AMAZWE NABANTU
Ukutyelela ENicaragua
ABANTU badla ngokuthi iNicaragua lilizwe lamachibi neentaba-mlilo. Eli lizwe linelona chibi likhulu kuMbindi Merika—iChibi laseNicaragua. Izizwe zomthonyama zilibiza ngokuba yiCocibolca, igama elithetha “uLwandle Olunencasa.” Inamakhulukhulu eziqithi yaye kuphela kwechibi elinezilwanyana zaselwandle, njengookrebe nezinye iintlanzi.
INicaragua ineyona ndawo isemagqagaleni eMbindi Merika ebizwa ngokuba luNxweme lweMosquito. Igubungela umgama ozikhilomitha eziyi-65 kunxweme olusempuma ukuya kwilizwe elingummelwane iHonduras. AmaMiskito lelinye lamaqela abantu bomthonyama eNicaragua ababehlala apho ngaphambi kokuba kufike abantu abamhlophe ngeminyaka yoo-1500.
AmaMiskito ngabantu abathandanayo ibe nezithethe zabo zohluke gqitha. Ngokomzekelo ulwimi lwabo alunazo izihlonipho ezithi “Mnu” okanye “Nkszn.” Kwimimandla yasemaphandleni, abantwana badla ngokuthi “malume” okanye “anti” xa bethetha nabantu abadala enoba bayazalana okanye akunjalo. Ngokwesithethe
sabo xa amabhinqa ebulisa abahlobo okanye izalamane abulisana ngezidlele. Lize ibhinqa elibulise kuqala lisezele umoya ngeempumlo.Iincwadi zeBhayibhile zesiMayangna nesiMiskito, ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova