Kubalisa uYohane 17:1-26
17 Emva kokuba uYesu ethethe ezi zinto, wajonga ezulwini, wathi: “Tata, lifikile ixesha. Mzukise unyana wakho, ukuze naye akuzukise.+
2 Wonke umntu umbeke phantsi kolawulo lwakhe,+ ibe yena uza kubanika ubomi obungunaphakade+ bonke abo umnike bona.+
3 Ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade,+ kufuneka bakwazi kakuhle wena okuphela koThixo wokwenene,+ nalowo umthumileyo, uYesu Kristu.+
4 Ndikuzukisile emhlabeni,+ ndawugqiba nomsebenzi obundinike wona.+
5 Ngoko ke Tata, ndizukise ecaleni kwakho ngozuko endandinalo ecaleni kwakho phambi kokuba ihlabathi libekho.+
6 “Ndilazisile igama lakho kubantu ondinike bona, ubathatha ehlabathini.+ Babengabakho, wena wabanika mna, baza bathobela ilizwi lakho.
7 Ngoku bayazi ukuba zonke izinto endinazo zivela kuwe;
8 kuba ndibaxelele izinto endizive ngawe,+ ibe bazamkele baza baqiniseka ukuba ndingummeli wakho,+ ndithunywe nguwe.+
9 Ndicelela bona; andiceleli hlabathi, kodwa ndicelela abo undinike bona, kuba ngabakho;
10 ibe zonke izinto zam zezakho, nezakho zezam,+ kwaye ndizukisiwe phakathi kwabo.
11 “Mna andisekho sehlabathini, kodwa bona basehlabathini,+ ibe mna ndiza kuwe. Tata Ongcwele, ndicela ubagade+ ngenxa yegama lakho ondinike lona, ukuze babe banye* njengokuba nathi sibanye.*+
12 Xa bendikunye nabo ndiye ndabagada+ ngenxa yegama lakho ondinike lona; ibe ndiye ndabakhusela, akwatshabalala namnye kubo+ ngaphandle konyana wentshabalalo,+ ukuze kwenzeke izinto ezibhaliweyo.+
13 Kodwa ngoku ndiza kuwe, ibe ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze bonwabe ngokupheleleyo njengam.+
14 Ndibafundise izinto ezisuka kuwe, kodwa ihlabathi liye labacaphukela, kuba abangabo abehlabathi,+ njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.
15 “Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ndicela ukuba ubakhusele kuSathana.*+
16 Abangabo abehlabathi,+ njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.+
17 Benze babe ngcwele ngenyaniso;+ ilizwi lakho liyinyaniso.+
18 Ndibathume ehlabathini, njengokuba nawe wandithuma ehlabathini.+
19 Ndizigcina ndingcwele ngenxa yabo, ukuze nabo inyaniso ibenze babe ngcwele.
20 “Andiceleli aba bodwa, kodwa ndicelela nabo baza kuzikholelwa izinto abazifundisayo ngam,
21 ukuze bonke babe banye,+ njengokuba nawe Tata umanyene nam, nam ndimanyene nawe,+ baze nabo bamanyane nathi, ukuze ihlabathi likholwe ukuba ndithunywe nguwe.
22 Ndibanikile uzuko endandilunikwe nguwe, ukuze babe banye njengokuba nathi sibanye.+
23 Mna ndimanyene nabo, nawe umanyene nam, ukuze sibe banye ngokupheleleyo, lize ihlabathi lazi ukuba ndithunywe nguwe, nokuba ubathanda ngendlela ondithanda ngayo nam.
24 Tata, ndifuna abo undinike bona, babe kunye nam apho ndikhoyo,+ ukuze balubone uzuko ondinike lona, kuba wandithanda ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.*+
25 Tata olilungisa, ihlabathi alikwazi nyhani ukuba ungubani,+ kodwa mna ndiyakwazi,+ nabo undinike bona bayazi ukuba ndithunywe nguwe.
26 Ndibafundisile ngegama lakho, ibe ndiza kuqhubeka ndibafundisa,+ ukuze bathande abanye abantu ngendlela wena ondithanda ngayo, ndize ndimanyane nabo.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “bamanyane.”
^ Okanye “simanyene.”
^ Ngokoqobo, “kumenzi-bubi.”
^ Oko kukuthi, ngaphambi kokuzalwa kwabantwana baka-Adam noEva.