Yobhi 21:1-34
21 UYobhi waphendula wathi:
2 “Ndimameleni kakuhle;Niya kuba niyandithuthuzela ngaloo ndlela.
3 Khanindiyeke ndithethe ndigqibe;Emva koko ningandigxeka.+
4 Ngaba ngumntu lo ndimkhalazelayo?
Nicinga ukuba kutheni ndinomonde kangaka?
5 Jongani kum nimangalisiwe,Nibeke izandla emilonyeni yenu.
6 Ndithi ndakuyicinga le nto ndiphazamiseke,Nditsho ndingcangcazele umzimba wonke.
7 Kutheni abenzi-bubi beqhubeka bephila,+Besiba badala, baze babe zizityebi?*+
8 Abantwana babo bahlala bekunye nabo;Bahlala beyibona inzala yabo.
9 Bakhuselekile ezindlini zabo, yaye aboyiki nto;+UThixo akabohlwayi ngentonga yakhe.
10 Iinkunzi zabo zeenkomo ziyamithisa,Neemazi zabo ziyazala.
11 Oonyana babo badlala phandle oku komhlambi,Nabantwana babo bayatsiba-tsiba.
12 Bayacula bekhalisa amagubu neehadi,Bavuye bakuva kukhaliswa ifleyiti.*+
13 Yonke imihla banelisekile,Yaye baya engcwabeni* beseluxolweni.*
14 Kodwa bathi kuThixo wokwenene, ‘Khawusiyeke!
Asifuni kuyazi imithetho yakho.+
15 Ngubani uSomandla, le nto kufuneka de simkhonze?+
Kuza kusinceda ngantoni ukusondela kuye?’+
16 Kodwa ndiyazi ukuba abaphumeleli ngamandla abo.+
Mna andicingi njengabenzi-bubi.+
17 Sicinywa kangaphi isibane sabenzi-bubi?+
Ibafikela kangaphi intlekele?
Ubohlwaya kangaphi uThixo ecaphukile?
18 Ngaba bakhe baphetshethwe ngumoya njengeendiza,Okanye bafane nomququ ophetshethwa sisaqhwithi?
19 UThixo wohlwaya oonyana bomenzi-bubi ngenxa yesono sakhe.
Kodwa akwaba ebengohlwaya yena ukuze ave ukuba kunjani.+
20 Kwanga intlekele ingehlela yena,Ibe nguye ova umsindo kaSomandla.+
21 Kuba iza kumchaphazela ngantoni into eyenzeka endlini yakhe,Xa ekhawuleze wafa?+
22 Ukhona na umntu onokufundisa uThixo,+Ekubeni inguye ogweba nabona bantu baphakamileyo?+
23 Omnye umntu ufa ekwazi ukuzenzela yonke into ayifunayo,+Ekhululekile yaye engenaxhala lanto.+
24 Ufa amathanga akhe egcwele amanqathaNamathambo akhe omelele.*
25 Kodwa omnye umntu ufa exhwalekile,Engakhange akhe aphile kamnandi.
26 Bobabini baza kulala eluthulini,+Batyiwe ziimpethu.+
27 Mamelani! Ndiyazi kakuhle into eniyicingayo,Nendlela eniceba ukundikhathaza ngayo.*+
28 Kuba nithi, ‘Iphi na indlu yalaa mntu kuthiwa ubalulekile;Iphi na intente awayehlala kuyo laa menzi-bubi?’+
29 Kutheni ningabuzi abakhenkethi?
Kutheni ningayimameli into abayithethayo,
30 Nize niqonde ukuba ngemini yentlekele umenzi-bubi uyasinda,Yaye uyahlangulwa ngemini yomsindo?
31 Ngubani oza kumphendulisa ngezinto azenzileyo,Yaye ngubani oza kumohlwaya ngenxa yazo?
32 Uza kusiwa emangcwabeni,Aze enzelwe umlindo.
33 Ulala ngoxolo emhlabeni,+Yaye bonke abantu bayamlandela,+Njengokuba bekunjalo nakwabo babengaphambi kwakhe.
34 Ngoko kutheni nisenza ngathi niyandithuthuzela?+
Yonke into eniyithethayo bubuxoki!”
Umbhalo osemazantsi
^ Okanye “babe namandla.”
^ Okanye “impempe.”
^ Funda Ingcaciso Yamagama.
^ Okanye “ngomzuzwana,” oko kukuthi, bafa ngokukhawuleza bengevanga ntlungu.
^ Ngokoqobo, “Nomongo wamathambo akhe ufumile.”
^ Okanye kusenokwenzeka, “eniceba ukundenzakalisa ngayo.”