Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imilinganiselo Yokomoya—Isingise Phi?

Imilinganiselo Yokomoya—Isingise Phi?

Imilinganiselo Yokomoya—Isingise Phi?

“Izibini ezili-15 ziya kwinkonzo [yamaKatolika] yangokuhlwa apho kunikelwa khona amacebiso kubantu abaza kutshata. Kubantu abangama-30 ababekho, kuphela ngabantu aba-3 abathi banokholo.”—ILa Croix, iphephandaba lemihla ngemihla lamaKatolika lesiFrentshi.

IMILINGANISELO yonqulo ikwimeko emaxongo. Kuqweqwe lweNewsweek kaJulayi 12, 1999, uhlelo olufumaneka kumazwe ngamazwe kwabuzwa: “Ngaba UThixo Ufile?” Kubantu basentshona Yurophu, ngokuqinisekileyo impendulo yelo phephancwadi yayibonisa ukuba kunjalo. Inikela ingxelo kwibhunga leCawa yamaKatolika elaliseRoma ngo-Oktobha waloo nyaka, iphephandaba lesiFrentshi iLe Monde lathi: “ICawa ikufumanisa kunzima kunangaphambili ukunikela isigidimi sayo kubantu ‘abasithiyileyo.’ . . . EItali, asingawo onke amaKatolika azamkelayo iimfundiso zale cawa. . . . EJamani, impikiswano engokutyelela iindawo ezicebisa ngokuqhomfa ivula umsantsa phakathi kukapopu nedemokrasi engazimisele ukuphinda ixelelwe into emayiyenze ngoozwilakhe. Abanye sebesithi ukuhlehla ngokukhawuleza [kweNetherlands] kubuKristu kuko okubangele kwakho imilinganiselo ewohlokileyo yokuziphatha nokubulawa kwabantu kuba besezintlungwini.”

Le meko phantse injalo nakwezinye iindawo. Ngowe-1999 uBhishopu Omkhulu waseCanterbury, uGeorge Carey, walumkisa esithi iCawa yaseTshetshi “iza kuphela kwisizukulwana esilandelayo.” Kwinqaku elithi “Isiphelo SobuKristu EYurophu,” iphephandaba lesiFrentshi iLe Figaro lathi: “Oku kuyafana nakwezinye iindawo. . . . Abantu baya beyithandabuza imilinganiselo yokuziphatha neemfundiso ezisisiseko.”

Baya Besiba Mbalwa Abantu Abanomdla Kunqulo

EYurophu, abantu abaya ezicaweni baya bencipha gqitha. Angaphantsi kwe-10 ekhulwini amaKatolika aseFransi aya kwiDini leMisa rhoqo ngeeCawa, ngoxa kuphela ingabantu aba-3 ukusa kwaba-4 ekhulwini abangamaKatolika asePersia abaya rhoqo ecaweni. Kuye kwaphawulwa ukuba eUnited Kingdom, eJamani nakumazwe aseScandanavia kuya inani elifanayo okanye elingaphantsi kwelo.

Enye into ewaxhalabisa ngokunzulu amagosa onqulo kukunqaba kwabo bafuna ukuba ngabefundisi. Ngaphantsi kwenkulungwane, inani labefundisi eFransi liye lancipha gqitha, ukususela kubefundisi abali-14 kubantu abangama-10 000 ukuhla ukusa kumfundisi omnye kubantu abangama-10 000 namhlanje. Kulo lonke elaseYurophu, bayanda abefundisi abadala, yaye ukunqaba kwabefundisi kuyavakala nakumazwe anjengeIreland neBelgium. Kwangaxeshanye, inani labantwana ababhalisa kwizikolo zeecawa liyehla, nto leyo eyenza kuthandabuzeke enoba iCawa yamaKatolika iya kuze ivuseleleke kusini na.

Ngokuphathelele unqulo, abantu abasenantembelo kulo. Kuphela ngabantu aba-6 ekhulwini kubantu baseFransi abakholelwa ukuba “inyaniso inokufumaneka kuphela kunqulo olunye,” xa kuthelekiswa nabantu abali-15 ekhulwini ngowe-1981 nabangama-50 ekhulwini ngowe-1952. Bayanda abantu abangalukhathalelanga unqulo. Inani labantu abathi abahambi cawa liye landa ukususela kuma-26 ekhulwini ngowe-1980 ukusa kuma-42 ekhulwini ngowama-2000.—Les valeurs des Français—Évolutions de 1980 à 2000 (Imilinganiselo YaseFransi—Okwenzekileyo Ukususela Ngowe-1980 Ukusa Kowama-2000).

Inguqulelo Enkulu Kwimilinganiselo Yokuziphatha

Ukuwohloka kwemilinganiselo kuyabonakala nakwindlela yokuziphatha. Njengoko kukhankanywe ngaphambilana, abantu abaninzi abahamba icawa abafuni ukuyamkela imigaqo yokuziphatha yecawa yabo. Abavumelani nesibakala sokuba iinkokeli zonqulo zinelungelo lokubeka imilinganiselo yokuziphatha. Kwakhona aba bantu babemqhwabela izandla upopu ngokulwela amalungelo abantu abamlandeli xa ethetha ngobomi babo bangasese. Ngokomzekelo, umthetho wakhe ngokuthintelwa kwenzala uyatyeshelwa, kwanazizibini ezininzi ezingamaKatolika.

Esi simo sengqondo sichaphazela ngokufanayo abantu abangamakholwa nabangengawo, nabakumgangatho owahlukahlukeneyo wokuphila. Izinto ngokucacileyo ezigwetywayo ziZibhalo Ezingcwele ziyamkelwa. Kwiminyaka engama-20 eyadlulayo, ubufanasini babujongwa njengento embi ngokwenene ngabemi abangama-45 ekhulwini baseFransi. Namhlanje, abantu abangama-80 ekhulwini babujonga njengento eyamkelekayo. Nangona inkoliso yabantu ikuthanda ukuthembeka emtshatweni, kuphela ngabantu abangama-36 ekhulwini abakugqala ukukrexeza njengento engasoze yamkeleka.—Roma 1:26, 27; 1 Korinte 6:9, 10; Hebhere 13:4.

Unqulo Oluyingxubevange

Kubantu baseNtshona, mntu ngamnye unelungelo lokuzikhethela unqulo alufunayo neenkolelo azithandayo. Ezinye iimfundiso ezisisiseko ziyamkeleka, ngoxa ezinye zikhatywa ngawo omane. Bambi bazibiza ngokuba bangamaKristu ngoxa bekholelwa ekuzalweni ngokutsha, yaye abanye bangamalungu eenkonzo ezahlukahlukeneyo kwangaxeshanye. (INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4, 20; Mateyu 7:21; Efese 4:5, 6) Incwadi ethi Les valeurs des Français yabonisa ngokuphandle ukuba abantu abaninzi abakholwayo namhlanje baphambuke ngokwenene kwindlela abayimiselwe yicawa.

Noko ke, ukuzakhela indlela yakho yonqulo kuneengozi ezithile. UJean Delumeau, umbhali-mbali wonqulo nelungu leInstitut de France, ukholelwa ukuba akunakwenzeka ngomntu ukuba azakhele unqulo lwakhe olungahambisani nenkqubo ethile emiselweyo. “Ukholo alunakomelela ukuba alusekelwanga kwiimfundiso ezithile eziluqilima.” Unqulo lufanele lube nemigaqo emihle engokomoya nezenzo ezifanelekileyo zonqulo. Inokufumaneka phi imigaqo emihle ngolo hlobo kwibutho labantu elilala neli livuke neli?

IBhayibhile iphela isikhumbuza ukuba nguThixo omisela imigaqo eyamkelekileyo yehambo neyokuziphatha, nangona enika abantu inkululeko yokuzikhethela enoba bayafuna ukuyilandela okanye akunjalo. Izigidi zabantu ehlabathini lonke ziyaqonda ukuba le ncwadi endala nexatyisiweyo iluncedo namhlanje yaye ‘isisibane elunyaweni lwabo, nokukhanya endleleni yabo.’ (INdumiso 119:105) Bafikelele njani kweso sigqibo? Oku kuya kuthethwa ngako kwinqaku elilandelayo.