Kubalisa uYohane 13:1-38
13 UYesu wayesazi kwangaphambi kwetheko lePasika ukuba selifikile ixesha+ lokuba emke kweli hlabathi, aye kuTata wakhe.+ Wayesoloko ebathanda abalandeli bakhe abakweli hlabathi, ibe wabathanda de kwasekupheleni.+
2 Ngoku kwakutyiwa isidlo sangokuhlwa, ibe noMtyholi wayesele efake entliziyweni kaYudas Skariyoti,+ unyana kaSimon, umoya wokujikela uYesu.+
3 UYesu wayesazi ukuba uTata wakhe uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto, esazi nokuba uvela kuThixo, ibe uza kubuyela kuye.+
4 Ngoko waphakama etafileni, wazibeka ecaleni izambatho zakhe zangaphezulu, wathatha itawuli wayibhinqa.+
5 Emva koko, wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, waza wazosula ngetawuli awayeyibhinqile.
6 Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba iinyawo zam?”
7 UYesu wathi: “Awuzukuyiqonda okwangoku le nto ndiyenzayo, kodwa uza kuyiqonda ekuhambeni kwexesha.”
8 UPetros wathi: “Soze uzihlambe ezam iinyawo.” UYesu wathi: “Ukuba awuvumi,+ awuzukukwazi ukuhlala nam.”
9 USimon Petros wathi: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, sele undihlamba izandla nentloko.”
10 UYesu wathi kuye: “Umntu ohlambileyo akuyomfuneko ukuba ahlanjwe enye indawo ngaphandle kweenyawo, kuba sele ecocekile. Kodwa omnye wenu akacocekanga.”
11 Wayithetha loo nto kuba wayesele esazi ukuba uza kujikelwa ngubani.+ Yiloo nto wathi: “Omnye wenu akacocekanga.”
12 Emva kokuba ehlambe iinyawo zabo, wanxiba izambatho zakhe zangaphezulu, waphinda wahlala etafileni, wathi kubo: “Niyayiqonda na le nto ndigqiba kuyenza?
13 Nithi ‘Mfundisi’ okanye ‘Nkosi’ xa nindibiza, ibe ninyanisile, kuba kunjalo.+
14 Ngoko ke, ukuba mna ndihlambe iinyawo zenu,+ ndakugqiba ukuba yiNkosi noMfundisi, nani nimele* nihlambane iinyawo,+
15 kuba ndinibonisile indlela enimele nenze ngayo. Le nto ndiyenzileyo kuni, nani nimele niyenze.+
16 Ndiyaniqinisekisa ukuba, ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo, nalowo uthunyiweyo akakho mkhulu kunalowo umthumileyo.
17 Ngoku niyazazi ezi zinto, ibe niza konwaba ukuba niyazenza.+
18 Andithethi ngani nonke; ndiyabazi endibakhethileyo. Le nto yenzeke ukuze sibe yinyani isibhalo esithi:+ ‘Indoda ebisitya isonka sam, indiphakamisele isithende.’*+
19 Ngoku ndinixelela le nto ngaphambi kokuba yenzeke, ukuze xa isenzeka nikholwe ukuba esi sibhalo sithetha ngam.+
20 Ndiyaniqinisekisa ukuba, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela nam,+ ibe nabani na ondamkelayo, wamkela naLowo undithumileyo.”+
21 UYesu wakhathazeka kakhulu emva kokuba ethethe ezi zinto, wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, omnye wenu uza kundijikela.”+
22 Abafundi bajongana, bengazi ukuba uthetha ngabani.+
23 Omnye umfundi, owayethandwa nguYesu,+ wayehleli ecaleni kwakhe,*
24 ibe uSimon Petros wanqwala ejongise kulo mfundi, wathi: “Khawutsho, uthetha ngabani?”
25 Lo mfundi wasondela kuYesu, wathi: “Nkosi, ngubani lowo?”+
26 UYesu wathi: “Ngulowo ndiza kuncinda isonka ndize ndimnike.”+ Ngoko wancinda isonka, wasinika uYudas, unyana kaSimon Skariyoti.
27 Emva kokuba uYudas ethathe esi sonka, wangenwa nguSathana.+ UYesu wathi kuye: “Khawuleza uyigqibe le nto uyenzayo.”
28 Kodwa ke, akukho nomnye kwabo babehleli etafileni owayesazi ukuba kutheni esitsho.
29 Abanye babecinga ukuba, ekubeni uYudas wayegcina ibhokisi yemali,+ uYesu wayesithi kuye, “Hamba uyokuthenga izinto eziza kufuneka ethekweni,” okanye mhlawumbi wayesithi makubekho imali ayipha amahlwempu.
30 Wasithatha eso sonka, waphuma. Ngelo xesha kwakusele kusebusuku.+
31 Akuba emkile uYudas, uYesu wathi: “Ngoku uNyana womntu uzukisiwe,+ ngenxa yaloo nto noThixo uzukisiwe.
32 UThixo uza kumzukisa,+ ibe uza kumzukisa ngokukhawuleza.
33 Bantwana abancinci, sendiza kunishiya. Niza kundikhangela; kodwa njengokuba ndandithe kumaYuda, ‘Apho ndiya khona aninakuza,’+ loo nto ndiyitsho nakuni.
34 Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane. Nimele nithandane+ ngale ndlela nam ndinithande ngayo.+
35 Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”+
36 USimon Petros wathi kuye: “Nkosi, uza kuya phi?” UYesu wathi: “Awunakukwazi okwangoku ukuya apho ndiya khona, kodwa uza kulandela.”+
37 UPetros wathi: “Nkosi, kutheni ndingenakuya ngoku? Ndixolele ukukuncamela ubomi bam.”+
38 UYesu wathi: “Ungandincamela ubomi bakho? Ndiyakuqinisekisa ukuba, uza kuthi ungekakhonyi umqhagi, ube sowundiphike kathathu.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “nani ninyanzelekile ukuba.”
^ Okanye “indijikele.”
^ Ngokoqobo, “wayehleli ngasesifubeni sakhe.”