo eklasini nakwezinye iiklasi ezimbini! Ngasekuqukumbeleni wathi: “Ndiye ndafundiswa ukuba ndibahlonele abanye abanonqulo olwahlukileyo kolwam, yaye ndiyanibulela ngenxa yokuhlonela isigqibo sam sokungabhiyozeli iKrismesi.”

Kungekudala emva kokuba eqalise ibanga lokuqala, uEric waya nencwadi ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile esikolweni waza wacela imvume yokuyibonisa abanye abantwana afunda nabo. Utitshalakazi wakhe wathi: “Ndinecebo elihle. Kutheni ungafundeli iklasi ibali elinye?” UEric wenjenjalo. Emva koko, wathi bonke abo babefuna imibhalo yale ncwadi mabaphakamise izandla. Kwaphakamisa abantu abali-18—kuquka notitshalakazi! Ngoku uEric uvakalelwa kukuba unentsimi ekhethekileyo anokushumayela kuyo.

UWhitney oneminyaka esithoba ubudala unombulelo ngencwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova Nemfundo. c Uthi: “Umama udla ngokunika ootitshala bam le ncwadana inemifanekiso nyaka ngamnye, kodwa kulo nyaka ndibanike ngokwam. Ngenxa yaloo ncwadana inemifanekiso, utitshalakazi wam uye wandinyula ‘njengomfundi ogqwesileyo kuloo veki.’”

[Umbhalo osemazantsi]

c Zonke ezi ncwadi zikhankanyiweyo zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 21]

Iimeko Abanye Abaye Bazisebenzisa Ukuze Bathethe Ngeenkolelo Zabo

Xa benikwe umsebenzi wokunikela ingxelo okanye omnye umsebenzi wesikolo, bambi baye bakhetha ukuthetha ngento eya kwenza bakwazi ukushumayela

Ulutsha oluninzi luye lwanika ootitshala balo ividiyo okanye impapasho ethetha ngaloo nto luyifundayo eklasini

Xa olunye ulutsha lufunda iBhayibhile okanye incwadi esekelwe eBhayibhileni ebudeni bekhefu olunye ulutsha luye lubuze imibuzo

[Umfanekiso okwiphepha 18]

Abantu abanamava basenokunceda ekuqeqesheni ulutsha ukuze lukhonze uYehova