Ithini IBhayibhile?
Ngaba iBhayibhile ingakunceda umelane namaxhala?
Ubuya kuthini?
Ewe
Hayi
Mhlawumbi
Oko kuthethwa yiBhayibhile
‘Liphose kuye [uThixo] lonke ixhala lakho, kuba ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) IBhayibhile ikuqinisekisa ukuba uThixo angakunceda uthobe amaxhala onawo.
Enye into esiyifunda eBhayibhileni
Xa uthandaza, unokufumana “uxolo lukaThixo” olukunceda unciphise amaxhala.—Filipi 4:6, 7.
Enye into, xa ufunda iLizwi likaThixo unokukwazi ukumelana nestres.—Mateyu 11:28-30.
Ngaba amaxhala angaze aphele?
Abanye abantu bathi . . amaxhala nestres zizinto umntu amele abe nazo kakade, kanti abanye bona bathi amaxhala aphela xa umntu ephila kwenye indawo emva kokuba efile. Wena uthini?
Oko kuthethwa yiBhayibhile
UThixo uza kuziphelisa izinto ezisenza sibe namaxhala. Akuyi kubakho “kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.
Enye into esinokuyifunda eBhayibhileni
Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, abantu baza kuhlalisana ngoxolo.—Isaya 32:18.
Amaxhala nestres aya kulibaleka.—Isaya 65:17.