Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ndithand’ Indlela Azibeka Ngayo Izinto”

“Ndithand’ Indlela Azibeka Ngayo Izinto”

“Ndithand’ Indlela Azibeka Ngayo Izinto”

Latsho njalo isekela lomphathi weshishini laseYucatán, eMexico, ngokuphathelele indlela iphephancwadi uVukani! eliyixubusha ngayo imibandela. Xa lalibhala ileta latsho nokuba uVukani! lamva ngelinye iNgqina elisebenza nalo kwinkampani ethengisa i-inshorensi.

Lathi ngokuphathelele uVukani!: “Ngumthombo wokwenene wenkcazelo nenyaniso. Ndithand’ indlela azibeka ngayo izinto, kuba akatyekelanga nakweliphi icala lezobupolitika yaye akaxabisanga bantu bathile ngaphezu kwabanye. Ndiye ndafumana indlela yokucombulula iingxaki ngokufunda eli phephancwadi. Le yimpapasho enomtsalane, elungeleleneyo, esexesheni nefundisayo. Ndinothulel’ umnqwazi ngokunyanisekileyo!”

Kwiminyaka eliqela eyadlulayo uVukani! wakha waxubusha ngocelomngeni lokuhlangabezana nokufa komntu omthandayo. Kamva loo nkcazelo yaphinda yahlelwa yaza yakhutshwa kwincwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Mhlawumbi wena okanye umntu othile omaziyo unokuthuthuzelwa kukufunda le ncwadana inemifanekiso inamaphepha angama-32. Unokuzicelela umbhalo wayo ngokuzalisa uze uthumele iphetshana elingezantsi kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.

◻ Ndithumeleleni umbhalo wencwadana enemifanekiso ethi Xa Umntu Omthandayo Esifa.

◻ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.