Yobhi 39:1-30
39 “Uyalazi na ixesha ezizala ngalo iibhokhwe zasezintabeni?+
Wakha walibukela na ixhamakazi lizala?+
2 Uyazibala na iinyanga zokukhulelwa kwalo?
Khona, uyalazi ukuba lizala nini?
3 Ziyathoba xa zizala amatakane azo,Ize iphele ke inimba yazo.
4 Amatakane azo ayomelela aze akhulele apho endle;Ayemka angaphindi abuye.
5 Ngubani okhulule idonki yasendle?+Ingubani okhulule iintambo zayo?
6 Ndiye ndenza intlango yaba likhaya layo,Ndayihlalisa kumhlaba onetyiwa.
7 Iyasihleka isiphithi-phithi sesixeko;Ayikuva ukukhwaza komntu oqhuba izilwanyana.
8 Ibhadula ezintabeni ifuna amadlelo,Ikhangela zonke izityalo eziluhlaza.
9 Ingakusebenzela na inkunzi yenkomo yasendle?+
Ingahlala na esitalini sakho ubusuku bonke?
10 Ungayibopha na ngentambo ukuze uvule ifolo,Okanye ulime ngayo entlanjeni?
11 Ungawathemba na amandla ayo,Uze uyiyeke ikwenzele umsebenzi?
12 Ungayithemba na ukuba iza kukuthwalela isivuno sakho,Isise kwibala lokubhula?
13 Iyabukeka inciniba xa iphaphazelisa amaphiko ayo,Kodwa awathathi nto kwiintsiba zengwamza.+
14 Kuba yona inciniba iwashiya phantsi amaqanda ayo,Iwafudumeza ngomhlaba.
15 Iyalibala ukuba asenokunyathelwa ngumntuOkanye sisilwanyana sasendle.
16 Iwakhohlakalela ngathi asingowayo amantshontsho ayo;+Ayinaxhala lokuba izalele ilize.
17 Kuba uThixo akayinikanga bulumko,*Ibe uyivimbe nengqondo.
18 Kodwa xa iphakama ize iphaphazelise amaphiko ayo,Iyalihleka ihashe nomkhweli walo.
19 Nguwe na olinike amandla ihashe?+
Nguwe na okhulise isingci entanyeni yalo?
20 Uyakwazi na ukulenza litsibe okwentethe?
Kuyoyikeka ukubetha kwalo ithatha.+
21 Liphala ngamandla entlanjeni,+Lisiya ngqo edabini.+
22 Liyayihleka into eyoyikisayo, ibe aloyiki nto.+
Alibuyi mva ngenxa yekrele.
23 Isingxobo seentolo simane singqubeka kulo,Kube kusithi lenye imikhonto.
24 Liphala lisiya phambili, lingasakwazi nokulinda,Kuthi kwakutsho isandi sophondo, lingabambeki.
25 Luthi lwakuvuthelwa uphondo lithi, ‘Heke!’
Liliva likude ivumba ledabi,Liva nokukhwaza kweenkumanda nesandi semfazwe.+
26 Bubulumko bakho na obunika ukhetshe ubuchule bokubhabha,Athi naa amaphiko akhe esiya ngasemzantsi?
27 Okanye nguwe na oyalele ukhozi ukuba lubhabhe luye phezulu,+Luze luyakhele phezulu indlwane yalo,+
28 Luhlale emaweni ebusuku,Kumawa akhuselekileyo?
29 Lukukhangela lulapho ukutya,+Kuba amehlo alo abona kude.
30 Amantshontsho alo afunxa igazi;Wofika lulapho kukho izidumbu.”+
Umbhalo osemazantsi
^ Ngokoqobo, “uyenze yabulibala ubulumko.”