Intshayelelo YeLizwi LikaThixo
IBhayibhile inomyalezo kaThixo okanye amazwi akhe abhalelwe thina. Isibonisa indlela esinokubuphila ngayo ubomi bethu ukuze siphumelele, nendlela esinokumvuyisa ngayo uThixo. Iphendula nale mibuzo ilandelayo:
INDLELA YOKUFUMANA IIVESI ZEBHAYIBHILE
IBhayibhile ineencwadi eziyi-66. Yahlulwe kabini: IZibhalo zesiHebhere nesiAramiki (“iTestamente Endala”) neZibhalo zesiGrike (“iTestamente Entsha”). Incwadi nganye inezahluko neevesi. Xa kucatshulwa izibhalo, inani lokuqala emva kwegama lencwadi sisahluko, lize inani okanye amanani alandelayo abe ziivesi. Ngokomzekelo, iGenesis 1:1 ibhekisela kwiGenesis isahluko 1, ivesi 1.