Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngubani ‘umfazi’ ekuthethwa ngaye kuIsaya 60:1? ‘Uphakama’ aze ‘akhanyise’ njani?

UIsaya 60:1 uthi: “Phakama mfazi, khanyisa, kuba kufikile ukukhanya kwakho. Ubuqaqawuli bukaYehova bukhanya kuwe.” Into ekuthethwa ngayo kule vesi ibonisa ukuba lo “mfazi” wayeyiZiyon okanye iYerusalem, eyayilikomkhulu lakwaYuda ngelo xesha. (Isa. 60:14; 62:​1, 2) IYerusalem imela lonke uhlanga lwakwaSirayeli. La mazwi kaIsaya aphakamisa imibuzo emibini. Owokuqala: IYerusalem yaphakama yaza yakhanyisa nini, futhi njani? Owesibini: Ngaba into eyathethwa nguIsaya iyenzeka namhlanje?

IYerusalem yaphakama yaza yakhanyisa nini, futhi njani? Xa amaYuda ayethinjwe eBhabhiloni iminyaka eyi-70, iYerusalem netempile yayo zazingamabhodlo. Kodwa emva kokuba iBhabhiloni yoyisiwe ngamaMedi namaPersi, amaSirayeli awayethinjwe eBhabhiloni ayenokubuyela kwilizwe lawo, aze aphinde akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. (Ezra 1:​1-4) Ekuqaleni kuka-537 B.C.E., amaYuda awayethembekile azo zoyi-12 izizwe zakwaSirayeli enza loo nto. (Isa. 60:4) Aqalisa ukubingelela kuYehova, ukwenza amatheko nokuphinda akhe itempile. (Ezra 3:​1-4, 7-11; 6:​16-22) Ubuqaqawuli bukaYehova baphinda baqalisa ukukhanya eYerusalem okanye kubantu bakhe. Nabo baba kukukhanya kwiintlanga ezazingamazi uYehova.

Kodwa iziprofeto zikaIsaya zange zenzeke ngokupheleleyo ngelo xesha. AmaSirayeli amaninzi ayeka ukumthobela uThixo. (Neh. 13:27; Mal. 1:​6-8; 2:​13, 14; Mat. 15:​7-9) Ekuhambeni kwexesha aye akamfuna uMesiya, uYesu Kristu. (Mat. 27:​1, 2) Ngo-70 C.E., iYerusalem netempile yayo zatshatyalaliswa okwesibini.

Wayetshilo uYehova ukuba iza kwenzeka loo nto. (Dan. 9:​24-27) Kucacile ukuba ayizizo zonke iziprofeto ezikuIsaya isahluko 60 awayefuna zenzeke kwiYerusalem esemhlabeni.

Ngaba ngoku amazwi kaIsaya enzeka ngendlela engaphezu kwaleyo enzeka ngayo kwiYerusalem esemhlabeni? Ewe, kodwa ngoku enzeka ‘kwiYerusalem ephezulu.’ Umpostile uPawulos wathi: “Ingumama wethu.” (Gal. 4:26) Izidalwa zomoya ezithembekileyo ziyiYerusalem ephezulu, inxalenye esezulwini yentlangano kaThixo. Abantwana bayo nguYesu ne-144 000 yamaKristu athanjisiweyo, anethemba lokuphila ezulwini njengoPawulos. Amakristu athanjisiweyo asisizwe esingcwele, “uSirayeli kaThixo.”​—1 Pet. 2:9; Gal. 6:16.

IYerusalem ephezulu iye ‘yaphakama’ yaza ‘yakhanyisa’ njani? Iye yasebenzisa abantwana bayo abathanjisiweyo abasesemhlabeni. Khawuve ukuba izinto eziye zenzeka kubo zifana njani nezo kwakuprofetwe ngazo kuIsaya isahluko 60.

AmaKristu athanjisiweyo kwafuneka ‘aphakame’ kuba aba sebumnyameni ngenxa yowexuko olwaqala ukwanda emva kokusweleka kwabapostile. (Mat. 13:​37-43) Loo nto yawenza athinjwa yiBhabhiloni Enkulu, ingqokelela yazo zonke iicawe zobuxoki. Ahlala ethinjiwe de yalixesha ‘lokupheliswa kweli hlabathi,’ elaqala ngo-1914. (Mat. 13:​39, 40) Kungadlulanga minyaka mingaphi, ngo-1919 akhululwa, aza ngoko nangoko aqalisa ukukhanyisa ngokuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela. a Emva koko, abantu bazo zonke iintlanga baye baqhubeka besiza koko kukhanya. Kwabo bantu kukho uSirayeli kaThixo, “ookumkani” ekuthethwa ngabo kuIsaya 60:3.​—ISityhi. 5:​9, 10.

Kwixesha elizayo amaKristu athanjisiweyo aza kukhanyisa ngaphezu kokuba esenza. Aza kuyenza njani loo nto? Xa esweleka, aza kuba yinxalenye ‘yeYerusalem Entsha,’ okanye umtshakazi kaKristu. Xa ewonke la maKristu ayi-144 000 aza kuba ngookumkani nababingeleli kunye noYesu.​—ISityhi. 14:1; 21:​1, 2, 24; 22:​3-5.

IYerusalem Entsha iza kudlala indima ebalulekileyo ekubeni enzeke amazwi akuIsaya 60:1. (Thelekisa uIsaya 60:​1, 3, 5, 11, 19, 20 neSityhilelo 21:​2, 9-11, 22-26.) Njengokuba urhulumente wamaSirayeli wayeseYerusalem, iYerusalem Entsha noKristu baza kuba ngurhulumente wehlabathi elitsha. IYerusalem Entsha ‘ihla njani iphuma ezulwini kuThixo’? Ngokunceda abantu abasemhlabeni. Iza ‘kukhanyisela’ abantu aboyika uThixo nabaphuma kuzo zonke iintlanga. Baza kukhululwa esonweni nasekufeni. (ISityhi. 21:​3, 4, 24) Ekugqibeleni ‘kuza kubuyiselwa zonke izinto’ njengokuba uIsaya nabanye abaprofeti batshoyo. (IZe. 3:21) Oko kubuyiselwa kwezinto kwaqala xa uKristu waba nguKumkani. Kuza kuphela ekupheleni kweMinyaka Eliwaka yokulawula kwakhe.

a Ukuphinda kukhonzwe uYehova ngendlela ayifunayo okwenzeka ngo-1919 kuphinda kuthethwe ngako kuHezekile 37:​1-14 nakwiSityhilelo 11:​7-12. Umprofeti uHezekile wabonisa ukuba emva kwexesha elide kakhulu ethinjiwe, onke amaKristu athanjisiweyo ayeza kuphinda amkhonze ngendlela ayifunayo uYehova. Isiprofeto esikwiSityhilelo sithetha ngeqela elincinci labazalwana abathanjisiweyo ababekhokela, nababengasebenzi kangangexeshana kuba babevalelwe etrongweni. Emva kokuba bekhululwe, baphinda bawuqala phantsi umsebenzi kaYehova. Ngo-1919 bamiselwa ukuba babe ‘likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’​—Mat. 24:45; jonga incwadi ethi Ekugqibeleni​—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo, iphe. 118.