OKWENZEKA EHLABATHINI
KwaSirayeli
IWebhsayithi ekuthiwa yi-Haaretz.com ithi, abantwana “abazalwa beneziphene engezibonwe ngaphambi kokuba bazalwe” abanakumangalela oogqirha besithi babengafanele babavumele bazalwe. Noko ke, abazali banokucela ukuncediswa ngemali “ukuze bakwazi ukuhlawula iindleko zokukhulisa umntwana onesiphene ubomi bakhe bonke.”
EOstreliya
Amadoda nabafazi baseOstreliya abasi-8 kwabali-10 baqala bahlalisane ngaphambi kokuba batshate.
EGrisi
Isebe Lezempilo laseGrisi lithi inani labantu abazibulalayo kwelo liye landa nge-40 pesenti kwiinyanga ezintlanu zokuqala ngowama-2011, xa kuthelekiswa nexesha elifanayo ngowama-2010. Oku kwenzeke ngexesha lokuqalisa kokuwohloka kwezoqoqosho kwakutshanje.
EMerika
INatural Resources Defense Council ithi ukutya okuninzi kwelo kuyalahlwa. Ngokomzekelo, kuqikelelwa ukuba i-7 pesenti yezilimo ayivunwa, i-17 pesenti yokutya okuthengiswa kwiivenkile zokutyela akutyiwa yaye iintsapho ezininzi ziyakulahla ukutya okuninzi ezikuthengayo.
EMadagascar
Olona lovane luncinane emhlabeni luye lwafunyanwa kutshanje eMadagascar. Amanye ala malovane amdaka ngebala, mancinci kangangokuba angonela nakuzipho lomntu. Esi silwanyana sisengozini yokutshabalala phezu komhlaba.