Yintoni UBukumkani BukaThixo?
Abantu abaninzi bathandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike, kodwa wakhe wacinga ukuba buyintoni nokuba buza kwenza ntoni?
NANTSI INTO ETHETHWA YIBHAYIBHILE:
Yintoni uBukumkani bukaThixo?
Ngurhulumente wasezulwini, uKumkani wabo nguYesu Kristu.—Isaya 9:6, 7; Mateyu 5:3; Luka 1:31-33.
Buza kwenza ntoni uBukumkani bukaThixo?
Buza kulitshabalalisa eli hlabathi likhohlakeleyo, buzisele abantu abasemhlabeni uxolo olungapheliyo.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10.
Kuthetha ukuthini ukufuna kuqala uBukumkani?
Kuthetha ukuxhasa uBukumkani bukaThixo nokuqiniseka ukuba uThixo uza kusebenzisa bona ukuze kwenziwe ukuthanda kwakhe emhlabeni.—Mateyu 6:33; 13:44.