OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
UBukumkani BukaThixo
Ngaba uBukumkani bukaThixo yinto nje esentliziyweni?
“Akukho kude nobukumkani bukaThixo.”
—Marko 12:34.
OKO KUTHETHWA NGABANTU
Abantu abaninzi bacinga ukuba uBukumkani bukaThixo “kukulawula kukaThixo intliziyo nobomi bomntu othile,” njengoko ifundisa njalo enye icawa enkulu ezibiza ngokuba yeyamaKristu.
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
UBukumkani ngurhulumente wokwenene kungekhona nje ukuvumela komntu uThixo ukuba alawule intliziyo yakhe. UBukumkani bukaThixo buza kulawula emhlabeni wonke.
Ngoko wayethetha ukuthini uYesu xa wathi “ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu”? (Akekeliswe sithi; Luka 17:
Buyintoni uBukumkani bukaThixo?
“Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”
—Mateyu 6:10.
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
UBukumkani ngurhulumente kaThixo olawulwa nguYesu Kristu. (Mateyu 28:18; 1 Timoti 6:14, 15) Injongo yabo kukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni nasezulwini. (Mateyu 6:10) UThixo uza kusebenzisa obu Bukumkani ukuze asombulule zonke iingxaki zethu. UBukumkani buza kwenza izinto abangasoze bakwazi ukuzenza abantu.
Xa kulawula uBukumkani bukaThixo, siza kuhlala ngoxolo, sikhuseleke size sonwabe kwiparadesi eza kuba lapha emhlabeni. (INdumiso 46:9; Isaya 35:1; Mika 4:4) Akukho mntu oya kuphinde agule, yaye zonke izifo ziza kuphela. (Isaya 33:
OKO UNOKUKWENZA
Kungakhathaliseki ukuba uzalwa ngubani okanye wazalelwa phi, ukuba uyamthobela uThixo, nawe unokulawulwa buBukumkani bakhe. IBhayibhile ithi: “UThixo akakhethi buso, kodwa kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”
Ngaba abantu banokubuzisa uBukumkani bukaThixo?
“UThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe.”
—Daniyeli 2:44.
OKO KUTHETHWA NGABANTU
Abanye bakholelwa ukuba abantu baza kuzisa uBukumkani bukaThixo emhlabeni, ngokuguqula abanye okanye ngokuzisa uxolo emhlabeni.
OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
UBukumkani bumiselwa nguThixo
KUTHENI UMELE UBE NOMDLA KOKU?
Sonke siyanqwenela ukubona uxolo nomanyano emhlabeni. Usenokude usebenze nzima uzama ukuzisa uxolo nomanyano emhlabeni uze udane xa ubona ukuba ubuya nembad’ esikhova. Ukwazi ukuba nguThixo kuphela oza kuzisa obu Bukumkani kumele kukwenze ungazinkali ngenyhek’ etyeni, kodwa ufune ukulawulwa buBukumkani bakhe.