Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Into Enokwenziwa Ngabazali

Into Enokwenziwa Ngabazali

“Abantwana babexinene eklasini! Kwakungekho moya befuthaniselekile bubushushu.”—ULuis, eBolivia.

“Isikolo sethu sasinootitshala abambalwa, ngoko babengakwazi ukunikela ingqalelo kumntwana ngamnye. Kwakungekho zimaphu, ilebhu ingenazixhobo, nkqu nethala leencwadi.”—UDorcus, eMyanmar.

“Kootitshala bam abaninzi kwakunzima ukulawula abantwana eklasini. Maxa wambi abantwana babengalawuleki, nto leyo yayisenza kube nzima ngakumbi ukufunda.”—UNina, eMzantsi Afrika.

NJENGOKUBA ezi ngxelo zingasentla zibonisa, imeko yezinye izikolo yenza kube nzima ngakumbi ukufunda. Njengomzali, yintoni onokuyenza ukunceda abantwana bakho bafunde kakuhle phezu kwazo nje iingxaki ezikhoyo? Nanga amanye amacebiso.

Khangela Into Onokuyenza.

Kunokulibala ziingxaki—ezingaphaya kwamandla akho—yenza oko kusemandleni akho. Xa kubonakala ukuba umntwana wakho uyoyiswa sisifundo esithile okanye usindwa ngumsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya okanye awufumana esikolweni, zama ukuthetha naye ukuze nifune isicombululo. Ngokomzekelo, ngaba akufuneki umenzele indawo efanelekileyo yokufunda ekhaya? Ngaba ufuna uncedo ukuze azenzele ucwangciso ukuze afeze umsebenzi omninzi? Ngaba uya kuncedakala xa enokufumana umntu wokumnceda kwezo zifundo? Ukuze ufumane amacebiso angakumbi, usenokuthetha notitshala wakhe. Mjonge njengehlakani lakho, kungekhona utshaba.

Nceda umntwana angayilibali eyona nto ayifuna kwimfundo.

Imfundo mayibe yinto yokunceda umntwana akwazi ukusingatha iimbopheleleko anazo xa emdala. Eyona nto iphambili kuye mayingabi kukuzizuzela ubutyebi kuyo. Noko ke, uphando lubonisa ukuba yiloo nto kanye abajonge kuyo abantwana abaninzi—ukuzuza ubutyebi. IBhayibhile ikhuthaza ukuba silungelelane kwindlela esikujonga ngayo ukuba nezinto. Nakuba ivuma ukuba “imali iyakhusela,” iphinda ilumkise ngeli “abo bazimisele ukuba zizityebi” abayi kulufumana ulonwabo lokwenene.—INtshumayeli 7:12; 1 Timoti 6:9.

Imfundo mayibe yinto yokunceda umntwana akwazi ukusingatha iimbopheleleko anazo xa emdala

Vumela umntwana afunde ukujamelana nobunzima.

Ootitshala abaninzi bathi nakuba kukho abantwana besikolo ekunzima ukusebenzisana nabo, kukwakho nabazali ekunzima ngakumbi kunabo. Abanye abazali bakhawuleza bagxuphuleke baze baqhankqalaze xa umntwana wabo esiba sengxakini okanye engaqhubi kakuhle esikolweni. Ngokomzekelo, iphephancwadi iTime lichaza ngomnye unjingalwazi wasekholeji owayefundisa abantwana ababesithi “xa bengapasanga bavele baqubule iselfowuni bafowunele abazali kanye apho eklasini emva koko bayinike  yena kuba abazali befuna ukuthetha naye. Abanye babemxelela ezimpondweni ukuba bahlawule imali eninzi ukuze abantwana babo bafunde bebonisa ukuba akukho nto bayilindeleyo ngaphandle kokuba abantwana babo baphumelele emagqabini.”

Ootitshala abaninzi bathi nakuba kukho abantwana besikolo ekunzima ukusebenzisana nabo, kukwakho nabazali ekunzima ngakumbi

Abazali abanjalo ababancedi abantwana babo. Enyanisweni, “kunokubahlangula,” babavalela amathuba “okujamelana nezigqibo zobuyatha ezibangele bangaphumeleli baze balungise umonakalo,” ubhala atsho uPolly Young-Eisendrath kwincwadi yakhe ethi The Self-Esteem Trap. Wongeza athi: “Ukuba abazali bathanda ukugxuphuleka bazithathele kubo iingxaki zabantwana babo, ngabo abaya kuzazi iindlela zokucombulula ngoxa abantwana besala bengoohata.”

Lungelelana kwindlela oyisukela ngayo imfundo.

Njengoko sekutshiwo ngasentla, imfundo inokunceda umntwana wakho akwazi ukuzimela naxa emdala. (Genesis 2:24) Kodwa yimfundo engakanani efunekayo ukuze kuphunyezwe olo sukelo?

Musa ukulindela ukuba umntwana wakho umele aye eyunivesithi ukuze akwazi ukuziphilisa. Zikho nezinye iindlela ezingafuni imali eninzi. Yinyaniso ukuba kwezinye iimeko abantu abanobuchule bokwenza izinto ngezandla banokuphila ubomi obubhetele ngaphezu kwabantu abaphumelele eyunivesithi.

Undoqo: Namhlanje abantwana bajamelana neengxaki ezazingekho kwiminyaka embalwa yamashumi eyadlulayo, yaye nezikolo abafunda kuzo zinabantwana abangafezekanga. Kodwa umntwana wakho unako ukuphumelela ukuba uyamxhasa! Njengentsapho, kutheni ningaxubushi amacebiso afumaneka kwiphepha 3 ukusa kwele-7 leli phephancwadi?