Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Abantu Abaselula Bayabuza

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Ndenza konke okusemandleni ukutsala ingqalelo yakhe. Ndimxelele yonk’ into ngam—izinto endinazo, iindawo endizihambileyo, nabantu endibaziyo. Kumele ukuba uyakufuna ngokwenene ukuthandana nam!

Ingathi umhlaba ungavuleka uze undiginye! Uthetha ukuba akaboni ukuba andinamdla kuye? Ndingayiphelisa njani le ncoko ngaphandle kokuba krwada?

UKHULE ngokwaneleyo ukuba uthandane. Ungathanda ukufumana umntu omthandayo noneenkolelo ezifanayo nezakho. (1 Korinte 7:39) Kodwa ke, ngaphambili, xa ubusithi uyaqala ukwazi umntu othile, ubuye uvakalelwe ngokungathi uyasilela.

Ukuba ufuna ukwazi ngakumbi intombazana ethile, ziintoni ofanele ucinge ngazo kuqala? Yaye yiyiphi imigaqo yeBhayibhile ofanele uyikhumbule?

Oko Ufanele Ukwenze Kuqala

Ngaphambi kokuba uthandane nentombazana ethile, kukho izinto ofanele uziqwalasele, yaye zona ziya kukunceda ukuba ube ngumhlobo wabantu bonke. Qwalasela oku kulandelayo.

◼ Yiba nesimilo. IBhayibhile ithi uthando “aluziphathi ngokungandilisekanga.” (1 Korinte 13:5) Ukuba nesimilo kuthetha ukuba uyabahlonela abanye yaye uzabalazela ukuba nobuntu bukaKristu. Noko ke, ukuba nesimilo akufani nokunxiba isuti ukuze utsale ingqalelo yabanye, uze wakufika ekhaya uyikhulule. Zibuze, ‘Ngaba ndibonakalisa isimilo xa ndikunye namalungu entsapho yakowethu?’ Ukuba akunjalo, kuya kuba nzima ukuba nesimilo xa ukunye nabanye abantu. Khumbula ukuba, ukuze intombazana enengqiqo ifumanise uhlobo lomntu onguye, iza kuqwalasela indlela owaphatha ngayo amalungu entsapho yakho.—Efese 6:1, 2.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Ndiyamthanda umntu onesimilo, enoba usibonakalisa kwizinto ezincinane ezifana nokundivulela ucango, yaye ndiyamthanda nomntu onobubele kum nakwintsapho yasekhaya.”—UTina, oneminyaka engama-20 ubudala. a

“Ndiyakruquka xa umntu endiqalayo ukudibana naye endibuza imibuzo yobuqu, njengothi ‘Uyathandana?’ nothi ‘Luyintoni usukelo lwakho?’ Andikuthandi oko yaye kundenza ndingakhululeki!”—UKathy, oneminyaka eli-19 ubudala.

Zigcine ucocekile. Ukuzigcina ucocekile kuthetha ukuba akuhloneli kuphela abanye kodwa nawe uyazihlonela. (Mateyu 7:12) Ukuba uyazihlonela, kuyakuba lula ukuba nabanye bakuhlonele. Kwelinye icala, ukuba akunikeli ngqalelo kucoceko, imizamo yakho yokufuna ukuthandana iya kuba lilize.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Omnye umfana owayenomdla kum wayenevumba elibi. Ndandingakwazi ukumelana nalo.”—UKelly, oneminyaka engama-24 ubudala.

◼ Hlakulela ubuchule bokuncokola. Kubalulekile ukuba nonxibelelwano oluhle ukuze ulwalamano lwenu luhlale luhleli. Oku akubandakanyi nje kuphela izinto onomdla kuzo kodwa nezinto umhlobo wakho anomdla kuzo.—Filipi 2:3, 4.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Ndiyathanda xa umfana encokola ngokukhululekileyo nam, naxa ekhumbula izinto endimxelele zona aze andibuze nemibuzo ukuze ahambisele phambili incoko.”—UChristine, oneminyaka engama-20 ubudala.

“Ndicinga ukuba abafana batsaleleka koko bakubonayo, kodwa amantombazana amaninzi atsalwa koko akuvayo.”—ULaura, oneminyaka engama-22 ubudala.

“Ndiyakuthanda ukufumana izipho. Kodwa eyona nto ndiyixabisa ngokwenene, kuxa umfana ekwazi ukuncokola kakuhle, andithuthuzele aze andikhuthaze ngamazwi akhe.”—UAmy, oneminyaka engama-21 ubudala.

“Ndiyamthanda umntu othandayo ukuqhula, kodwa ndifuna kwanomntu okwaziyo ukuthetha ngezinto ezibhadlileyo, angazenzisi.”—UKelly, oneminyaka engama-24 ubudala.

Ukusebenzisa la macebiso kuya kukunceda ukwazi ukuba nabahlobo. Noko ke, xa uziva ukuba ukulungele ukuthandana nentombazana ethile, yintoni ofanele uyenze?

Inyathelo Elilandelayo

◼ Thatha inyathelo. Xa uvakalelwa kukuba umhlobo othile omthandayo unokuba liqabane elifanelekileyo lomtshato, mxelele. Zenze ucace yaye umxelele indlela ovakalelwa ngayo. Liyinyaniso elokuba oku kunokuba nzima. Usenokoyika ukwaliwa. Kodwa ukuthabatha kwakho inyathelo kubonisa ukuba ukhulile.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andikwazi ukukubona oko kusengqondweni yomntu. Ukuba umntu unomdla kum, ufanele anyaniseke, avele angqale andixelele.”—UNina, oneminyaka engama-23 ubudala.

“Kunokuba nzima oku, xa benisele ningabahlobo kangangexesha elithile. Kodwa ndingamhlonela umntu onokundixelela ukuba angathanda ukuba singabi ngabahlobo nje.”—UHelen, oneminyaka engama-25 ubudala.

Sihlonele isigqibo sentombazana. Kuthekani ukuba umhlobo wakho akavumi? Mhlonele ngokumkholelwa ukuba uyayazi intliziyo yakhe yaye uhayi wakhe nguhayi. Uya kubonakalisa ukungakhuli xa ungayekeleli. Ngokwenene, ukuba akusikhathalelanga isigqibo esenziwe yiloo ntombazana—mhlawumbi ude ube nomsindo kuba ikwalile—ngaba ucinga ngezilangazelelo zayo okanye ezakho?—1 Korinte 13:11.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Iyandikruqula into yokuba umfana angafuni ukundiyeka nangona sele ndimalile.”—UColleen, oneminyaka engama-20 ubudala.

“Ndamchazela omnye umfana ukuba ndandingenamdla kuye, kodwa waqhubeka efuna inombolo yam yefowuni. Ndandingafuni ukuba krwada. Ngapha koko, kwakungelula ukuba achaze indlela avakalelwa ngayo. Kodwa ekugqibeleni kwafuneka ndibambelele kwisigqibo sam.”—USarah, oneminyaka engama-23 ubudala.

Oko Ungamele Ukwenze

Abanye abafana abaselula bavakalelwa kukuba abanangxaki yokufumana amantombazana. Banokude bakhuphisane noontanga babo ukuba ngubani onokuba namantombazana amaninzi. Kodwa ke, ukwenjenjalo kubonakalisa inkohlakalo yaye oko kuya kukwenza udume kakubi. (IMizekeliso 20:11) Unokuyiphepha loo nto ukuba wenza oku kulandelayo.

Ungadlali ngothando. Udlalani usebenzisa amazwi enkohliso nezimbo zomzimba ezivuselela inkanuko. Akananjongo yokuba nibe nolwalamano olubekekileyo lokuthandana. Izenzo nesimo sengqondo esinjalo azivumelani noko kuthethwa yiBhayibhile ngokuphatha “amabhinqa amancinane njengoodade wenu unobunyulu bonke.” (1 Timoti 5:2) Kunzima ngodlalani ukuba nabahlobo nokuba abe liqabane elifanelekileyo lomtshato. Amantombazana aqolileyo ayakwazi oko.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andimthandi umntu okuncomayo ube usazi ukuba uthethe into efanayo nakumhlobo wakho kwinyanga nje ephelileyo.”—UHelen, oneminyaka engama-25 ubudala.

“Enye inzwana eyayindincwasile yayidla ngokuthetha ngesiqu sayo. Xa kwafika enye intombazana yathetha into efanayo nakuyo. Kwandula ke kwafika nenye yesithathu, yaza yathetha amazwi afanayo nakuyo. Ndandingayithandi loo nto!”—UTina, oneminyaka engama-20 ubudala.

Musa ukudlala ngeemvakalelo zamantombazana. Ungacingi ukuba ulwalamano kunye nomntu wesini esahlukileyo kuyafana nokuba nolwalamano nomntu wesini esifanayo nesakho. Ngoba? Cinga ngoku: Ukuba uncoma omnye umfana kuba efanelwa yisuti yakhe entsha okanye uncokola naye ngokuthe rhoqo uze uphalaze imbilini yakho kuye, akunakwenzeka ukuba acinge ukuba ufuna ukuthandana naye. Kodwa ukuba uncoma intombazana ethile okanye uhlala uncokola nayo uze uphalaze imbilini yakho kuyo, inokucinga ukuba unomdla wokuthandana nayo.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andiqondi ukuba abafana bayazi ukuba abanakuqhubana namantombazana ngendlela efanayo nabanye abafana.”—USheryl, oneminyaka engama-26 ubudala.

“Maxa wambi kuyenzeka ukuba umfana othile afumane inombolo yam yefowuni, aze aqalise ukundithumelela imiyalezo. Kunokuphumela entweni oko? Kunokubangela ukuba sisondelelane, kodwa akukho nto ingako esinokuyincokola xa sithumelelana imiyalezo nje kuphela?”—UMallory, oneminyaka eli-19 ubudala.

“Andiqondi ukuba abafana bayazi ukuba kulula ngamantombazana ukuba abathande, ingakumbi xa benenkathalo yaye kulula ukuthetha nabo. Oku akuthethi kuthi kudala efuna ukutshata. Nto nje kungenxa yokuba amantombazana amaninzi aya kufuna ukutshata ngenye imini.”—UAlison, oneminyaka engama-25 ubudala.

Yiba Nengqiqo

Ayikho sengqiqweni into yokucinga ukuba uza kuthandwa ngamantombazana onke. Kodwa amanye anako ukukuthanda xa unokukhumbula oku: Ubuntu bakho bubaluleke ngaphezu kwenkangeleko yakho. Akumangalisi ke ngoko ukuba iBhayibhile ibethelele imfuneko yokuhlakulela “ubuntu obutsha.”—Efese 4:24.

UKate oneminyaka engama-21 ubudala, ukushwankathela ngale ndlela oku: “Abafana bacinga ukuba ukuze bathandwe ngamantombazana bafanele banxibe okanye bakhangeleke ngendlela ethile. Nangona oku kunokuba yinyaniso ukusa kumkhamo othile, ndicinga ukuba amantombazana amaninzi atsaleleka kubafana ngenxa yobuntu babo.” b

Amanye amanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” afumaneka kwiWeb site ethi www.watchtower.org/ype

[Imibhalo esemazantsi]

a Amagama kweli nqaku atshintshiwe.

b Funda isahluko 3 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 2, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

OMELE UCINGE NGAKO

◼ Unokubonisa njani ukuba uyazihlonela?

◼ Unokubonisa njani ukuba uyazihlonela iingcinga neemvakalelo zentombazana?

[Umfanekiso okwiphepha 19]

Ukuba nesimilo akufani nokunxiba isuti ukuze utsale ingqalelo yabanye, uze wakufika ekhaya uyikhulule