Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

OKWENZEKA EHLABATHINI

Makhe Sithethe NgeAsia

Makhe Sithethe NgeAsia

IAsia lelona lizwekazi linabantu abaninzi emhlabeni. ITshayina neIndiya zizodwa nje zinabantu abangaphezu kwesithathu sabantu abakhoyo emhlabeni. Ziziphi iingxaki ejamelene nazo iAsia ekufundiseni nasekukhuseleni abemi bayo?

Ulwazi Luyabakhusela Abantwana

Ngokutsho kwabasemthethweni eTshayina, abantwana baba sesichengeni sokuxhatshazwa xa abazali babo bengabafundisi ngesondo ngoxa besebancinane. Iinkundla zamatyala eTshayina zifumene izimangalo ezimalunga ne-8 000 zokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo kule minyaka mine idluleyo. Uprofesa wezomthetho kwiYunivesithi iNormal eseBeijing uthi, abantwana “basesichengeni ibe baxhatshazwa lula. Kubalulekile ukuba bafundiswe ngako ukuze bakhuselwe ekuxhatshazweni.”

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE: Abazali abalumkileyo bafundisa abantwana babo indlela abanokuzikhusela ngayo “emntwini othetha izinto ezigwenxa.”—IMizekeliso 2:1, 10-12.

UKUFA KWABANTU EMVA KWENKANYAMBA

Kuhlolisiso oluye lwenziwa kufunyaniswe ukuba inani leemveku ezingamantombazana ezifayo kwisithuba sonyaka emva kwenkanyamba kwiiPhilippines, liliphinda kayi-15 inani labantu ababulewe yinkanyamba uqobo. Kuqikelelwa ukuba oku kubangelwa kukunqaba kwemisebenzi emva kokuhlasela kwenkanyamba, iindleko zokwakha izakhiwo ezidilikileyo, nokunganyanyekelwa kweemveku ezingamantombazana ngokutya nangamayeza.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE: ‘Yahlulela olambileyo isonka sakho, ungenise abantu abaxhwalekileyo nabangenamakhaya endlwini yakho, uze umambese ohamba ze.’—Isaya 58:7.

UKUZIBULALA KWABANTU ABADALA KUMZANTSI KOREA

Kubantu abaye bazibulala kuMzantsi Korea ngo-2011, abangaphezu kwe-25 pesenti kubo baneminyaka eyi-65 ubudala nangaphezulu. Abanye abaphengululi bathi ingxaki kukungakhathalelwa kwabantu abadala nokudodobala kwezoqoqosho, phantse i-50 pesenti yabantu abadala abakuMzantsi Korea ithwaxwa yindlala. Ngoku, bambalwa gqitha abantu bakuMzantsi Korea abasabambelele kwinto yokuba abazali abalupheleyo bamele banyanyekelwe ngabantwana babo.

OKUTHETHWA YIBHAYIBHILE: “Beka uyihlo nonyoko.”—Efese 6:2.