Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo!

Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo!

Wakhe wacatshukelwa?

Ukuba uthi hayi, mhlawumbi wakhe wambona umntu ocatshukelwayo ngandlela ithile. Ezindabeni kusoloko kuthethwa ngocalucalulo, ukungathandwa kwabantu abathandanayo besini esinye, nokungathandwa kwabantu abasuka kwamanye amazwe—abantu bazondwa kuba uhlanga lwabo lwahlukile, bethandana nabantu besini sabo, okanye besuka kwelinye ilizwe. Ngenxa yaloo nto oorhulumente abaninzi babeka imithetho elwa nale nzondo ixhaphakileyo.

Abantu abakhe beva ubuhlungu ngenxa yokuzondwa, ngokuqhelekileyo nabo baye babazonde abanye. Nabantu abakhe baphathwa kakubi badla ngokufuna ukuziphindezelela yaye loo nto ibangela inzondo ingapheli.

Mhlawumbi wakhe wacalulwa, wajongwa kakubi ngenxa yabantu abasondele kuwe, wahlaziswa, wathukwa okanye woyikiswa. Nangona kunjalo inzondo ayipheleli apho. Inzondo ibangela inkohlakalo embi, ukuphatha kakubi abanye, ukumosha izinto, ukudlwengula, okanye ukubulala.

Le Mboniselo iza kuphendula le mibuzo ilandelayo, ize isibonise nendlela yokuphelisa inzondo:

  • Kutheni ixhaphake kangaka inzondo?

  • Kungapheliswa njani ukuxhaphaka kwenzondo?

  • Ngaba liya kuze libekhona ixesha laxa inzondo ingasekho ngonaphakade?