Yobhi 14:1-22
14 “Umntu ozelwe ngumfazi,Unobomi obufutshane+ obugcwele iinkathazo.+
2 Untshula njengentyatyambo, akhawuleze abune;*+Uthi tshe oku kwesithunzi, aphel’ emehlweni.+
3 Kaloku ilihlo lakho lihlala lijonge kuye,Uze umgwebe.*+
4 Ngubani onokuzala umntu ococekileyo akuba yena engacocekanga?+
Akakho!
5 Ukuba iintsuku zakhe zimbalwa,Inani leenyanga zakhe laziwa nguwe;Umbekele umda angenakugqitha kuwo.+
6 Mfulathele azokutsho aphumle,Ade awugqibe umsebenzi wakhe wosuku njengomntu oqeshiweyo.+
7 Kuba nomthi lo unalo ithemba.
Nokuba ungagawulwa, uza kuphinda ukhule,Namasetyana awo aqhubeke ekhula.
8 Ukuba iingcambu zawo ziyabola,Nesikhondo sawo sife,
9 Uza kuhluma ngokuva nje ivumba lamanzi,Uze uvelise amasebe njengesityalo esitsha.
10 Kodwa yena umntu uyafa, angakwazi kwenza nto;Xa umntu efile, sukuba eyephi?+
11 Amanzi athi shwaka elwandle,Nomlambo utshe uze wome.
12 Nomntu uyalala aze angavuki.+
Akazukuphakama de lingabikho izulu,Engazukuvuswa nakobo buthongo.+
13 Owu akwaba ubungandifihla engcwabeni,*+Undifihle de uphele umsindo wakho,Undibekele ixesha uze undikhumbule!+
14 Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?+
Ndiza kulinda ke iphele imihla yobukhoboka bam,De ndikhululeke.+
15 Uza kubiza, ndisabele.+
Uza kukufuna ngamandla ukuphinda uwubone umsebenzi wezandla zakho.
16 Kodwa okwangoku, ugade yonke indawo endinyathela kuyo;Eyona nto uyigadileyo kum sisono.
17 Isono sam sivalelwe engxoweni,Usivale ngci ngeglu.
18 Njengokudilika kwentaba,Nokuwa kweliwa,
19 Njengamanzi ekhuthula amatyeNemisinga ikhukulisa umhlaba,Wena uliphelisile ithemba lomntu.
20 Uyamcinezela de atshabalale;+Uyayitshintsha indlela ayiyo, uze umtshabalalise.
21 Nokuba oonyana bakhe banikwa imbeko, akayazi loo nto;Nokuba sele bejongelwa phantsi, akayiboni loo nto.+
22 Intlungu uyiva kuphela xa esaphila;Uzila kuphela xa engekafi.”