Yeremiya 30:1-24

  • Kuthenjiswa ukuba baza kubuyiselwa baze baphiliswe (1-24)

30  Ilizwi elafika kuYeremiya livela kuYehova lalisithi:  “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Wabhale encwadini onke la mazwi ndiwathetha kuwe.  Kuba “jonga! kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kubaqokelela ngayo abantu bam abathinjiweyo, uSirayeli noYuda,”+ utsho uYehova, “yaye ndiza kubabuyisela kwilizwe endalinika ookhokho babo, liphinde libe lelabo.”’”+  La ngamazwi uYehova awawathethayo kuSirayeli nakuYuda.   Kuba uthi uYehova: “Siye seva izandi zokungcangcazela;Abantu bayoyika, yaye akukho luxolo.   Khanincede nibuzise ukuba indoda iyakwazi na ukuzala. Kodwa kutheni ndibona onke amadoda omeleleyo ebeke izandla eziswini*Njengebhinqa elibelekayo?+ Kutheni wonke umntu ephatshe ubuso?   Mawoo! Kuba loo mini yimini embi.*+ Ayikho enjengayo,Lixesha lentlungu kuYakobi. Kodwa uza kusindiswa kulo.”  “Ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiza kuyaphula idyokhwe esentanyeni yakho, neentambo* zakho ndiza kuziqhawula, yaye abantu basemzini abazukuphinda bamenze ikhoboka.*  Baza kuba ngabakhonzi bakaYehova uThixo wabo nezicaka zikaDavide ukumkani wabo, endiza kubavelisela yena.”+ 10  “Wena ke mkhonzi wam Yakobi sukoyika,” utsho uYehova,“Sukoyika, yhini Sirayeli.+ Kuba ndiza kukusindisa ulee kudeNenzala yakho ikwilizwe eyathinjelwa kulo.+ UYakobi uza kubuya, azole yaye angaphazanyiswa,Kungabikho mntu umoyikisayo.”+ 11  “Kuba ndinawe,” utsho uYehova, “ukuze ndikusindise. Ndiza kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikuchithachithele kuzo.+Kodwa ke wena andizukukutshabalalisa.+ Ndiza kukuqeqesha* ngendlela ekufaneleyo,Nakanjani soze ndingakohlwayi.”+ 12  Kuba uthi uYehova: “Akunyangeki ukuwa kwakho.+ Isilonda sakho asinyangeki. 13  Akukho mntu ukuthethelelayo,Akukho ndlela yakusinyanga isilonda sakho. Awunyangeki. 14  Zonke izithandwa zakho zikulibele.+ Azisakufuni. Kuba ndikubethe ngendlela obuza kubethwa ngayo lutshaba,+Ngendlela ohlwaya ngayo umntu okhohlakeleyo,Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi.+ 15  Kutheni ukhala ngenxa yokuwa kwakho? Intlungu yakho ayinyangeki! Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi+Ndiyenzile le nto kuwe. 16  Ngoko ke bonke abo bakuqwengayo baza kuqwengwa,+Zonke iintshaba zakho ziza kuthinjwa.+ Abo boxutha izinto zakho baza koxuthelwa izinto zabo,Yaye ndiza kubenza ixhoba abo bakwenza ixhoba.”+ 17  “Kodwa ndiza kukwenza ube sempilweni, ndiphilise nezilonda zakho,”+ utsho uYehova.“Nangona bekubiza ngokuba ungumntu olahliweyo, besithi: ‘IZiyon, ekungekho mntu uyifunayo.’”+ 18  Uthi uYehova: “Ngoku ndiqokelela abathinjwa beentente zikaYakobi,+Ndiza kuba nosizi ngeentente zakhe. Isixeko siza kuphinda sakhiwe kwindulana yaso,+Inqaba ekhuselekileyo iza kuma kwisiza sayo esifanelekileyo. 19  Kuza kuphuma umbulelo nesandi sokuhleka kubo.+ Ndiza kubenza babe baninzi, yaye abazukuba mbalwa;+Ndiza kubenza babe baninzi,*Ibe abazukudelelwa.+ 20  Oonyana bakhe baza kuba njengakumaxesha akudala,Yaye phambi kwam ibandla lakhe liza kuma lingagungqi.+ Ndiza kulwa nabo bonke abacinezeli bakhe.+ 21  Ohloniphekileyo wakhe uza kuphuma ebantwini bakhe,Nomlawuli wakhe uza kuvela kuye. Ndiza kumenza asondele, yaye uza kuza kum.” “Kuba ngubani onokuba nesibindi* sokuza kum?” utsho uYehova. 22  “Niza kuba ngabantu bam,+ ndize mna ndibe nguThixo wenu.”+ 23  Jonga! Isaqhwithi sikaYehova siza kuvuthuza ngomsindo,+Isivuthuvuthu esivuthuza kwintloko yabenzi-bubi. 24  Umsindo kaYehova awuzukujikaDe ayenze ayigqibe yonke into intliziyo yakhe ezimisele ukuyenza.+ Ekupheleni kwemihla uza kuyiqonda le nto.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “esinqeni.”
Ngokoqobo, “enkulu.”
Ngokoqobo, “nezibopho.”
Okanye “babenze amakhoboka.”
Okanye “kukulungisa.”
Okanye kusenokwenzeka, “bahlonitshwe.”
Ngokoqobo, “onokunikela intliziyo yakhe njengesibambiso.”